xhodas.1326.driver
BONA XHOSA - September 2006
Amacebiso okuphepha ukuzifak' engxakini
Indlela yokupholisa
umqhubi onochuku
Amaxesha amaninzi kuba ngabany' abaqhubi abayingozi endleleni ngaphezu kwabaxhwili beemoto! Ukuxabana kwabaqhubi kuseyingxaki enkulu ezindleleni zoMzantsi Afrika. Nanga amacebiso angakunceda ungazifaki engxakini ngenxa yabaqhubi abacing' ukuba indlela yeyabo...
kubhale uNKOSAZANA SITHOLE
kufote uCLIVE THOMPSON
Zama ukungabi namsindo endleleni kuba ukucaphuka kuya kunixabanisa nangakumbi!
NGOBUNY' UBUSUKU uVusi Dlamini olipolisa wayegoduka. Kwabakho isigadla esimqhubisa kakubi endleleni waza wasibethela izibani ezama ukubonisa umqhubi waso ukuba umphazamisile. Eso sigadla sasuka sayilandela imoto yakhe, simxhola ngezibani de waphum' endleleni. Wathi xa ephuma emotweni, umqhubi wesigadla wamdubula wambulala.
"Lo ngumzekelo wokuba abaqhubi bafanele babe nomonde xa besendleleni. Ukuqhuba ezindleleni zeli kuyingozi kakhulu nkqu nasebantwini abafundisiweyo," watsho uMdu Mkhize oligosa lonxibelelwano emapoliseni.
UMargaret Mbatha wathi eqhuba imoto yakhe engena kwindlela eya emzini wakhe wafika kukho imoto eyivalileyo. Wayibethela ihutara kancinane. "Ndiyacinga oko kwamcaphukisa umqhubi wayo kuba wayihlehlisa wazongquba eyam. Emva koko wandityabeka ngezithuko waza wasuka ngesantya wahamba."
Bayanda abaqhubi abanochuku ezindleleni zeli. Ubabona ngokuqhuba ngesantya, ukukulandela kufutshane, ukubetha abaqhubi abaphambi kwabo ngezibani, ukuqhubisa kakubi abanye abaqhubi ngokungena phambi kwabo nokubathuka ngezandla.
Iingcali zamagosa eendlela zithi le ngxaki ibangelwa bubuninzi beemoto ezindleleni - nakukuba abaqhubi bakhuphela umsindo wabo kwabanye abasebenzisi bendlela.
Ingcali yengqondo uGideon Mchunu uthi: "Abaqhubi baye bazixelel' ukuba abaziwa. Oko kubenza bakubonakalise ngokuphandle ukucaphuka kwabo. Umqhubi okuthukayo endleleni ungafumana ukuba ungumntu olulamileyo xa udibana naye epatini."
Ungawanciphisa amathuba okuzifaka engozini "ngokwazi abaqhubi abayingozi nokuba kufanele ubathini," utsho uReggie Ntombela ongumhlohli wabaqhubi.
UNtombela neziny' iingcali zibanike la macebiso abaqhubi.
Abaqhubi abakulandela kufutshane
"Xa ubona imoto isiza ngesantya emva kwakho, nciphisa isantya ukuze kuvuleke isithuba esiphakathi kwakho nemoto ephambi kwakho," ucebisa atsho uNtombela.
"Oko kukunceda xa kufuneka ume ngequbuliso. Yithi chu ngeso santya ukuze imoto ekulandela kufutshane igqithe. Xa ingagqithi, yidedele."
UGideon Mchunu uthi abaqhubi abakulandela kufutshane "ngabantu abathanda ukukhuphisana nababona abanye abaqhubi bevale indlela." Uthi icebo kukuba "umilisel' ingqondo yakho endleleni ungazikhathazi ngomqhubi wemoto ekulandelayo. Ungavumi nidibane ngamehlo nomqhubi onjalo, kodwa ungambonisa ukuba uyambona ngokulungisa isipili semoto yakho esikubonisa into engasemva."
Abaqhubi abangena bephuma
"Xa ubona umqhubi ongena ephuma phakathi kweziny' iimoto, mlindele ukuba angangena nangaphambili kwakho. Nciphisa isantya ukuze uzinike isithuba esaneleyo nabanye abaqhubi," utsho uNtombela.
