IPALAMENTE YOMZANTSI-AFRIKA

UBUSAZI NA?

UXWEBU LWEZIKHALAZO OLUTYIKITYIWEYO

ZIBANDAKANYE NOKWENZEKA EPALAMENTE

Ukuthatha inxaxheba koluntu ngokubanzi yintsika yenkululeko yethu esakhulayo; yindlela athi aqinisekise ngayo uRhulumente ukuba unika impendulo ngezinto azenzileyo. IPalamente yenze iindlela ezininzi zokonyusa umgangatho wokubandakanya uluntu ekuyilweni kwemithetho nokwandisa indlela abantu abanothi bafikelele ngayo kwiPalamente yabantu. Ukuzibandakanya kumsebenzi wePalamente akukho nzima njengokuba abantu becinga. Enye yendlela olungathi uluntu luzibandakanye  ngayo kweli lungelo labo olukhuselwe nguMgaqo-Siseko, kukwenza uxwebu lwezikhalazo olutyikityiweyo.

YINTONI UXWEBU LWEZIKHALAZO OLUTYIKITYIWEYO?

Uxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo sisicelo esisemthethweni esijoliswe kwabasemagunyeni ukuze benze into ngaso. Olu xwebhu lusenokuba sisinyanzelo sokubonelelwa ngandlel ithile okanye ukuqwalaselwa kokungavisisani ngomba othile. Ukuze olu xwebhu lube lolusebenzayo kufuneka lubonakalise ngokuphandle ukuba ngubani kanye lo lujoliswe kuye, uhlobo lwesicelo eso senziwayo, ndawonye nempembelelo yoko kwaye kufuneka iqulathe amagama kunye neenkcukacha zokunxibelelana nombhali/ababhali boxwebhu olo.

IINDIDI ZAMAXWEBU EZIKHALAZO ATYIKITYIWEYO

La maxwebhu ahlula-hlulwe aba ziindidi ezimbini ezibizwa ngokuba luxwebu olwenziwe ngokukodwa kunye nelo luquka uluntu ngokubanzi okanye uxwebhu jikelele. Uxwebhu olwenziwe ngokukodwa lolu umntu athi enze isicelo esisodwa esingundoqo okanye acele ukophulelwa kumsebenzi wasebuRhulumenteni, nto leyo ingekho mthethweni, ngokufanayo nokufuna umhlala-phantsi. Uxwebhu oluquka uluntu ngokubanzi lona kuxa kuthe kwakho abahlali abaliqela abaneenjongo ezifanayo becela ukubonelelwa ngandlela ithile, loo nto inokuthi ibandakanye namanye amaxwebhu ezikhalazo atyikityiweyo.



UKUNIKEZELWA KOXWEBU LWEZIKHALAZO OLUTYIKITYIWEYO

Kulilungelo elibalulekileyo lamalungu oluntu ngokubanzi kwisizwe esilawulwa ngokwentando yesininzi ukuba alungise kwaye alunikezele uxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo nangaliphi na ixesha xa kukho imfuneko yokwenza oko. NgokweCandelo 17 loMgaqo-Siseko woMzantsi Afrika (Umthetho 108 we-1996), naliphi na iqela labahlali kunye nawo nawuphi na umntu unelungelo lokufaka isibheno ngokuzolileyo kwaye engaxhobanga, nokudibana, nokuqhankqalaza, nokubonakalisa ukungoneliseki aze anikezele ngoxwebhu olo. Nangona kunjalo, kukhona iinkqubo ekufuneka zilandelwe ngabantu okanye ngamaqela ekugqithiseni kwabo amaxwebhu ezikhalazo atyikityiweyo.

Lilungu lePalamente kuphela elinokunikezela uxwebhu olo lwezikhalazo olutyikityiweyo ngokusemthethweni ukuze iPalamente ikwazi ukuluqwalasela. Kunyanzelekile ke ngoko ilungu nje loluntu okanye iqela labantu  lithumele uxwebhu lwabo lwezikhalazo kwiLungu lePalamente elijongene nabo balicele ukuba libadlulisele lona ePalamente egameni labo.

INDLELA OLWENZIWA NGAYO UXWEBHU LWEZIKHALAZO OLUTYIKITYIWEYO

Phambi kokuba lungeniswe uxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo, kufuneka lukhawulelane nezi mfuneko zilandelayo:

.	Lube kwimeko emiselwe nguSomlomo weNdlu yoWiso-Mthetho
okanye uSihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo.
.	Lubhalwe ngolunye lweelwimi ezisemthethweni.
.	Lube lutyikitywe ngabantu abo banesikhalazo ngokwabo (ngaphandle kokuba uSomlomo okanye uSihlalo ugqibe ngenye indlela.)
.	Kungasetyenziswa ulwimi olungasulungekanga
Nolungabonisi ntlonipho.
.	Luyicacise ngokupheleleyo imiba leyo okanye iindima/iimeko
ekufuneka iPalamente iyiqwalasele kwaye;
.	Kufuneka bacacise ukuba bafuna hlobo luni lwesibonelelo
ePalamente enokuthi iPalamente isiphumeze ngokwegunya layo.




LUNIKEZELWA NJANI UXWEBHU LWEZIKHALAZO OLUTYIKITYIWEYO EPALAMENTE

Ngenxa yokuba uxwebhu kufuneka lunikezelwe ePalamente ngendlela esesikweni, ababhali boxwebhu kufuneka bafumane inkxaso yeLungu lePalamente.

Kucetyiswa ukuba a(ba)thethe neLungu lePalamente phambi kokuba alunikezele uxwebhu ukuze bafumanise ukuba iLungu elo liza kubaxhasa nokuqinisekisa ukuba indlela olubhalwe ngayo noko kuqulathwe luxwebhu olo iyechanileyo.

Ukuba akho amaxwebhu anika inkxaso kumba lowo uphakanyiswayo ngababhali boxwebhu olo, mayinamathiselwe kuxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo.

ILungu lePalamente kufuneka lilunikezele uxwebhu olutyikityiweyo kuNobhala wePalamente ukuze aluhlalutye aze aqinisekise ukuba indlela olubhalwe ngayo noko kuqulathwe lulo kufanelekile ngaphambi kokuba aludlulisele kuSomlomo okanye kuSihlalo.

Uxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo luya kuthi lufundwe ePalamente kwaye ludluliselwe kwikomiti okanye kwiikomiti ezisebenza ngemibandela leyo iphakanyisiweyo.

Imibuzo ngoxwebhu lwezikhalazo olutyikityiweyo ingathunyelwa ku:
kuNobhala wamaPhepha
Inombolo yomnxeba: (021) 403-2224/6
