I-Palamente yeriphabhlikhi yaseMzantsi Afrika


IPalamente ineziNdlu ezimbini 
INdlu yoWiso-Mthetho (NA), inamalungu angama- 400 , kunye ne-
Bhunga lamaPhondo leSizwe (NCOP), elinabathunywa abangama -90.

IBhunga lamaPhondo leSizwe

NgokoMgaqo-Siseko, iBhunga lamaPhondo limele amaphondo kurhulumente kaZwelonke ukuqinisekisa ukuba iimfuno zawo ziyaqwalaselwa. 
Ikwenza oku ngokuthabatha inxaxheba kwiinkqubo zikazwelonke zowiso-mthetho, kunye nokuququzelela iingxoxo zikazwelonke ukuxovula imiba yoluntu ebalulekileyo echaphazela amaphondo
IBhunga lamaPhondo leSizwe  likwaqinisekisa ukuba imicimbi yoorhulumente bamakhaya imelwe kumanqanaba aphezulu karhulumente.

Ubume be-NCOP 

I -NCOP inabathunywa bamaphondo abalithoba abachongwe kwiziNdlu zoWiso-mthetho zamaphondo kunye negqiza loMbutho wooRhulumente bamaKhaya baseMzantsi Afrika (SALGA).

Igqiza ngalinye leaphondo linamalungu alishumi, 
abathunywa abathandathu abasisigxina 
abathunywa abane bexeshana

Igqiza likhokhelwa yiNkulumbuso yePhondo ngalinye, ekwaphuma kwaba bathunywa bane
INkulumbuso yePhondo isenokuchonga omnye umntu endaweni yayo, xa kukho imfuneko
Igqiza lombutho i-SALGA lichongwa yikomiti yalo yesigqeba kwiqela labameli kuMbutho wooRhulumente bamaKhaya bamaphondo olithoba

Abagcini-zihlalo be-NCOP 

I -NCOP inyula abalawuli kumalungu 

            uSihlalo, kunye
nooSekela-sihlalo ababini. 

La magosa alawula umsebenzi we-NCOP aze ongamele iingxoxo, eqinisekisa ukuba abathunywa baxoxa ngokukhululekileyo ngokwemithetho yeNdlu. 
USekela-sihlalo osisigxina unyulwa ithuba leminyaka emihlanu, ngelixa iiNkulumbuso zamaPhondo zibolekisana ngesihlalo sokuba nguSekela-sihlalo wesibini kangangonyaka. 




Umsebenzi we-NCOP 

I-NCOP ibonwa njengequmrhu eliya kwenza ukuba kubekho ulawulo lwentsebenziswano kunye nedemokhrasi apho ubani athi athath inxaxheba, kunye nokugxila kakhulu ekuxoxeni ngemiba yoorhulumente bamakhaya nabamaphondo kwinqanaba likazwelonke.
I- NCOP ingumlomo wamaphondo olithoba aseMzantsi Afrika ikwanika urhulumente wamakhaya iqonga lokuthabatha inxaxheba kwiingxoxo zowiso mthetho kwinqanaba likazwelonke 

1.Indima yokwenziwa komthetho 

I- NCOP iqwalasela, iphumeza, ilungisa, icebise ngezilungiso, okanye ikhabe imithetho esayilwayo

Kufuneka iqwalasele yonke iMithetho Esayilwayo kuzwelonke

Isenokwazisa okanye ilungise iMithetho Esayilwayo ekwiShedyuli 4 yoMgaqo-siseko.
 (imiba apho iziNdlu zowiso-mthetho zikazwelonke nezamaphondo zidibene zibe namagunya okwenza imithetho) neminye imithetho esayilwayo echaphazela amaphondo 
Owona msebenzi wowiso-mthetho wenziwa kwiikomiti, kodwa yonke iMithetho Esayilwayo kufuneka isiwe kwindibano ye-NCOP ukuze ixoxwe ize ivotelwe ukuba iyamkelwa okanye iyakhatywa. 
Inamagunya asemthethweni ngokoMgaqo-siseko wokuhlangabezana neendidi ezintathu zeMithetho Esayilwayo: 

IMithetho Esayilwayo engachaphazeli maphondo
Imithetho esayilwayo engachaphazeli maphondo yileyo ibhekiselele kwimisebenzi kazwelonke; efana nezokhuselo, imicimbi yezangaphandle kunye nobulungisa
Yakuba ipasisiwe le Mithetho Isayilwayo yiNdlu yowiso-mthetho, iya kwi-NCOP ukuze ivotelwe.
 Ukuba i-NCOP ifuna ukwenza utshintsho kumthetho osayilwayo, uphindiselwa kwiNdlu yoWiso-mthetho, ukuze ilwamkele okanye ilukhabe utshintsho olo. 

