ABAFAZI NEPALAMENTE

1.KUBALULEKE NGANTONI UKUBA ABAFAZI BATHATHE INXAXHEBA EKWENZENI IMITHETHO?

                                                                                                                                                           

Ukubandakanywa kwabafazi ekuthabatheni izigqibo kusisiseko samalungelo oluntu. Abafazi kufuneka bathathe inxaxheba ekwenziweni imithetho kuba oko kuyabuchaphazela ubomi babo bemihla ngemihla, ngokomgaqo-nkqubo karhulumente. Okubalulekileyo kwakhona kokuba, uphando lubonisa ukuba kubakho ugqaliselo olongezelelekileyo nolumandla xa abafazi bethatha inxaxheba ekwenzeni izigqibo eziza kuphucula intlalo yabantu bonke. Ukonyuka kwenani labafazi abathath' inxaxheba ekwenzeni imithetho kunokukhokelela ekuphuculweni kwamathuba okufikelela kwiinkonzo ezingundoqo ezifana nezindlu, imfundo kunye nezentlalo-ntle.  

2. BANGAYITHATHA NJANI INXAXHEBA ABAFAZI EKWENZENI IMITHETHO?
UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika uthi makubekho ufikelelo nokubandakanyeka koluntu kwiPalamente nakwimisebenzi yayo.
Oku kungenzeka ngeendlela ngeendlela.  

Abafazi bangathatha inxaxheba ekwenzeni imithetho ngokuvotela iqela lezopolitiko abacinga ukuba liya kumela izimvo nemicimbi yabo ePalamente. Basenokuzibandakanya ekuququzeleleni, ekulisebenzeleni nokuba bonyulwe kwiqela elo abalichongileyo. Abafazi banyukele kumanqwanqwa aphezulu ngolu hlobo..  

Uluntu lunelungelo lokuya kwiintlanganiso zekomiti kunye nokuthath inxaxheba kwiiNdibano zoVakaliso-zimvo. Ukuba umba lowo ungotshis ibunzi, iKomiti kwiNdlu yoWiso-mthetho okanye ekwiBhunga lamaPhondo kaZwelonke basenokugqiba ekubeni kubanjwe iindibano zoxakaliso-zimvo okanye bamemelele ukuba kufakwe izingeniso. Uluntu lusenokwazisa iKomiti yeMicimbi yeSebe okanye iKomiti eKhethekileyo ngezimvo zalo ngomba lowo uxoxwayo. Uluntu lusenokuqhagamshelana neLungu lePalamente ukuze luvakalisa izimvo zalo ngomthetho othile.


3. NGAWAPHI AMALUNGISELELO OMGAQO-SISEKO AWENZA UKUBA ABAFAZI BAKWAZI UKUTHATH INXAXHEBA

UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika ubonelela ngesikhokelo sokuxhaswa kokulingana ngokwesini, kunye nokuthath inxaxheba kwabafazi ekwenzeni imithetho. UMgaqo-siseko unamalungiselelo okuqhubela phambili ngokulingana ngokwesini. UXwebhu lwamaLungelo oLuntu luqinisekisa ngokuphathwa ngokulinganayo kwabemi bonke boMzantsi Afrika. Olu xwebhu luyakuthintela ukucalucalulwa ngokobuhlanga okanye ngokwesini. UXwebhu lwamaLungelo oLuntu luyacacisa ukuba kufuneka kubekho amanyathelo okuxhasa ukuphunyezwa kukamasilingane kwinkalo zonke zoluntu.

UMgaqo-siseko wenza amalungiselelo kumaziko axhasa ulawulo lwesininzi kunye nokuthath inxaxheba kwabafazi. Ezi ziquka, phakathi kwezinye zazo, iKomishoni yokuLingana ngokweSini, iKomishoni yamaLungelo oLuntu loMzantsi Afrika.
 
Ukwaleka kumalungiselelo akhoyo kuMgaqo-siseko, uMzantsi Afrika uzibophelele kumakulinganwe ngokwesini ngokuqinisekisa kwiingqungquthela zamazwe ngamazwe ezifana ne-, Ngqungquthela yokuPheliswa koCalucalulo kwabaFazi kunye ne-Nkundla yoKwenza, eyasekwa ngabafazi kwiNkomfa yaseBeijing. UMzantsi Afrika uyinxalenye yeenkqubo zentshukumo eziliqela zase-Afrika kunye nokuxhotyiswa kwabafazi, umz imithetho yokuziphatha ngokwesini nophuhliso lwamaZwe asemaZantsi e-Afrika.



4. ZEZIPHI IINDAWO EZIBALULEKILEYO ABAFAZI ABANGATHABATHA INXAXHEBA KUZO EKWENZENI IMITHETHO 

Eyona ndlela yokuqala nebalulekileyo abafazi abangazibandakanya ngayo nePalamente kungexesha lolonyulo. Indlela abavota ngayo abantu ibonisa indlela eza kuma ngayo iNdlu yoWiso-mthetho kunye neBhunga lamaPhondo leSizwe. Unyulo jikelele lunika umntu wonke ongaphezulu kobudala beminyaka eli-18 ilungelo lokuvotela iqela alithandayo. Abafazi benza inani elivakalayo labavoti kwaye bangasebenzisa ilungelo labo lokuvota ukuze babonise uhlobo lwePalamente abayinqwenelayo neziko eliza kulubeka phambili uphuhliso lwabafazi.  

