
Isicelo sokuthumela ngaphandle kwelizwe izilwanyana ii-embryo ii-ova nencindi yobudoda
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Imvume yokuthumela ngaphandle kwelizwe evela ku-Registrar of Animal Improvement  iyafuneka phambi kokuthumela ngaphandle kwelizwe izilwanyana okanye izinto zofuzo ezifana nee-embryo, ii-ova okanye incindi yobudoda  ukuphuma eMzantsi Afrika. Kufuneka umbutho wabazalisi ofanelekileyo okanye igunyabantu elibhalisayo likhuthaze ukuthumela ngaphandle kwelizwe.

Kufuneka isicelo sinikwe uMbhalisi kwithuba leentsuku ezingama-30 phambi kokuthumela ngaphandle kwelizwe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokupheleleyo. Ifomu kananjalo ingacelwa ku-Registrar of Animal Improvement .
Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo.
Qhoboshela izintlu ezibonisa iinkcukacha zabanikeli bee-embryo, ii-ova okanye incindi yobudoda okanye izilwanyana eziya kungeniswa elizweni njengakwicandelo C lefomu yesicelo.
Intlawulo echanekileyo kufuneka ikhaphe isicelo ngasinye. Yenza itsheki okanye iposoda ehlawuleka ku-: The Director-General: Agriculture. Iinkcukacha zebhanki zezi:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Inombolo yeAkhawunti: 011219556
Ikhowudi yesebe: 000845/010845
Thumela izicelo kumbutho ofanelekileyo wabazalisi okanye igunyabantu elibhalisayo malunga nezincomo.
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  
Animal Disease Act, 1984   with amendments

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siyakwamkelwa kwiintsuku ezingama-30.

Entla

Iindleko

R79

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application to export animals/embryos/ova/semen 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


