

IKomiti eZimeleyo ngoMdibaniso yezobuNtlola imema izicelo zomsebenzi kwisikhundla somHloli Jikelele weeNkonzo zobuNtlola. Izicelo kufuneka zingqamane neCandelo le-7 loMthetho woLawulo lweeNkonzo zobuNtlola wama-40 we1994. Thumela i-CV eneenkcukacha ezithe vetshe kunye nezizathu ezenza ukuba uqeshwe, uzithumele  kwiKomiti ungadlulanga umhla wesibini kweyeNkanga we-2009.
Ukufumana ingcaciso qhagamshelana noMnu MA Ramawa, 021 4032319, ifeksi 021 465-2857 okanye i-imeyile: aramawa@parliament.gov.za 

Nceda uqaphele ukuba esi saziso siyaphinda ukupapashwa. Akukho mfuneko yokuba abagqatswa abebesele bezithumele izicelo zabo baphinde bazithumele kwakhona.
 
