﻿






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > I &gt Imibuzo Neempendulo Ngokugonyelwa Imasisi & Nepoliyo

Imibuzo Neempendulo Ngokugonyelwa Imasisi & Nepoliyo



2004

Isebe Lezempilo (The Government of South Africa)



ISISHWANKATHELO

Eli phetshana linikezela ngolwazi kubazali kwimiba yokugonyelwa imasisi nepoliyo. Lakhutshwa njengengxenye yePhulo Lokugonya elaliqhutywa ukusukela kwinyanga yeKhala ukuya kweyoMsintsi ku-2004.








Nqanda Ipoliyo!
Nqanda Imasisi!
Gonya!


IMASISI


Yintoni iMasisi?
Imasisi le sesona sifo sinobuzaza kuzo zonke izifo ezithi zihlasele abantwana. Uphawu lokuqala ngumkhuhlane okwizinga eliphezulu olandelwa yirhwashalala erhawuzelayo emzimbeni wonke. Lo mkhuhlane ukwalandelwa kukukhohlela, iimpumlo ezivuzayo kwakunye namehlo abomvu. Imasisi le ingabangela ezinye izifo ezinobuzaza, ezifana nokuphazamiseka kwemiphunga, ukungaboni nokusweleka.

Ibangelwa yintoni imasisi le yona?
Imasisi ibangelwa ligciwane elincinci yintsholongwane yemasisi. Ayibonakali ngeliso lenyama. Isasazeka xa umntwana ophila nemasisi ekhohlela okanye ethimla. Abantwana abakhe banayo imasisi abaphindi babe nayo okwesibini. Abantwana abaninzi abayigonyelwa ngexesha elifanelekileyo imasisi abayi kuhlaselwa yiyo.

Kutheni isisifo enobuzaza nje imasisi?
Abantwana abaselula, abathi bayoyise imasisi le baye baye baqhokrwe sesi sifo yaye bangathi ekuhambeni kwexesha babulawe kukungondleki okanye zezinye izifo. Imasisi le ikwayenye yezona zinto ziphambili ezibangela ukukhubazeka kwengqondo nokungaboni. Ikota yabo bonke bonke abantwana abathi babulawa yimasisi basutywe kukufa bebudala bungaphantsi konyaka. Imasisi kubantwana abadadlana kunoku ivela kuphela njengokugqabhuka kwesi sifo, xa amaqela amaninzi abantwana bethi bahlaselwe sesi sifo ngaxesha-nye.

Umngcipheko wokugqabhuka kwesifo imasisi uba mkhulu xa amaqela abantwana ehlangana kunye umzekelo kumakhaya agcina iintsana, kumaziko anonophela iintsana nasezikolweni.

Ingaba kubalulekile na ukugonya abantwana kumaphulo okunqanda esi sifo?
Ewe - KUBALULEKILE ukusa abantwana kwiinaliti EZIZEZINYE ngexesha lephulo lokunqanda ukugqabhuka kwesi sifo. Abantwana abathi baphosane neli phulo lokunqanda imasisi banokungakhuseleki ngokugqibeleleyo kule ntsholongwane yemasisi.

Ndive ukuba abazali okanye abantu abagcina abantwana kufuneka baye kutyikitya iphetshana elinikezela imvume yokufakwa kwale naliti yesibini ngaphambi kokuba umntwana abe nokuyigonyelwa okweisibini. Ingaba yinyaniso le?
Ukuba umntwana lowo uza kugonyelwa esikolweni okanye kwikhaya eligcina linonophele iintsana okanye isikolo apho umzali angekhoyo ngexesha lolu gonyo, kuya kunikezelwa ngephetshana elifuna ukugcwaliswa ngemvume yomzali okanye umgcini-mntwana ngaphambi kolo gonyo. Eli xesha ke lithuba lokunika abazali ulwazi olupheleleyo ngale naliti yesibini yokukhusela umntwana kwimasisi.

Kule meko ke, ukuba uthi uluvumele olu gonyo, nceda ugcwalise ze utyikitye ze uyibuyisele kwakhona kweli ziko okanye kwesi sikolo. Umntwana lowo wakho ke uya kuthi alufumane ugonyo olo ukuba elo phepha lemvume lityikityiwe ze labuyiswa kwangethuba!

