IKomiti yeThutyana ejongene noNikezelo lweeNkonzo (UKUTSHINTSWA KOMHLA). 



INdlu yoWiso-Mthetho yeSizwe yasungula iKomiti yeThutyana ukuze ityelele iindawo zasekuhlaleni ngeenjongo zokuhlola imeko yokunikezelwa kweenkonzo phantsi komxholo othi “Sisebenza sonke ngenjongo yokuqinisekisa ukuba sinika uluntu iinkonzo ezisemgangathweni”.. Owona msebenzi uphambili wale Komiti kukwenza uphando mayelana nenkqubela-phambili kunikezelo lweenkozo kwanokuqwalasela imiceli mngeni kweza ndawo bezinogwayimbo ukuze inike  ingxelo kwiNdlu yoWiso-Mthetho yeSiswe, ngxelo leyo ekufuneka icace, ibe nezindululo ezinokufezekiswa kunye nesiphakamiso sezicwangciso-qhinqa ezinokusetyentziswa njengomkhomba-ndlela. 



Ukuzakuthi ga ngoku, iKomiti ityelele indawo ezisemaphandleni  nasezidolophini, yaze yabamba iindibano zovakaliso-zimvo ePalamente nasemaphondweni. Iindibano zovakaliso-zimvo ePalamente ziqale ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-4 kweyoMdumba yowama-2010. 

 

Kutyelelo lwayo  lwamaphondo, le Komiti iza kuhlola iindawo ezihlala abantu ize iphinde ifakane imilomo nabahlali, amagosa oorhulumente basekhaya, amagosa asuka kumasebe wamaphondo, iikomiti zeewadi, imibutho yoluntu, kunye noosomashishini ngokubanzi. Ezi ndibano zovakaliso-zimvo ziza kuqala ngomhla we-17 ukuya kowama-21 kuCanzibe wowama-2010 kumaphondo amathathu. 



Uluntu luyamenywa kwezi ndibano zovakaliso-zimvo eziza kubanjelwa kula maphondo alandelayo :



IPHONDO
 
INDAWO
 
UMHLA 
 
IXESHA
 

 
LIMPOPO
 
Thulamela Local Municipality

(Malamulele Boxing Gym

 Hall in Vhembe District)



Molemole Local Municipality (Matseke Resource Centre) 


 
17th May 2010





19th May 2010
 
10h00





10h00
 

 
NORTHERN CAPE 
 
Dikgatlong Local Municipality (Mataleng Sports Ground in Barkley West)


 
17th May 2010 


 
16h00
 

 
KWA-ZULU NATAL
 
eThekwini Metro Municipality 

(eThekwini City Hall)

Msunduzi Local Municipality (Edendale Lay Centre in kwaMachibisa)


 
17th May 2010 



19th May 2010
 
16h00



16h00
 

 






