xhosa.1343.yourstyle_teen
IFASHONI YOLUTSHA
USipho "Psyfo"
Ngwenya
Indumasi yeGenerations
isibonisa ifashoni
eyithandayo
1. Xa ndingekho kuGenerations
istayile sam...
Zizinxibo ezingengomswenko. Ndithanda ukunxiba iijini, iiteki, izilamba nezikipa.
2. Ndithanda iimpahla ezinamagama kuba...
Ziimpahla ezomeleleyo. Nkqu nakubuchwepheshe bezomculo ndisebenzisa ezona matshini ziphambili!
3. Xa ndicebisa abafana ngefashoni...
Akukho sizathu sakunxiba iimpahla ezinkulu. Iivenkile ziyazenza iimpahla zamadoda aneziqu ezincinane.
4. Xa ndisiya ethekweni ndinxiba...
Isinxibo esifanele elo theko okanye ndinxibe izinxibo zam zesiqhelo.
5. Ndithanda ukuthenga...
EGallery xa ndithenga izikipa, xa ndifuna iijini nejakhethi ndiya eBogart.
6. Endikuthanda ngokugqithisileyo...
Ziiteki zeNike - ndineepere ezili-10!
7. Andichithi mali ininzi...
Kwifashoni. Endaweni yoko ndiyichitha kwinto eza kwenza enye imali.
8. Isiqholo endisithandayo...
YiPaul, ndisebenzisa neHugo Boss.
9. Isinxibo endaziwa ngaso...
Ngumnqwazi wam wewulu! Ungandibuzi ukuba kutheni!
10. Eyona nto ndiyithandayo ezimpahleni zam ...
Yiwotshi yam endayithengelwa ngumama kwiminyaka emithandathu edlulileyo. [x]
Umnxibisi: Thato-ya-Ona Lerefolo
Umncedisi: Keletso Modisakeng
Ulungiso-buso: Vuyo Varoyi
Umfoti: Peter Whitfield
