IVeki yamaPhondo, 07  11 kweyoMsintsi (Septemba) 2009

Ukwakhiwa kwePalamente yethu
IPalamente yaseMzantsi Afrika inezindlu ezimbini: 
INdlu yoWiso-Mthetho yeSizwe,  enamalungu angama-400, kunye
neBhunga lamaPhondo leSizwe (I-NCOP), enamalungu angama-90

 IBhunga lamaPhondo leSizwe kunye nendima yalo 

UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika umisela ukuba iBhunga lamaPhondo leSizwe  liqinisekise ukuba iimfuno zamaphondo ziyaqwalaselwa kwinqanaba likazwelonke likarhulumente wesizwe. Oku kuphunyezwa ngokuthabatha inxaxheba kwinkqubo yowiso mthetho yesizwe kunye nokunika iqonga kwisizwe ukuze uluntu luphefumle malunga nemiba edla umzi kumaphondo.   
Eyona ndima ingundoqo yeBhunga lamaPhondo leSizwe kukuxoxa, liwise imithetho kunye nokongamela izenzo/iintsukumo zikarhulumente. 
I-NCOP imele amaphondo ukuqinisekisa ukuba iimfuno zamaphondo ziyaqwalaselwa kwinqanaba lesizwe likarhulumente. 
Indima yeNCOP kukongamela imiba yesizwe echaphazela amaphondo kunye noorhulumente basekhaya. 


Yintoni iveki yamaphondo yeNCOP?  

I-NCOP yamisela iVeki yamaPhondo ukuqinisekisa ukuba amaphondo adlala indima ezeleyo kwimisebenzi karhulumente wesizwe.
Ngale veki abathunywa bamaphondo abakwiNCOP kunye noogxa babo abazinze kumaphondo baqalisa ngotyelelo kwiindawo ngeendawo ukuqinisekisa ukuba bafumana ulwazi ngqo ngeemfuno kunye nemingeni abahlangabezana nayo abantu. 
IVeki yamaPhondo iphumeza isibonelelo  soMgaqo-siseko,  esigunyazisa iNCOP iqinisekise ukuba iimfuno zamaphondo ziyaqwalaselwa kwinqanaba likazwelonke likarhulumente lesizwe.
IVeki yamaPhondo iqinisekisa ukuba abathunywa bamaphondo kwiNCOP bagcinwa besazi okuqhubekayo kunye nemingeni ejongene namaphondo abo.. 

Inika abathunywa ithuba lokunxibelelana namaphondo kwaye banika ingxelo ngemisebenzi yabo kwiNCOP ngenjongo yokufumana igunya elitsha malunga nemiba eza kuthiwa thaca kwingxoxo zesizwe. 
IVeki yamaPhondo inika iqonga lokwabelana ngeembono ezimalunga nokuziswa kweenkonzo, nemingeni ejongene namaphondo ekuzalisekiseni indima yawo.  
Isekwadala nethuba lokuba iPalamente namaphondo zisebenzisane ukufumana izisombululo nokuza neendlela ezintsha zokukhawulelana neemfuno zabantu baseMzantsi Afrika. 

Kuya kwenzeka ntoni ngale Veki yamaPhondo?

Ngale Veki yamaPhondo, abathunywa abasisigxina bephondo ngalinye baya kuhlangana neminye imibutho kumaphondo abo, equka 
Urhulumente wephondo  iiNkulumbuso zamaPhondo, abaPhathiswa bamaPhondo kunye namaSebe abo.
IiPalamente zamaPhondo  kunye nooSomlomo bawo, 
ABabhexeshe abaziNtloko kunye nooSihlalo beeKomiti, kunye 
Nabanye abachaphazelekayo; abanjengeenkokeli zemveli, NGOs, CBOs, kunye nombutho  iSouth African Local Government Association (SALGA). 

Abathunywa bamaphondo kwiNCOP, kunye noogxa babo abazinze kumaphondo baqalisa ngotyelelo lwabo lokongamela kwindawo ngeendawo. 

Iqela labathunywa liya kutyelela neeprojekthi ezimiliselwe ngoorhuulumente bobabini, owesizwe kunye nowamaphondo, kumaphondo abo.


Iya kulisebenzela njani iphondo lakho iVeki yamaPhondo?

Ngotyelelo lokongamela oluthatyathwe ngeVeki yamaPhondo, abathunywa bamaphondo kwiNCOP baya kufumana ulwazi oluthe ngqo malunga neemfuno zabantu kumaphondo. 

IVeki yamaPhondo inceda iNCOP ifake isandla/ixhase ekusebenzeni kakuhle  kukarhulumente ngokuthi iqinisekise ukuba imiba yamaphondo kunye norhulumente wasekhaya zifumana ingqalelo xa kusenziwa imigaqo-nkqubo yesizwe. 

Isekwanceda oorhulumente bamaphondo, basekhaya, kunye nowesizwe ukuba basebenze kunye kakuhle nangempumelelo ukuze baqinisekise ukuziswa ngokufanelekileyo kweenkonzo.    

LiBhunga lamaPhondo leSizwe lakho!
YiPalamente yakho!
Thabatha inxaxheba kuyo!