IPalamente yesiNe iseke ezi Komiti zilandelayo  ezisebenza ngqo nemiba ebhekiselele kubafazi.
 
IKomiti yeMicimbi  yabaseTyhini, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo. 
IKomiti eKhethekekileyo yabaseTyhini, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo 

ISebe elitsha lezabaseTyhini, uLutsha naBantu abaKhubazekileyo lenziwe ukuqinisa iintshukumo zikarhulumente zokukhulisa nokukhusela abantu abasemngciphekweni eluntwini lwethu. 

5. YEYIPHI IMINGENI EJONGENE NABAFAZI EKUTHABATHENI INXAXHEBA EKWENZENI 

Nangona abafazi besenza isininzi kubantu boMzantsi Afrika, basembalwa ekuthatheni izigqibo. Mininzi imingeni ethintela abafazi  ekudlaleni indima enkulu nebonakalayo, kwaye enye yazo bubuhlwempu. Ubuhlwempu lidabi elijongene nabafazi abaninizi boMzantsi Afrika, ingakumbi abasemaphandleni 

Ukufumana iinkonzo ezingundoqo ezifana nemfundo, amanzi, intlalo-ntle kuye kwaphenjelelwa kukungalingani ngokobuni, ubuhlanga kunye nokungalingani ngokokuhlala. Kufuneka iinkonzo ezingundoqo ziphuculwe Ukuze abafazi bakwazi ukudlala indima ebonakalayo ekwenzeni imithetho. Abafazi abahluphekileyo abafikeleli ngokwaneleyo kumaziko enza umthetho.
 
Uninzi lwabafazi ludinga uphuhliso kwezoqoqosho. Abafazi ngabona bakwiqela elihluphekileyo eMzantsi Afrika kwaye ngabona bangaqeshekiyo okanye bangenamisebenzi. Ngaphezu koko, iNtsholongwane kaGawulayo okanye uGawulayo uchaphazela ikakhulu inani elivakalayo labafazi, ingakumbi abafazana abasazalayo. 

Ubundlobongela kubafazi busengomnye wyona mingeni inzima ojongene nawo uMzantsi Afrika.

Ulawulo lwethu lwesininzi olusakhulayo lukuphucule ukufakwa kwabafazi kulawulo lwezopolitiko nakwiindawo ezithatha izigqibo. UMzantsi Afrika uwise umthetho oza kuhlangabezana kanye ukulingana ngokobuni.

Umceli-mngeni kukwenza amalungelo afikeleleke kubafazi bonke. 

6. BAMELWE KAKUHLE KANGAKANANI NA ABAFAZI EPALAMENTE ?

Ukumelwa kwabafazi kwiNdlu yoWiso-mthetho konyuke ngama-45 ekhulwini. UMzantsi Afrika ukwisithathu kwihlabathi liphela ngokuphathelele ekumelweni kwabafazi ePalamente.

 7. YEYIPHI INDIMA ENOKUDLALWA NGAMADODA?

Amadoda anendima ebalulekileyo ekuphunyezweni kukamakulinganwe ngokobuni eMzantsi Afrika. Amadoda amaninzi ayaphikisana nobundlobongela kubafazi nasebantwaneni. Amadoda kufuneka abonise namanye amadoda ukuba atshintshe izimilo zawo nokuba abahloniphe abafazi. Amadoda nabafazi banendima elinganayo nebalulekileyo yokuguqula ubudlelwane ngokwesini eluntwini. Akukho luntu luya kuze lukhululeke amadoda nabazi balo bengakhululekanga, kwaye ukuza kuthi ga ngoku amadoda nabafazi babambisene ngolu xanduva. 

___________________________________________________________________

Ufundo Olungakumbi:

1 Molokomme, Representation of Women and Men in Politics and Decision-making Positions in SADC, 2001
___________________________________________________________________



ULWAZI LOKUQHAGAMSHELANA OLUBALULEKILEYO 

IKomiti yeMicimbi yaBafazi, uLutsha, aBantwana naBantu aBakhubazekileyo 
Tel: (021) 403 3840

IKomiti eKhethekileyo yaBafazi, aBantwana naBantu aBakhubazekileyo 
Tel: (021) 403 3768

ISebe laBafazi, aBantwana naBantu aBakhubazekileyo 
Tel: (012) 300 5575 / 5516 / (021) 464 2203


___________________________________________________________________


Yenziwe ziiNkonzo zoNxibelelwano zasePalamente
IFUTHELWE LULUNTU


www.parliament.gov.za
P.O. Box 15, Cape Town, 8000
Ifowuni: (021) 403 3341
Ifeksi: (021) 403 3303


Eli phetshana liyafumaneka ngeelwimi zonke zoMzantsi Afrika