Kubalulekile ukusoloko ulindele nantoni na endleleni. Jonga izipili zakho rhoqo emva kwemizuzwana emithathu ukuya kweli-10, kuxhomekeka kumthamo weemoto.
Xa utshintsha iileyini zendlela, bonisa nge-indikheyitha ukuze ulumkise abanye abaqhubi.
"Ukungena uphuma phakathi kweziny' iimoto endleleni akukuncedi. Xa ndisiya emsebenzini ndiqhuba ngesantya esingu-70km ngeyure. Ndifika emva kwemizuzu emithathu kumqhubi ongena ephuma endleleni kuba eleqa," utshilo uNtombela.
Ukuxambulisana
Zola yaye ungaxambulisani nabany' abaqhubi. Umzekelo xa omnye umqhubi enyusa isantya xa uzama ukumgqitha, pheph' ingozi ngokumyeka ahambe.
"Ungaze uvume ukuphikisana naye kuba uya kuzibeka esichengeni ungafanelanga. Kungenzeka abe loo mqhubi unxilile, usebenzise iziyobisi okanye kukho into emcaphukisileyo," utsho uSibonelo Hlatshwayo oyingcali yengqondo. Ukanti kungenzeka nokuba uxhobile loo mqhubi.
USimon noRosemary Majola nentombi yabo eneminyaka emithathu babevela epatini yeKrismesi kwiminyaka emibini edlulileyo. USimon wabona kukho imoto emlandela kufutshane, wathi engekafumani ndawo yokuyidedela igqithe umqhubi wayo wamgqitha waza wema walungelana nemoto yakhe baze baqala ukuxambulisana nokuthukana. Emva koko loo mqhubi wabuyela ngasemva kukaSimon.
USimon wacinga ukuba loo nto igqithile suka weva ngezithonga ezithathu zompu kanti enye yezo mbumbulu iza kuchana inkosikazi yakhe entloko yaza yasweleka ngemin' elandelayo.
Abaqhubi abaziphatha okwabazali abangqongqo nabavalela abanye abaqhubi kuba besithi "bafuna ukubafundisa isifundo" baziqhwayela ingxaki.
"Ukwenza loo nto akuncedi yaye kuyingozi," utsho uReggie oyingcali ekufundiseni ukuqhuba. Ubalule isiganeko sebhinqa elalikhalaza emva kweentsuku yenzekile ingozi ngokuba lilo ebelinelungelo lokuhamba kodwa labe lenzakele nemoto yalo ibubutyobo.
Ukuzibona usesangqeni
Kweziny' iimeko ozibona kuzo usengozini, ukuphum' endleleni lelona cebo lihle. UJerome Zondi ukhumbul' ezifumana efakwe esangqeni ngabaqhubi bezithuthuthu.
"Indlela yayincinane yaye ndazibona ndinedyudyu, ngoko ndangena kwivenkile ethile ndatheng' ikomityi yeti. Emva kwemizuzu elishumi basebehambile nezithuthuthu zabo."
Xa usengozini ube ungenandlela yakuphuncula, zola, ume uthathe iinombolo zemoto ekuqhubise kakubi uze ubize amapolisa.
Abaqhubi bokwenene ngabo bangabahoyiyo abaqhubi abaqhway' uchuku endleleni.
U-BJ Shandu obefudula engumlawuli wophando lokhuseleko ezindleleni uzihambela ngesantya esingaphantsi kwesimiselweyo ahambe ebuka iindawo agqitha kuzo.
NoReggie Ntombela uqhuba ngolo hlobo xa esiya emsebenzini. "Icebo kukubayeka bagqithe abaqhubi abangxamileyo. Andimbetheli nehutara umqhubi ondiphazamisayo endleleni. Andikuthandi ukuphazamisa izilwanyana zizilalele"
Bayingozi abaqhubi abacinga ukuba indlela yeyabo nabakhuphisanayo. Ingakukhusela wena nosapho lwakho indlela omphatha ngayo umqhubi onochuku endleni. [x]
BONA XHOSA - September 2006
u
t
Bayanda abaqhubi abanengcwangu
BONA XHOSA - September 2006
