﻿

Ukusweleka kwabemi baseMzantsi Afrika phesheya

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ISebe lemiCimbi yezangaPhandle, lisebenzisana nabammeli balo abaphesheya, linika uncedo lweendlela zokwenza neengcebiso kwizizalwane zabemmi beloMzantsi Afrika abaswelekela phesheya.

Ziintoni ezikhoyo ezinokunceda izizalwane zabemi baseMzantsi Afrika abaswelekileyo?

Abameli beloMzantsi Afrika baya kunceda izizalwane ukufumana uluhlu lwamaxabiso ukuze bakwazi ukuthatha isigqibo esisekelwe kulwazi.

Ukuba usebenzisa umngcwabi, kubalulekile ukuqaphela ukuba iinkonzo zabo zifanele ukuhlawulelwa.

Esi senzo siyohluka ngokwamazwe ngamazwe, kwaye oku kuya kuba neempembelelo kule nkqubo. UMmeli weloMzantsi Afrika okanye iSebe lemiCimbi yezangaPhandle liya kunika isikhokelo.

Indlela 1: Ukubuyiselwa komzimba eMzantsi Afrika

Xa umzimba ubuyiswa, kukho imigaqo engqongqo yokuwuhambisa njengoko kuyalelwe liSebe lezeMpilo. Ukulungiswa komzimba neendleko zokuwuhambisa kwenza oku kube yeyona ndlela ixabisa phezulu kakhulu.
Phambi kokuba uthathe isigqibo, kufuneka isizalwane sifumane uluhlu lwamaxabiso kubangcwabi abakwilizwe langaphandle, ngaphandle kokuba umfi ebeneinshorensi. Ummeli weloMzatsi Afrika anganceda kulo mba.

Indlela 2: Ukutshiswa komzimba nokubuyiselwa kothuthu eMzantsi Afrika

Isizalwane singakhetha ukutshiswa nokubuyiswa kothuthu.
Umngcwabi okwilizwe langaphandle angayinika le nkonzo. UMmeli weloMzantsi Afrika angakhona xa kutshiswa umzimba ukuba isizalwane sifunaingqina lwenkqubo kwaye sona asikwazi ukuba singaya ubuqu.
Uthuthu luphathwa ngokwezithethe zelo zwe langaphandle.

Indlela 3: Umngcwabo wengingqi

Iizalwane zingakhetha ukungcwabela kwilizwe langaphandle.
Umngcwabi okwilizwe lagaphandle angayinika le nkonzo. UMmeli weloMzantsi Afrika angaya kuloo mgcwabo ukuba isizalwane sinqwenela ingqina lokuqhubekileyo kwaye sona asikwazi ukuba singaya ubuqu.
Umngcwabi wazisa izizalwane ngendawo apho likhoyo kanye ingcwaba.

Indlela 4: Umngcwabo wehlwempu

Ukuba izizalwane azikwazi ukufumaneka okanye azikwazi ukumelana nezi ndlela zingentla, kungacelwa umngcwabo wehlwempu.
Abasemagunyeni bengingqi bangcwaba umzimba ngaphandle kwentlawulo. UMmeli weloMzantsi Afrika angaya kuloo mngcwabo ukuba izizalwane zinqwenela ubungqina baloo nkqubo sibe sona singenakho ukuya ubuqu.
Abasemagunyeni bengingqi bazisa isizalwane ngendawo apho likhoyo kanye ingcwaba.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qhagamshelana neinshoernsi yomfi ukuba bebenayo i-inshorensi yohambo. Ukuba akunjalo, khetha enye yezi ndlela zichazwe ngentla apha.

Xa sowuthathe isigqibo malunga nendlela oyikhethayo, sayina ubungqina ubufungelweyo ubuthumele kwiCandelo lomLawuli oyiNtloko: IinNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle.

La maxwebhu alandelayo ayafuneka:


Amaxwebhu okuzisa ngaphakathi elizweni nokuthumela ngaphandle umzimba (owosulelayo nongasuleliyo kwanokuthuthwa komzimba eMzantsi Afrika:


Isiqinisekiso sokufa

Incwadi yesazisi okanye yondwendwelo

Isiqinsekiso sokuqhola umzimba

Ileta evela kwilungu losapho elicela ukungeniswa ngaphakathi okanye ukuthunyelwa ngaphandle kwelizwe

Inguqulelo eqinisekisiweyo ukuba amaxwebhu awabhalwanga ngolwimi lwesiNgesi

Ileta eqinisekisayo evela kuMzi woZakuzo okanye umngcwabi equka ezi nkcukacha zilandelayo:


Igama lomfi

Umhla wokufa

Unobangela wokufa

Ililzwe lokufa

Indawo yomngcwabo

Iinkcukacha ezipheleleyo zoqhagamshelwano kuquka neekhowudi zemimmandla.




