IPALAMENTE KUNYE NOKONGAMELA



Olona vavanyo lwentando yesininzi kukuba iPalamente  ingaqinisekisa kangakanani ngokuba urhulumente uhlala enika iimpendulo ebantwini. Oku kwenziwa ngokugcina ukongamela (ukubeka esweni) izenzo zikarhulumente ngokuzingisayo.



IPalamente kunye neeKomiti zayo zinelungelo lokubiza nabani na okanye naliphi na iziko lize kunika ubungqina okanye lithi thaca amaxwebhu, kwaye linike ingxelo kuzo. 



Igunya loMgaqo-siseko 

UMgaqo-siseko uvakalisa ukuba iPalamente inelungelo lokongamela onke amalungu karhulumente kubandakanya nalawo akumaphondo kunye noorhulumente basekhaya.   



 Kukuthini ukongamela?

Ukongamela ngumsebenzi onikwe nguMgaqo-siseko kwiPalamente ukuze ibeke esweni ize iqwalaselea izenzo zikarhulumente.

 Xa isongamela, iPalamente igxininisa kule miba ilandelayo: 

Ukuphunyezwa kwemithetho  

Ukusetyenziswa kohlahlo-lwabiwo-mali 

Ukuthotyelwa kwemithetho yePalamente kunye noMgaqo-siseko 

Ukulawulwa ngendlela encomekayo kwamasebe karhulumente  



Kutheni ibalulekile indima yokongamela kwePalamente?  

Ngokubeka esweni izenzo zikarhulumente, iPalamente iyakwazi ukuqinisekisa ukuba ukuhanjiswa kweenkonzo kuyenzeka, ukuze bonke abemi bafumane ubomi obungcono. 





IPalamente yenza umsebenzi wokongamela ngokwezi zizathu zilandelayo: 

ukufumana kunye nokunqanda ukuxatshazwa  

ukunqanda ukuziphatha okungekho mthethweni nokuchasene noMgaqo-siseko kwicala likarhulumente 

ukukhusela amalungelo kunye nenkululeko yabemi 

ukugcina urhulumente ephendula ngokuba ichithwe njani imali yabahlawuli berhafu.

ukwenza imisebenzi karhulumente ibonakale kwaye kwandiswe nokuthenjwa kwakhe luluntu  



Indima yokongamela yeziNdlu zasePalamente zombini  

IPalamente ineziNdlu ezimbini, ezibizwa ngokuba: 

yiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (NA), kunye

NeBhunga lamaPhondo leSizwe (NCOP).



INdlu nganye inendima yokongamela eyidlalayo.  



 UMgaqo-siseko uvakalisa ukuba iNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe inyulelwa ukumela abantu kunye nokuqinisekisa ngorhulumente wabantu phantsi koMgaqo-siseko. Ikwenza oku ngo:

kuqinisekisa ukuba zonke izigqeba ezilawulayo zaseburhulumenteni ziyaphendula kuyo, kunye

nokugcina umsebenzi wokongamela kwigunya likarhulumente wesizwe, kunye nokuphunyezwa kwemithetho.  



IBhunga leSizwe lamaPhondo limele amaphando ukuqinisekisa ukuba iimfuno zamaphondo ziyaqwalaselwa kwinqanaba lesizwe likarhulumente 

Indima yeBhunga lesizwe lamaPhondo kukongamela imiba yesizwe kumaphondo kunye noorhulumente basekhaya

IBhunga lesizwe lamaPhondo lingacela ilungu leKhabhinethi, igosa likarhulumente wesizwe okanye iLungu lePalamente yePhondo/uMphathiswa wePhondo ( MEC) lize entlanganisweni yeBhunga okanye yeKomiti  



 Indima yeeKomiti zasePalamente

IiKomiti zasePalamente zisekwe njengezixhobo zeziNdlu ngokoMgaqo-siseko ukuququzelela ukongamela kunye nokubeka esweni urhulumente.

Ezi Komiti “ngamagumbi enjini” okongamela ePalamente kunye nemisebenzi emalunga nemithetho. 

IiKomiti ziphicotha imithetho, zongamela izenzo zikarhulumente kwaye zinxibelelana noluntu

Omnye weyona miba ibalulekileyo yomsebenzi wokongamela kukuthathela ingqalelo iingxelo zonyaka zamaziko karhulumente kunye neengxelo zoMhloli-zincwadi-Jikelele.

