


I-Inshorensi yeNgozi yeQela laBantu  
Isishwankathelo seSigqeba  
















IPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika   












01 Julayi 2009 ukuya 30 Juni 2010




Injongo yolu xwebhu kukuhlinzeka abaphathi ngeSishwankathelo seSigqeba esilawulayo ngokubhekiselele kwimiba engundoqo yesibonelelo semali yembekelo equlunqwe phantsi kwe-GPA eNombolo yePolisi engu FASA/1998-00426 emelwe ngabakwa - FASA (AbaPhathi abamele inkampani ye-inshorensi i-Hollard Insurance Company Ltd).





Ozikhusela nge-inshorensi  

IPalamente yeRiphabliki yoMzantsi Afrika (QAPHELA : Zonke iinzuzo phantsi kwale polisi zihlawulwa kwiPalamente kuqala)  


Abantu abakhuselweyo  

AmaLungu ePalamente  
Abaqeshwa basePalamente  


Imali yembekelo  

Ukusweleka ngengozi okanye ukwenzakala emzimbeni    
Imali yembekelo yama -24 eyure, iintsuku ezingama -365 enyakeni  


Amanqaku achazayo malunga nale mali yembekelo   

Izibonelelo malunga noKufa kunye nokuKhubazeka ngokusisigxina zihlawulwa ngaphezu kwazo naziphi na ezinye izibonelelo ezingahlawulwa kweminye imithombo (umzekelo Group Life, COID, RAF)
Isibonelelo sokuKhubazeka ngokuPheleleyo kweThutyana sihlawulwa kuphela kangangoko iPalamente ikhameka ngokwasezimalini kukuKhubazeka kweThutyana komntu okhuselweyo lowo.  
Isibonelelo seNkcitho yoNyango sihlawulwa kuphela ngengozi yokwenzakala emzimbeni .
INkcitho yoNyango ezalwa sisiganeko esinxulumene nomsebenzi esikhuselweyo yi-COID mayibangwe kwi-COID. Imali yembekelo ekubonelelwa ngayo kule polisi ye-GPA iya kuzalisa xa kukho intsilelo. (QAPHELA :Oku kungangenzeki njengoko i - COID ibonelela ngeNkcitho yoNyango engenamda kumenzakalo onxulumene nomsebenzi).  
INkcitho yoNyango engenakubangwa kwi - COID kuqala, mayibangwe kule polisi ye-GPA.  


Iinzuzo ezikhuselweyo   

Ukusweleka ngengozi 		-	60% aphinda-phindwe ka-5 omvuzo wonyaka 
                                                                       ngokuchaziweyo
Ukukhubazeka okusisigxina    	-	Ipersenti yenzuzo yoKufa, kuxhomekeka kubunjani
                                                                              bokukhubazeka  (umzekelo 100%wokuphulukana
                                                                              nelungu lomzimba kodwa1% wokuphulukana nozwane)


Ukukhubazeka ngokupheleleyo kweThutyana  -     100% ye-avareji yomvuzo weveki kungadlulwa                                                                                
                                                                                        kwiiveki ezili-104( iveki yokuqala ayibalwa)
            	    
INkcitho yoNyango                                            Akugqithwa kwimali engama-50 000 kumntu                                                                                                                       
                                                                                 ngamnye okhuselweyo ( Imali yokuqala
                                                                                 engama-250 ayihlawulwa.)                                                                                                                                                                             . 
                                                                                                                   
Eyona mali inkulu ehlawulwayo  phantsi kwale polisi inale mida ilandelayo:					

Nawuphi na umntu oyedwa		-	R10, 000, 000
Nasiphi na isiganeko esikhuselweyo 	-	R80, 000, 000

Imiba engundoqo engabandakanywanga

Ukuzibulala, ukuzenzakalisa okwenziwe ngenjongo,  ukwenzakala okanye ubungozi ozibeke kubo ngabom( ngaphandle kokuba ubuzama ukusindisa ubom) 
Ukufa okanye ukukhubazeka okunokubalelwa ngqo kwisiphene esisemzimbeni okanye ukukhokhoba  (QAPHELA : Nceda wazise abakwa-Glenrand MIB ukuba unabaqeshwa abakhubazekileyo ukuze sizame ukwandisa ukhuselo). 
Abantu abangaphantsi kwe-16 kunye nabangaphezu kwama-75 (abantu abathile ababizwe ngamagama bakhuseleke ukuya kwiminyaka engama-85) 
Ukubhabha ungeyiyo ipasenjari     
Ukufa okanye ukwenzakala apho umntu okhuselweyo afunyanwa ephantsi kwempembelelo zotywala okanye iziyobisi okanye apho umyinge wotywala egazini udlulile kulowo usemthethweni.
Ezemidlalo yabahlawulwayo, ukubhabha emoyeni usebenzisa i-hang glider, ukubhabha emoyeni usebenzisa inqwelomoya i-micro light. 
Ukufa okanye ukwenzakala njengesiphumo sokwaphula umthetho.


Iindlela zokubanga

Zonke izehlo ezinokukhokelela  ekubeni kwenziwe ubango phantsi kwale polisi mazixelwe kwa-   Glenrand MIB (kudlulwe ku-Pam Hintsho ngabaqeshwa basePalamente okanye ku-Linda Harper ngamaLungu ePalamente) ngokukhawuleza kodwa kwisithuba esingadlulanga kwiinyanga ezintathu. 
Onke amabango okufa makachazwe ngokukhawuleza  kungabikho kulibazisa kungeyomfuneko    
Ukufuna uncedo okanye iingcebiso ngemiba yokubanga, nceda uqhagamshelane naba baqeshwa bakwa-Glenrand MIB:  

Mnu Frank Ndaba	011  329 1556

Zonke iintlawulo zale polisi zihlawulwa ePalamente kuqala.   


Imibuzo Jikelele  

Aba baqeshwa balandelayo bakwa-Glenrand MIB bayafumaneka ukunceda nangayiphi imicimbi ebhekiselele kwipolisi i-GPA yasePalamente. 

Mnu Themba Zulu	011  329 1813 (UMphathi we-akhawunti)

Ms Khanyisa Gogela	021  442 4145

Ms Takalani Tshibalo	011  329 1180