Akukho mvume ifunekayo ukungenisa ngaphakathi kwelizwe uthuthu lomzimba otshisiweyo.

Amaxwebhu afunelwa ukugrumba umzimba nokuwuthumela ngaphandle kwelizwe:


Incwadi yesazisi okanye yondwendwelo

Isiqinisekiso sokufa

Isiqinisekiso sokuqhola umzimba

Ileta evela kwilungu losapho elicela ukungeniswa komzimba ngaphakathi kwelizwe

Inguqulelo eqinisekisiweyo kufuneka iqhagamshelwe ukuba amaxwebhu akabhalwanga ngolwimi lwesiNgesi

Ileta evela kumZi woZakuzo okanye umngcwabi eqinisekisayo nequka ezi nkcukacha zilandelayo:


Igama lomfi

Umhla wokufa

Unobangela wokufa

Ilizwe lokufa

Indawo yokungcwaba

Iinkcukacha ezipheleleyo kuquka iikhowudi zemimmandla.



Amaxwebhu afunelwa ukugrumba umzimba nokuwuthumela ngaphandle kwelizwe:


Ileta eqinisekiayo evela kumZi woZakuzo okanye umngcwabi, ekufuneka iquke ezi nkcukacha zilandelayo:

Igama lomfi

Umhla wokufa

Indawo yokungcwaba

Indawo yokungcwaba kwakhona 

Iinombolo ezipheleleyo zoqhagamshelwano, kuquka iikhowudi ezichanekileyo zefowuni nefekisi

Isiqinisekiso sokufa 

Ileta evela kwilungu losapho elicela ukugrunjwa komzimba

Ukuba amangcwaba akumhlaba womntu wabucala, ileta enika imvume evela kumnini-mhlaba, enika imvume yokungcwaba okanye yokugrumba umzimba iyafuneka. Okanye imvume kufuneka inikwe ngabasemagunyeni abafanelekileyo umz. Umphathi wamangcwaba, UMasipala weNgingqi wePhondo lezeMpilo.


Amangcwaba angaziwayo:


Isicelo esivela kwinkampani okanye kumngcwabi masiquke ezi nkcukacha zilandelayo:


Indawo yengcwaba

Iikopi zesibhengezo samaphepha-ndaba apho kwaziswa ngokufunyanwa kwamangcwaba 

Indawo yokungcwatwa kwakhona

Ukuba amangcwaba akumhlaba womntu wabucala, kufuneka ileta yomnini-mhlaba enika imvume yokungcwaba okanye yokugrumba umzimba okanye imizimba

Iinkcukacha ezipheleleyo eziquka iikhowudi ezichanekileyo zemimmandla

Amaxwebhu afunekayo ukuze kube nakho ukugrunjwa okanye ukutshiswa umzimba

Incwadi yesazisi okanye yokundwendwela

Isiqinisekiso sokufa

Ileta evela kwilungu losapho elicela imvume yokugrumba nokutshisa umzimba

Ileta yomnini-mhlaba enika imvume yokugrunjwa komzimba, ukuba ingcwaba elo likumhlaba onomniniwo. Kwakhona kukwafuneka kunikwe imvume ngabasemagunyeni abafanelekileyo, umz umphathi mangwcaba, uMasipala weNgingqi wePhondo lezeMpilo

Makuqhagamshelwe inguqulelo eqinisekisiweyo ukuba amaxwebhu abhalwe ngolwimi olungesosiNgesi

Ileta esisiqinisekiso evela kumngcwabi mayiquke oku:


Igama lomfi

Umhla wokufa

Unobangela wokufa

Indawo yokungcwaba 

Iinkcukacha ezipheleleyo eziquka iikhowudi zemimmandla.





Entla

Umthetho osetyenziswayo

Umthetho R2438 wangomhla wama-30 kuOkthobha 1987, imihlathi ye-9 neye-10.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

ISebe lemiCimbi yezangaPhandle liya kuphendula kuyo yonke imibuzo kwithuba elingangeeyure ezingama-24.

Entla

Iindleko

Uncedo oluvela kwisebe okanye kubammeli balo abaphesheya aluhlawulelwa, kodwa iinkonzo ezinikwe ngabangcwabi ziyahlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifomu zifuna ukuzaliswa.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

Usapho lommi waseMzantsi Afrika othe waswelekela phesheya kufuneka luqhagamshelane nommeli weloMzantsi Afrika okufuphi. Okanye kungaqhagqmshelwane neCandelo lomLawuli oyiNtloko: IiNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle endaweni yakho.

Olona Mmelo lwaseMzantsi Afrika lukufuphi.
ICandelo lomLawuli oyiNtloko : IiNkonzo zabaMmeli-lizwe beSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli.