Ngokuxhomekeke kwinjongo yokongamela, iKomiti iya kucela inkcazelo emfutshane kwiziko likarhulumente okanye ilundwendwele ngeenjongo zokuzifumanela amanqaku. 



Izinto ezisebenzayo zokongamela



a) Ukwamkelwa kohlahlo-lwabiwo-mali

UMphathiswa wezeMali uvakalisa isicwangciso soqikelelo sonyaka ozayo esisekwe kwiinkcukacha ezaziwayo kwakunye nohlahlo-lwabiwo-mali lwesebe ngalunye.

IPalamente kufuneka yamkele uhlahlo-lwabiwo-mali.

Emva kokuvakalisa uhlahlo-lwabiwo-mali lwesebe ngalunye, iKomiti nganye ibamba iindibano zovakaliso-zimvo zesebe ngalinye elongameleyo.  

Oku kumiselwe ukuqinisekisa ukuba isebe lizigcinile izithembiso zonyaka ophelileyo, kwaye imali yabahlawuli berhafu ichithwe ngokufanelekileyo. 





B ) Imibuzo ephendulwa sisigqeba esilawulayo



Ukubuza imibuzo kurhulumente yenye yeendlela iPalamente emgcina ephendula ngayo urhulumente. 

Imibuzo eza kuphendulwa ngomlomo okanye ngokubhaliweyo ingabuzwa kuMongameli okanye kuSekela-mongameli kunye nabaPhathiswa ngemiba engokoxanduva lwabo. 

Ixesha lemibuzo linika amalungu ePalamente ithuba lokubuza amalungu karhulumente malunga nemiba yokuziswa kweenkonzo, egameni lemibutho yabo yezopolitiko okanye labantu ababameleyo. 



c) Iingxelo zamalungu    

Esebenzisa le nkqubo, amalungu ePalamente angenza inkcazelo kwiNdlu ngawo nawuphi na umba.



d) Izaziso zezindululo/zeziphakamiso

Ngokwenza isaziso sesindululo/sesiphakamiso ilungu lawo nawuphi na umbutho wezopolitiko liyakwazi ukuphakamisa umba elifuna uxoxwe ePalamente, ngaloo ndlela lincede ngokuzalisekisa uxanduva lokongamela.  



e) Iingxoxo zendibano yocweyo epheleleyo

Iingxoxo zendibano yocweyo epheleleyo yenye yeendlela zokuzisa ulwazi olubalulekileyo kwingqwalasela karhulumente malunga neenkqubo zikarhulumente ezithile okanye imithetho efanelekileyo ukuze kuphuculwe ukuziswa kweenkonzo. 



f) Umsebenzi wengingqi yovoto yelungu

Umsebenzi wengingqi yovoto yelungu unika amaLungu ePalamente elona thuba lokongamela abantu ngabanye ngabanye. 

Umsebenzi wengingqi yovoto yelungu ubonelela ngolona nxibelelwano lukufutshane phakathi kwamaLungu ePalamente kunye noluntu.

Amalungu anoxanduva lokwazisa iPalamente ngayo nayiphi na imiba echongwe ngexesha lolunxibelelwano lokongamela.



 Ungazibandakanya njani



a)  Ukwenza isiphakamiso

Ukwenza isiphakamiso kwiKomiti yePalamente yenye yeendlela zokwenza ilizwi lakho livakale ePalamente. 

Ngokwenza isiphakamiso, unethuba lokuphembelela uluvo lwamalungu eKomiti axoxa ngomthetho osayilwayo phambi kokuba  ube ngumthetho ophunyeziweyo. 



b) Uxwebhu lwezikhalazo

Wonke ummi unelungelo lokungenisa uxwebhu lwezikhalazo ePalamente, njengoko kubonelelwe kuMgaqo-siseko. 

Nawuphi na umntu okanye iqela labantu okanye umbutho ungalungenisa uxwebhu lwezikhalazo ePalamente.

Uxwebhu lwezikhalazo sisicelo esisesikweni osisiwa kwabasemagunyeni ngokuba kwenziwe okuthile. Lusenokuba sisinyanzelo, isicelo sokwenzelwa inceba okanye sokuba kuhlangatyezwane nesikhalazo.  



