﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Ulwaphulo-mthetho, uMthetho NobuLungisa > Iinkundla & Neenkonzo Zomthetho > iiNkundla Ezijongene Nokulingana

iiNkundla Ezijongene Nokulingana




INKCAZELO:

Iinkundla Zokulingana zenzelwe ukujongana nemiba ephantsi komthetho iPromotion of Equality and Prevention of Unfair Discrimination Act 4 ka-2000, mthetho lowo ukwaziwa njenge-Equality Act.


* Yeyiphi Imiba Echotshelwayo kwiiNkundla Zokulingana?
* Ziphi iiNkundla Zokulingana?
* Ndingasenza Njani Isikhalazo Esinento Yokwenza Nokulingana?
* Kuya Kuthabatha Ixesha Elingakanani Ukuba Isikhalazo Sam Siye Enkundleni?
* Yintoni Usuku Lokunikezela Umkhomba-ndlela?
* Kuya Kwenzeka Ntoni Ematyaleni?



YEYIPHI IMIBA ECHOTSHELWAYO KWEZI NKUNDLA ZOKULINGANA?


Ungadibana neNkundla Yokulingana ngaso nasiphi na isikhalazo:
* UkuUnfair discrimination
* Ukupapashwa kweenkcukacha ezibeka Publication of information that unfairly discriminates
* Harassment
* Intetho Ebangela Intiyo.


Noxa kunjalo ke, ukuba isikhalazo sakho sinento yokwenza nomsebenzi wakho isicelo sesithuba sengqesho, kuya kufuneka uqale uhlangane nenkundla yemicimbi yabasebenzi okanye iqumrhu elikumila kunjalo elifana neCCMA. Ukuba emva kokuba inkundla yemicimbi yabasebenzi ilichophele ityala lakho kusekho izipheze ezisaseleyo, unakho ke ngoku ukuya kwiNkundla Ejongene Nokulingana ukuze iqwalasele ezo ziphene.
Kufuneka uhlale usazi ke kodwa ukuba zizikhalazo ngezinto ezenzeke emva komhla we-16 kwinyanga yeSilimela ka-2003 kuphela ezinokusiwa kule Nkundla Ijongene Nokulingana. Ngoko ke akunakho, umzekelo, ukusa izikhalazo zeentshukumo ezehla ngexesha lenkqubo yobandlululo kule Nkundla.


IMIYALELO:


ZIPHI EZI NKUNDLA ZOKULINGANA?

Ezi Nkundla Zijongene Nokulingana zikwizakhiwo ezineenkundla zoomantyi. Inkundla nganye apha eNtshona Kapa inegosa elibizwa ngokuba liGosa leNkundla Ejongene Nokulingana eliqeqeshelwe ukuncedana noluntu kwimiba enento yokwenza nokulingana. Ukuba uthi utsalele okanye utyelele iNkundla kaMantyi ekufutshane nawe ngeenjongo zokufaka isikhalazo esinento yokwenza nokulingana kufuneka ucele ukuncokola neli gosa. Ukuba akukwazi kufumana ncedo ngomba onento yokwenza nokulingana kwiNkundla kaMantyi ekufutshane nawe, kufuneka utsalele umnxeba uMbhexeshi weNkundla Ejongene Nokulingana, uNico Geldenhuys kule nombolo yomnxeba wesinqe 084 951 0461 ukuze umnike ingxelo ngale meko.

Eli Gosa ke liya kusibhala phantsi isikhalazo eso sakho ze lisithumele kuMantyi weNkundla Ejongene Nokulingana okufutshane. Okwangoku zisene kuphela iinkundla ezinoomantyi beeNkundla Ezijongene Nokulingana. Ezi nkundla ke zaziwa ngokuba ziiNkundla Ezijongene Nokulingana" yaye zise-Atlantis, eGeorge, eKuilsriver naseVostile.

.


NDINGASIFAKA NJANI ISIKHALAZO SAM?


Yiya kwiNkundla kaMantyi ekufutshane nawe ze uthethe negosa leNkundla Ejongene Nokulingana, eliza kukunceda ugcwalise iphetshana elineenkcukacha ngesi sikhalazo nelinikezela ngeenkcukacha zomntu ommangalelayo (obizwa ngokuba ngummangalelwa) Kufuneka ubuncinci ube negama okanye ke idilesi yommangalelwa lowo, kuba ngaphandle koko, eli tyala aliyi kuya ndawo.


KUYA KUTHABATHA IXESHA ELINGAKANANI UKUBA ISIKHALAZO SAM SIYE KUFIKELELA ENKUNDLENI?


