Unelungelo lokuthi “Hayi” ekwabelananeni ngezesondo okungakhuselekanga



UGawulayo akanyangeki.



Ukwabelana ngesondo neentsana, abantwana abancinane kunye nabantu abadala akusayi kumnyanga uGawulayo.



Iintsana ezincancayo zingamfumana uGawulayo koomama bazo.



Iintsana ezingekazalwa zingamfumana uGawulayo koomama bazo.



Phelisa ukusasazwa kukaGawulayo – sebenzisa ikhondomu.



Masimanyane – yilwa uGawulayo kwaye wakhe isizwe esomeleleyo.



“Sindisa abantwana” Ukuxhaphaza akuthetheleleki.



Musa ukuhlala ungazi – yazi imbali yezesondo yeqabane lakho



Iqabane elinye elithembekileyo lingabusindisa ubomi bakho.



Intsholongwane yesifo uGawulayo (HIV) ayinakusasazwa ziingcongconi.



Intsholongwane yesifo uGawulayo (HIV) ingasasazwa kukusebenzisa iinaliti ezimdaka.



Amaqabane ezesondo amaninzi nahlukeneyo angawandisa amathuba okufumana kwakho intsolongwane yesifo uGawulayo (HIV). 