Ukuba uthi use umntwana kwiziko logonyo ngethuba leli phulo, akunyanzelekanga ukuba ugcwalise eli phetshana linikezela ngemvume.


================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================================



IPOLIYO


Yintoni iPoliyo?
Ipoliyo le sisifo esikhubazayo. Ibangelwa ligciwane elincinci kakhulu elibizwa ngokuba yintsholongwane yepoliyo. Ipoliyo le ingakhokelela ekuqhwaleleni isigxina, ukukhubazeka ze ekugqibeleni ikubulale. Nnenxa ke yolu gonyo lwenziwa ngamaxesha athile ebuntwaneni, apoliyo leikhe ayabonakala apha eMzantsi Afrika ukususela ngo-1989. Noko kunjalo kebekukhe kwakho ugqabhuko lwesi sifo kumazwe angabamelwane.

Ndingayinakana njani ipoliyo emntwaneni?
Ipoliyo le ingakrokreleka xa kuthe ngesiquphe umlenze okanye ingalo okanye amanye amalungu omzimba aphelelwa ngamandla okanye awakwazi ukusebenza. Oku kungasebenzi kumele ukuba akuzange kubekho ekuzalweni kwakho. Ukuba umntu lowo wayonzakele ngaphambi nje kakade phambi koku kungasebenzi okanye umntu lowo unembali yokungazinzi entloko, ambalwa amathuba okuba kuthi yipoliyo imbangi yoko kungasebenzi.

Nceda unikezele ingxelo nangayiphi na imeko yokungasebenzi okanye ukukhubazeka kwamalungu omzimba womntwana ongaphantsi kweshumi elinesihlanu ubudala (okungabangelwanga kukonzakala), kweyona klinikhi, sibhedlele okanye gqirha ukufutshane ukuze kwenziwe uphando. Kusenokuba yipoliyo!

Kutheni sinamaphulo awodwa okugonyela ipoliyo?
Senzeka ukugonya KABINI ngaphezu kolo lokuqala ugonyo kwelona nani labantwana likhulu, NGAXESHA-NYE. Oku ke kuthintela le ntsholongwane yepoliyo ekubeni isasazeke apha ebantwaneni.

Abantu bayathetha ngokupheliswa kwepoliyo, kuthetha ntoni oko?
uMzantsi Afrika uthabatha inxaxheba kwiinzame zokuphelisa ipoliyo kwihlabathi jikelele. Oku kuthetha ukuba le ntsholongwane iya kupheliswa nya kwihlabathi ngokubanzi. Xa le ntsholongwane yepoliyo ingasaphili, akuyi kuba yimfuneko ukuba abantwana bafumane ukugonyelwa ipoliyo.

Ingaba kubalulekile ukusa abantwana kumjikelo wokuqala nowesibini wephulo lokugonyela ipoliyo?
Ewe - KUBALULEKILE ukusa abantwana kumjikelo wokuqala KWANALOWO wesibini weli phulo lokugonyela ipoliyo, nokuba umntwana lowo ebekufumana kakuhle ukugonyelwa ipoliyo ngaphambili. Ukuqinisekisa ukukhuseleka kwabantwana kule ntsholongwane yepoliyo, amathontsi epoliyo kufuneka anikezelwe KABINI. Abantwana abathi bawuphose umjikelo wesibini abayi kukhuseleka ngokugqibeleleyo kule ntsholongwane yepoliyo.

Kwilizwe jikelele, iintsuku zokuqala zala maphulo ku-2004 ziya kuba ngumhla wama- 26 kwinyanga yeKhala (ezepoliyo nemasisi); ze ibe ngumhla wama-kweyeThupha (eyepoliyo kuphela). Ixesha eliza kuthatyathwa ngala maphulo liya kwahluka ngokwephondo.

Kutheni sinamaphulo okugonyela ipoliyo nemasisi nepoliyo nje?
Ukenzela ukuba sikwazi ukwenza olunye ugonyo lwemasisi nepoliyo ebantwaneni kangangoko sinakho, NGAXESHA-NYE. Oku ke kuthintela le ntsholongwane yepoliyo ukuba isasazeke ebantwaneni.

