

Ukutshintsha imali yenkxaso yokunakekela omnye umntu  




Inkcazelo

Ungacela ukuba imali ehlawulelwa inkxaso yokunakekela omnye umntu  itshintshwe, ngenxa yokuba ayoneli okanye ngenxa yokuba uyoyisakala ukukhupha loo mali yesapoti.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko


Inkqubo emayilandelwe
Ukubangaba ungulo mntu ufumana isapoti:
Yenza isicelo kwinkundla kamantyi ekwisithili apho lo mntu uhlawula isapoti ahlala khona.
Gcwalisa ifom yesicelo efanelekileyo uze uyihambise kwigosa lesapoti, ikunye nesitetimenti sengeniso-mali kunye nenkcitho.

Ukubangaba ungulo mntu uhlawula isapoti kodwa iyakoyisa le mali uyikhuphayo:
Yenza isicelo sokulungiswa komyalelo kwi-ofisi kamantyi ekwisithili ekuhlala kuso lo mntu umsapotayo.
Gcwalisa ifom ebandakanyekayo kwaye uyihambise kwigosa lesapoti.

Hambisa isitetimenti esipheleleyo sengeniso-mali kunye nenkcitho, ndawonye nengxelo echaza izizathu zesicelo, kwigosa lesapoti, akukhathaliseki nokuba ungumzuzi okanye ungumhlawuli wemali yesapoti. Kuyakuthi ke kulandelwe inkqubo efanayo naxa kufakwa isibango sesapoti. 

Imithetho esetyenziswayo

Maintenance Act, 1998  and related Regulations UMthetho weNkxaso yokuNakekela omnye umntu, kunye neMigqaliselo eyayamene nawo

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uyakuphathwa ngokulinganayo, ngokunobuntu, nangesidima nentlonipho.
Isicelo sakho siyakuphathwa ngokukhawuleza nangobunono kangangoko kunokwenzeka
Faka nasiphina isikhalazo onganaso kuMphandi weNkxaso yokuNakekela omnye umntu , kwiGosa leNkxaso yokuNakekela omnye umntu, kuManejala weNkundla, kwiNtloko yeNgingqi kwezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko okanye kwiZiko leNkonzo eGqwesileyo; kwiProjekthi yeNkxaso yokuNakekela omnye umntu yeSebe leLizwe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko; okanye kwiCandelo loBuqondisi beMibandela ye-Gender.

Iindleko

Ngaphandle kokuba igosa elihambisa imiyalelo yenkundla  licela kuqale kukhutshwe imali, ukuze likwazi ukukhupha umyalelo wokuhlawula isapoti, iindleko ziyakubancinane okanye zingabikho konke konke.

Iifom ezigcwaliswayo





Form A: Application for Maintenance Order)

Form B: Substitution or Discharge of existing Maintenance Order

Form C1: Subpoena in terms of Section  of the Maintenance Act, 1998 

Form C2: Subpoena in terms of Section  of the Maintenance Act, 1998

Form D: Notification to admit Statements by Witnesses

Form E: Maintenance Order in terms of section 16 of the Maintenance Act, 1998

Form F: Notice to make Maintenance Payments on behalf of person against whom Maintenance Order was made

Form G: Consent and Maintenance Order in terms of section 17 read with Section 16 of the Maintenance Act, 1998

Form H: Order by Default and Notice in terms of Section 18 read with Section 16 of the Maintenance Act, 1998

Form I: Application for Variation/Setting Aside of an Order by Default in terms of Section 19  of the Maintenance Act, 1998

Form J: Notice in terms of Section 19 of the Maintenance Act, 1998

Form K: Application for Enforcement of Maintenance or other Order in terms of Section 26 of the Maintenance Act, 1998

Form L: Warrant of execution against Property in terms of Section 27 of the Maintenance Act

Form M: Application for Setting Aside of a warrant of Execution in terms of section 27 of the Maintenance Act, 1998

Form N: Application for Suspension, Amendment or Rescission of an Order for the attachment of Emoluments in terms of Section 28 of the Maintenance Act, 1998

Form O: Notices to and by Employer in terms of Section 29 of the Maintenance Act, 1998

Form P: Application for Suspension, Amendment or Rescission of an Order for the attachment of Debts in terms of Section 30 of the Maintenance Act, 1998

Form Q: Complaint of Failure to comply with a Maintenance Order for purposes of Section 31 of the Maintenance Act, 1998







Iinkcukacha zonxulumano




