xhosa.1332.winner
YIBA YINDUMASI
1 NGENELA UKHUPHISWANO
Ivakala iyinto ecacileyo, kodwa linyathelo eliyimfuneko. Uthi xa ubona abantu bengenela ukhuphiswano olufana nee-Idols uthi: "Ingaba mna ndinganakho?" Kaloku awunakulifumana ithuba xa ungaqali ngokungenela! Ungoyiki, utyhafiswe nangabantu - thabatha isigqibo ngokwakho ukuze ufezekise iphupha lakho.
UThembisile Ntaka ungomnye wabantu abaphumelela kwiCoca- Cola Pop Stars ngo-2003 osendleleni yokuba yenye yeendumasi eziphambili: "Ukucula bubomi bam, liphupha lam. Awunakuliyeka ke iphupha lakho."
2 NYANISEKA
Xa sele usenzile isigqibo yiba neenjongo. Mazicace kwaye zibe nokufikeleleka ukuze ufezekise iphupha lakho.
Ukuze uphumelele yiba nenjongo ukwazi okufunayo, utsho uDavid Kau ongomnye wabagwebi be-So You Think You're Funny. "Abanye bangenela ukhuphiswano kuba befuna imali, kodwa oza kuphumelela ngofuna isakhono!"
3 PREKTHIZA
"Ukuprekthiza kubalulekile," utsho uRohan Bergtsedt owayeqeqesha uChris Flandorp owafikelela kumagqibela kankqoyi kwiCoca- Cola Football Stars. "Sasi-ziqeqesha iintsuku ezine ngeveki sibe nomdlalo rhoqo ngempela-veki."
Kuyimfuneko ukuprekthiza nokuba unetalante ebholeni, emdanisweni, emculweni okanye ekuqhuleni!
Kaloku kufunwa okungaphezulu kwetalente xa kufunwa abadanisi, abadlali bebhola neemvumi. Kufuneka uzithembe, ubonise isiphiwo nothando lweqonga - zonke ezi zinto zifuna uprekthize.
4 KHANGELA AMATHUBA
Funda amaphepha-ndaba neemagazini, ubukele iintengiso zeTV - ugade ukhuphiswano olufuna italente yakho. Emva koko yenza konke okufunekayo ukuze ulungenele ukhuphiswano!
5 ZINZISA INGQONDO
"Ukuze uphumelele kufuneka uzinikele kwaye uzinze engqondweni. Ungavumeli iingxaki zikutyhafise. Ukudinwa, uloyiko, noxinzelelo lwengqondo - ezi zinto ziza kukubetha, kodwa wena cinga ngebhaso oza kulifumana!" Utshilo uHarold van Buuren ongumgwebi oyintloko ku-So You Think You Can Dance, xa ebebuzwa ukuba yintoni eyenza umntu aphumelele.
UThembisile uyavumelana naye, uthi oogxa bakhe aphumelela nabo kwiCoca Cola abaqhubelanga phambili emculweni kuba iliso labo lasuka kweyona njongo yabo ekukufezekisa amaphupha abo.
6 CINGA OKUHLE
Kuluncedo ukujonga phambili. Musa ukuzohlwaya kakhulu xa ungenzanga kakuhle. "Xa ungaphumelelanga, phinda kunyaka olandelayo," utsho uLungisani Ntuli ogqwese ku-I Want to Sing Gospel ngo-2008. "Kwixesh' elizayo uza kuba sel' ukwazi okulindelekileyo kuwe."
7 YIBA LITSHA-NTLIZIYO
"Yithande into oyenzayo," utsho u-Elizma Wildschutte ogqwese ku-So You Think Can Dance ngo-2008. Ngokutsho kukaHarold van Buuren ongumgwebi oyintloko, esinye sezizathu ezenze
u-Elizma wagqwesa kukuba ubebonakala ukuba uyayithanda into ayenzayo. Ukuba litsha-ntliziyo kukwenza uqaqambe. Xa uyithanda into oyenzayo akukho nto ingaxaba endleleni yakho.
8 KWAMKELE UKUGXEKWA
Ukugxekwa ofanele ukunike ingqaleko kokusuka kubagwebi. Bamamele, musa ukubaphikisa uzame ukubabonisa ukuba bakuncedile waphucula indlela owenza ngayo.
9 UNGAYILIBALI IMVELAPHI YAKHO
Ungaziphakamisi uzenze indumasi uze ulibale abahlobo bakho. "Zazi apho usuka khona. UThixo uyakwehlisa xa uzilibele apho usuka khona," utsho uLungisani.
10 CINGA NGENGOMSO
Musa ukucinga ngokhuphiswano kuphela, ufane nabantu abaphumelelayo baze banyamalale emva konyaka. Ukhuphiswano linyathelo lokuqala lokufezekisa amaphupha akho. [x]
Umbhali: Smangele Zuma
AMANYATHELO OKUPHUMELELA UKHUPHISWANO LWEETALENTE
UThembisile Ntaka olilungu le-Adilah eyagqwesa kwiCoca-Cola Pop Stars ka-2003.
ULungisani Ntuli ophumelele
ku-I Want to Sing Gospel ngo-2008.
Zixhaphakile ngoku iinkqubo ezizingela italente kwaye kukho phantse zonke iitalente zaye nawuphi na umntu, ngenxa yoku umel' ukuba uthi "Mhlawumbi nam ndingaphumelela!" - iphupha lakho lisenokufezekiswa
Abangenele ukhuphiswano lwe-So You Think You're Funny. Ujonge oza kuphumelela ekuqaleni kukaFebruwari.
Ofikelele kumagqibela kankqoyi eCoca-Cola Football Stars, uChris Flandorp, nomqeqeshi wakhe wasesikolweni, uRohan Bergstedt
UDavid Kau ongomnye wabagwebi kwinkqubo ethi So You Think You're Funny
YENZA OKULUNGILEYO
Umgwebi oyintloko we-So You Think You Can Dance, uHarold van Buuren ucebisa athi:
Inkangeleko:
Ukunxiba kakuhle kubalulekile. Abagwebi baza kujonga inkangeleko yakho - sifuna ukubona ukuba noko uzamile ukuzenza ubukeke.
Ilizwi lakho:
Thetha ngelizwi eliqinileyo ubonakalise ukuzithemba, kodwa ulumke ungade uvakale njengomntu onekratshi!
Intshukumo yomzimba:
Bonakalisa ukuzithemba unike ithemba lokuba uza kunika umdla xa sikubukele.
Okwenzeka ngaphaya komkhusane:
Hlonipha abantu abakungqongileyo ubonakalise ukuthoba xa kusithiwa yenza into.
U-Elizma Wildschutte ogqwesileyo kwinkqubo yokudanisa ethi So You Think You Can Dance ka-2008.
