






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Malunga

MALUNGA



   


SIZINIKELE KUBO BONKE ABO BAZINIKELE EKUFEZEKISENI AMAPHUPHA OLAWULO LUKARHULUMENTE NGENTANDO YESININZI EMZANTSI AFRIKA.

I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe ubukhulu becala kubemi baseNtshona Koloni, inikezela ngolwazi ngoorhulumente bamakhaya, abamaphondo nokazwe-lonke. Ilinyathelo likaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni, ngentsebenziswano noorhulumente bamakhaya kunye nokazwe-lonke, inikezela ngendlela elula yokufikelela kulwazi ngeenkonzo zikarhulumente.

Ukuza kuthi gxa ngoku, ukuze bakwazi ukufumana ulwazi neenkonzo, abemi bekusoloko kufuneka bazi ukuba leliphi na icandelo elinikezela ngolo lwazi okanye loo nkonzo. NgeCape Gateway, ulwazi lunikezelwa ngendlela efunwa ngulooo mntu ulufunayo.

Kukho iindlela ezintathu zokufumana ulwazi olunikezelwa yiCape Gateway:
* Iwebsite - www.capegateway.gov.za (yile ukuyo ngalo eli xesha)
* Iziko loqhagamshelwano - 0860 142 142 (kwiintsuku zeveki 8:00 - 16:00; uhlawula imali yomnxeba owutsalela useKapa nokuba uphi na apha eMzantsi Afrika)
* Iziko onokulindwendwela - kwa-142 Kwisitalato iLong, eKapa (kwiintsuku zeveki 8:00 - 16:00; apho unokuthetha nomntu ubuso ngobuso)

Ezi ndlela zintathu zoqhagamshelwano zijoliswe ekwenzeni le nkonzo ye-Cape Gateway ifumaneke kubona bantu baninzi. Oku kwenziwa lula kakhulu ngokunikezelwa kolu lwazi ngesiNgesi, isiBhulu nesiXhosa (iilwimi ezithethwa ngokusesikweni eNtshona Koloni).

IMBALI

Enye yeenjongo zoMgaqo-siseko woMzantsi Afrika kukuseka ulawulo lwesininzi oluvulelekileyo, oludume ngokulawula ngendlela ebonakalayo yokulawula kwanendlela yokulawula ekhokelwa ngabantu baseMzantsi Afrika. Amalungelo okufumana ulwazi afakwe njengamalungelo oluntu angundoqo.

UMgaqo-siseko lo ubeka isinyanzeliso kumasebe namacandelo ombuso ukuba asasaze ulwazi olugcinwe ngumbuso kangangoko anakho: "Ulawulo lukarhulumente ngendlela evulelekileyo kufuneka lunyanzeliswe ngokunika uluntu ulwazi olusexesheni, olufikelelekayo noluchanekileyo." iCandelo 195(g)

I-Batho Pele (umgaqo-nkqubo obeka abantu kuqala kwiinkonzo zikarhulumente) linyathelo likarhulumente woMzantsi Afrika lokuphucula indlela yokunikezela ngeenkonzo zoluntu. Ukuphucula ukunikezelwa kweenkonzo yenye yezinto ezisibhozo ezibalulekileyo aceba ukuzifezekisa urhulumente njengoko zithiwe thaca kwiPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo Wokuphucula iiNkonzo Zoluntu (pdf, html).

IPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo kaRhulumente wePhondo leNtshona Koloni Elingokulungiselela iNtshona Koloni uQoqosho loLwazi kwiNkulungwane yamashumi amabini nalo likwathi thaca isidingo sokufunyanwa lula kolwazi neenkonzo zikarhulumente ngabemi namashishini, kwanesidingo sokuphakamisa izakhono zophuhliso loqoqosho loluntu lweli xesha lolwazi kwisizwe esikhulayo.

I-Cape Gateway ke yimpendulo eluqilima kule mithetho nale migaqo-nkqubo.

IKAMVA

I-Cape Gateway iza kuqhubekeka ihlaziya, iguqulela futhi iqokelela olunye ulwazi lukarhulumente olulungele iNtshona Koloni, ze ilwenze lufumaneke ngendlela ekulula ngayo ukulufumana. Iintlobo ezisezayo zolu lwazi ziya kuquka iinkonzo ezifumaneka ngekhompyutha kwanoqhagamshelwano norhulumente.

Unokuthabatha inxaxheba ngokwenza izicelo zolwazi, okanye ufake naluphi na uluvo ngale nkonzo apha: questions@capegateway.gov.za

UPHUHLISO NENKXASO

Iphulo Lophuhliso lweCape Gateway:

* libhala ze liqokelele ingxam yale nkonzo
* yenzela iqela lale ngxam izixhobo ukuze likwazi ukusebenza
* iyila ze yakhe le website.


iCape Gateway Operations yona inoxanduva:
* lokusebenza kweziko onokulityelela
* lokujongana neziko loqhagamshelwano
* lokusebenza kwamihla le kwale website.

la maqela asebenzisanayo(anamalungu asuka kumabakala namacandelo ahlukeneyo) alawulwa yiCentre for e-Innovation.

Ingxam yale nkonzo eshicilelwe kwi-webiste ye-Cape Gateway iphantsi koMgaqo-nkqubo woLawulo lweNgxam yeCape Gateway.

Ingxam ishicilelwa kule website (esetyenziswa njengesiseko solwazi liziko loqhagamshelwano neziko onokulityelela) liQela leNgxam elisebenzisa iBee (eyindlela yokulawula le ngxam). Neenjongo zokusasaza iinzuzo zolawulo lukarhulumente ngobugcosa bonxibelelwa kwanokudalwa kwemigangatho yengxam yeenkonzo zikarhulumente, urhulumente wephondo leNtshona oloni unikezela ngokukhululekileyo ngephepha-mvume lokusebenzisa iBee kuwo onke amasebe karhulumente apha.

IMBALI YOHLOBO LWEWEBSITE YECAPE GATEWAY



UHLOBO
OLUKHUTSHIWEYO

1.2
Ngomhla wama-31 kwinyanga yoMqungu ku-2005




This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uMatshi 2005



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