IMithetho Esayilwayo ewachaphazela ngqo amaphondo 

Imizekelo yeMithetho Esayilwayo echaphazela amaphondo iquka ezemfundo, ezothutho, ezentlalo-ntle kunye nezempilo.
Uninzi lwale Mithetho Isayilwayo ingeniswa kwi-NCOP ngenye yeziNdlu, kodwa ikhona eminye imithetho Esayilwayo ekufuneka iqale kwiNdlu yoWiso-mthetho.
Iphondo ngalinye linevoti enye xa kuvotelwa le Mithetho Isayilwayo. 

Ukuba kukho ukungavisisani phakathi kweNdlu yoWiso-mthetho kunye ne-NCOP malunga noMthetho Osayilwayo ochaphazela amaphondo, kufuneka usiwe kwiKomiti yoXolelwaniso

IMithetho Esayilwayo elungisa uMgaqo-siseko:

Xa uMthetho Osayilwayo olungisa okanye otshintsha uMgaqo-siseko uwachaphazela ngqo amaphondo, amaphondo amathandathu kwalithoba kufuneka avumelane ngako oko.

Ukuba uMthetho Osayilwayo oza kulungisa uMgaqo-siseko awuwachaphazeli ngqo  amaphondo, uMgaqo-siseko uyayivumela i-NCOP ukuba iwuxoxe (ngaphandle kokuvota), phambi kokuba uye kuvotelwa kwiNdlu yoWiso-mthetho

2. Indima yokongamela

Ukongamela ngumsebenzi okuMgaqo-siseko oluxanduva lwePalamente (kuquka iziNdlu zoWiso-mthetho zamaphondo) ukulawula nokuqwalasela imisebenzi karhulumente.
 I-NCOP yongamela imiba yamaphondo kuzwelonke kunye norhulumente wamakhaya.

I-NCOP isenokufuna ilungu lekhabhinethi, igosa kurhulumente kazwelonke okanye urhulumente wephondo ukuba aye kwintlanganiso yeBhunga okanye yekomiti yeBhunga. 
Abathunywa be-NCOP bangabuza abaphathiswa beKhabhinethi imibuzo emayiphendulwe kwi-NCOP.

I-NCOP okanye naziphi na iikomoti zingafumana amaxwebhu ezikhalazo, iinkcazo okanye izingeniso ezisuka nakubani na okanye iqumrhu elifuna oko
I-NCOP ikwaqhuba utyelelo lokongamela eluntwini ukuqinisekisa ukuba bafuna ulwazi olululo kwiimfuno nemingeni yabo. 

Iikomiti zeNCOP
Iikomiti zeNCOP zibizwa ngokuba zii-Komiti eziKhethekileyo, umzekelo, ikomiti eKhethekileyo kwiSebe lezeziNdlu, elezeMisebenzi yoLuntu kunye nelezoThutho. 

Ikomiti nganye yenza umsebenzi ojongene ngokukodwa namasebe athile karhulumente. Ikomiti ixoxa ize ilungise iMithetho Esayilwayo, ize iququzelele iindibano zoluntu xa umba lowo ingumba xhalabisayo kuluntu

Iikomiti zisenokugunyazisa nawuphi na umntu ukuba anike ubungqina okanye aveze amaxwebhu, kwaye basenokufuna nawuphi na umntu okanye naliphi na iqumrhu ukuba linike ingxelo kubo.

Emva kokuba ikomiti igqibile ukuxoxa ngomthetho osayilwayo, uthi usiwe kwi-NCOP ukuze uvotelwe. 

Abathunywa bephondo ngalinye banevoti enye emele iphondo, ethi isetyenziswe yintloko yabathunywa. 


Indima edlalwa luLuntu kumsebenzi wokongamela 
Uluntu lusenokudlal indima ebonakalayo kumsebenzi wokongamela ngokuqinisekisa ukuba urhulumente uyaphendula kwiimfuno zoluntu. Ezi zezinye zeendlela ezinokusetyenziswa: 

1. Yenzani iziNgeniso 
Isingeniso kwikomiti yePalamente yindlela yokwenza ukuba ilizwi lakho liviwe ePalamente. 
Ngokufaka esi singeniso usethubeni lokufuthela uluvo lwmalungu ekomiti axoxa nabonisana ngomba othile womthetho ngaphambi kokuba ugqitywe.
2. Uxwebhu lwezikhalazo: 

Ukwenza uxwebhu lwezikhalazo yindlela yokufaka isikhalazo okanye umba odla umzi ePalamente ukuze iyithathele ingqalelo ngokobunganga bayo.
Ilungelo lokufaka uxwebhu kwiPlamente lilungelo lawo nawuphi na ummi welizwe elibhalwe kuMgaqo-siseko. 
Nawuphi na umntu, amaqela abantu okanye umbutho, unelungelo lokufaka uxwebhu lwezikhalazo ePalamente.
3. Qhagamshelana neLungu lePalamente
Uluntu lungaqhagamshelana namaLungu ePalamente kwii-ofisi zezithili zovoto ezikumaphondo kwilizwe liphela okanye ePalamente xa ufuna ukufumana inkxaso yalo kuloo mba ukutshisayo okanye xa ufuna ukuncediswa kwingxaki ethile onayo. 