Igosa lale nkundla, kwisithuba seentuku ezisixhenxe esithabathile isikhalazo sakho, lazise abamangalelwa ngesi sikhalazo. Ummangalelwa ke yena unesithuba seentsuku ezilishumi sokuzithethelela. Abamangalelwa abanyanzelekanga ukuba baphendule xa bengafuni. Igosa lale nkundla kufuneka likuthumele ikopi yempendulo yommangalelwa kwisithuba seentsuku ezisixhenxe. Eli gosa ke kufuneka emva koko lithumele zonke ezi nkcukacha kuMantyi weNkundla Ejongene Nokulingana kwisithuba seentsuku ezintathu.

uMantyi ke uthi athabathe isigqibo sokuba esi sikhalazo simele ukuchotshelwa yiNkundla Ejongene Nokulingana kusini na (isigqibo sokuba le nkundla inawo na amagunya okusichophela) okanye kufuneka sithunyelwe kwelinye iqumrhu, elifana mhlawumbi neKomishoni Yamalungelo Oluntu okanye iNkundla Yemicimbi Yabasebenzi. UMantyi kufuneka asenze esi sigqibo kwisithuba seentsuku ezisixhenxe. Ukuba esi sikhalazo sithunyelwe kwelinye iqumrhu, lonke olo xwebhu kufuneka luthunyelwe kwelo qumrhu, qumrhu elo lineenyanga ezimbini zokuqulunqa ingxelo yenkqubela yeli tyala.

Ukuba uMantyi uthi afikelele kwisigqibo sokuba iNkundla Ejongene Nokulingana kufuneka ilichophele eli tyala, kufuneka igosa lale nkundla lize nosuku eliza kuchotshelwa ngalo okokuqala, suku olo lubizwa ngokuba "lusuku lokuza nomkhomba-ndlela", kwisithuba seentsuku ezintathu emva emva kwesigqibo sikaMantyi, ze lazise wena nommangalelwa ngexesha, inkundla nendawo eliza kuchotshelwa kuyo.


YINTONI USUKU LOKUNIKEZELA UMHKOMBA-NDLELA?


Kweli thuba lokuchotshelwa kwetyala elo, umantyi unikezela ngomkhomba-ndlela, yiyo ke le nto olu suku lubizwa njengolokunikezela umkhomba-ndlela. Oku kuthetha ukuba uMantyi lo uya kuthi acacise oko kungeyombambano (oko wena nommangalelwa nivana kuko), acacisele ummangali nommangalelwa okuza kwenzeka, abize abantu abaza kucacisela ummangali nommangalelwa ngako konke abanokungakuqondi, ze achaze nosuku lokuchotshelwa kakuhle kweli tyala. Ummangalelwa akanyanzelekanga ukuba azimase kolu suku lokunikezela umkhomba-ndlela, kodwa mhlawumbi kuya kumnceda ukuzimasa.


KUYA KWENZEKA NTONI EMATYALENI?


Igosa lale nkundla liya kunibiza nobabini nommangalelwa ukuze nibekho xa lichotshelwa eli tyala. Ummangalelwa kufuneka azimase ke kweli ithuba. Ukuba ummangalelwa akazimasi, oku kuthetha ukuba udela inkundla, yaye kuya kukhutshwa umyalelo wokuba avalelwe. Ngapha koko, inkundla le ingafikelela kwisigwebo engekho ummangalelwa lo.

Noxa kunjalo ke, ukuba ummangalelwa uthi angazimasi, le meko iya kuchotshelwa ngokwemigangatho yobungqina esetyenziswayo kumatyala eembambano. Oku ke kuthetha ukuba kufuneka unikezele ubungqina ngesikhalazo sakho "ngendlela ekholelekayo necacileyo", hayi "ngendlela engaphaya kwamathandabuzo" njengakwityala lolwaphulo-mthetho. Ungamelwa ligqwetha, kodwa ke nabani na onokuthanda ukuba akuncede kweli tyala angakumela - abanyanzelekanga ukuba babe ngamagqwetha.

Ukuba le nkundla ifumanisa umntu ommangalelayo enetyala, kukho uthotho lweembuyekezo onokuyicela le nkundla ukuba ikunike. Ezi ke ingangumyalelo:
* Isingxengxezo esingenamiqathango
* Umyalelo wokuba ummangalelwa makenze ntoni okanye angenzi ntoni na, okanye emyekisa umkhwa awenzayo okungcungcuthekisayo
* Ukuhlawulwa kwakho umonakalo ngelahleko yemali othe wayifumana, ukulahlekelwa sisidima, okanye intlungu nkungcungcutheka (kuquka neentlungu zomphefumlo nezengqondo)
* Ukuhlawulwa kwesohlwayo kulowo usifaneleyo
* Umyalelo odandalazisayo.

Le nkundla inakho nokuqinisekisa iziphumo zesisombululo ofikelele kuso nomntu obummangalele. Le nkundla iya kuqwalasela ukuba esi sisombululo asinamkhethe na nokuba akunyanzeliswanga ekusityikityeni na.


IFUMANEKA KWI:

La mabakala amaziko:
* Iinkundla Ezijongana Nokulingana
Kunye nezi zixhobo:
* Al'Maun


IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

Isebe Lezobulungisa Nophuhliso loMgaqo-siseko (The Government of South Africa)


IXABISO:

Akukho zintlawulo zenkundla kwiNkundla Ejongene Nokulingana. Kodwa ke, umntu ngamnye kule Nkundla Ijongene Nokulingana kufuneka azihlawulele iindleko zakhe, ngaphandle kokuba inkundla ithi ilawule ngenye indlela. Amangqina abiziweyo kuufuneka kufuneka efumene iR100 umntu ngamnye ngosuku, eliyintlawulo eza kukhutshwa ngulowo uwabizayo, ngaphandle kokuba inkundla igqiba ekubeni kufuneka ehlawulelwe ngumbuso.




This content also available in English

YAYAMENE

* Equality for All (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 228 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 6 uEpreli 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