Kutheni lo mgonyo wongezelelekileyo wemasisi nepoliyo yenzelwe amaqela abantwana abakwiminyaka ethile kuphela nje?
Abantwana abangaphantsi kweminyaka emihlanu ubudala lelona qela labantwana lihlaselwa kakhulu yimasisi nepoliyo ze badlulisele kwabanye le ntsholongwane.

Ingaba olu gonyo lwangeziweyo lwemasisi nepoliyo lwenzelwe kuphela abantwana abangazange bazigonyelwe ezi zifo ngaphambilil?
Akunjalo! Bonke abantwana ababudala busukela lkusuku lokubeleka ukuya kwiminyaka emihlanu bathi bafumane olu gonyo lwamaphulo ANGEZIWEYO okugonya.

Ingaba kufuneka ndiye phi ukuqinisekisa ukuba umntwana wam akakuphosi ukugonywa kwixesha elizayo?
Thetha nomongikazi weklinikhi yakho, iinkokheli zasekuhlaleni kwakunye nabaqeshi ngeli phulo. Khangela okanye ujonge amaphetshana azisa ngogonyo kwanezibhengezo kunomathotholo eziya kwalathisa indlela eya kwisikhululo sogonyo.

Kuya kuthi kwenziwa iinzame ezizezinye ukusondeza iindawo ekwenziwa kuzo olu gonyo emakhayeni enu ngexesha leli phulo. Usenakho nokuya kwiklinikhi ekufutshane nawe. Amaqela agonyayo aya kutyelela amaziko ononophelo lwempilo asemini, amakhaya anonophela iintsana ndawonye nezikolo ngexesha leli phulo.

Ingaba kufuneka ndize nekhadi logonyo lomntwana wam?
Kunjalo, nceda uze nalo. Kubalulekile ukusoloko usiza nekhadi lakho nelomntwana wakho logonyo xa usiya eklinikhi okanye kugqirha. La makhadi ke asenokujongwa ngexesha lomnye wale mijikelo yogonyo. Kodwa ke nokuba kunokuthi kanti umntwana wakho ulilahlile elakhe okanye akazange abe nalo, nceda umse kugonyo.

Yintoni endiza kuyifumana kwindawo yogonyo?
Uya kubuzwa ukuba umntwana lowo ukwelo qela lifunwayo lobudala na. Njengokuba umphethe umntwana wakho, umntwana lowo uya kunikwa amathontsi abe mabini ze aphinde anikwe amanye ukuba uthi awatshice la wokuqala. Inaliti eyongezelelweyo yokugonyela imasisi iya kunikwa abantwana ababudala busukela kwiinyanga ezilithoba ukuya ngaphantsi nje kweminyaka emihlanu, ze kwangolo suku banikwe nala mathontsi okuthintela ipoliyo.

Ingaba umntwana angalufumana ugonyo?
Ewe, bonke abantwana bangalufumana ugonyo nokuba sele benomkhuhlane, ukhohlo-khohllo, isifo sorhudo, ukungondleki okanye nasiphi na isigulo.

Ukuba ungathanda ukuncedisa ekuphelisweni kwemasisi nepoliyo eMzantsi Afrika, nantsi indlela onokwenza ngayo oko okanye yokuzimanya.
* Qhagamshelana neyona klinikhi yakho ikufutshane ze uthethe nayo. Kuya kubakho umongikazi oya kube ejongene nesi sikhululo sokugonya ngexesha lephulo lokugonya. AMAVOLONTIYA aya kunikwa imisebenzi.
* Xelela wonke umntu ngeli phulo ze uqinisekise ukuba bayabazisa abantwana babo.


Amaphulo okugonyela imasisis nepoliyo ngamathuba okuzibandakanya kwiinzame zokuqinisekisa ukuba sempilweni kwabantwana bakho kwanekamva labo!





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Iphulo Elimandla Lokugonya Ipoliyo Nemasisi Kubo Bonke Abantwana Abangaphantsi Kweminyaka Emihlanu (5) (26 Jul - 3 Sep 2004) (Isiganeko)
* Ugonyo (IiNkonzo)
* Polio - Fact Sheet (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 37 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
* Measles - Fact Sheet (IiNkcukacha Zoluntu) (File type: pdf; size: 172 KB) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





