






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO |IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ubomi Bakho > Ulwaphulo-mthetho &amp; Nokhuseleko > Ukuhlala Ukhuselekile

UKUHLALA UKHUSELEKILE


Victim Empowerment Programme (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
The Victim Empowerment Programme aims to lessen the long-term impact of crime by proactively tending to the needs of all victims. &nbsp;&gt;&nbsp;


Bambanani Nilwe Ulwaphulo-mthetho - Ukugcina Abantwana Bekhuselekile (IiNkcukacha Zoluntu)
"iKhaya Elikhuselekileyo kuwo Onke Amanina Nabantwana Bethu" - Ukhuseleko lwamanina nolwabantwana bethu ngundoqo kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni. &nbsp;&gt;&nbsp;


Iinombolo Zoqhagamshelwano Ezibalulekileyo (IiNkcukacha Zoluntu)
Olu ke luluhlu lweenombolo eziluncedo nezibalulekileyo onokuzigcina ecaleni komnxeba ukwenzela amaxesha kaxakeka. Unakho kanti nokwangeza iinombolo zakho ezibalulekileyo. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ikhaya Elikhuselekileyo Kusapho Lulonke (IiNkcukacha Zoluntu)
Esi sikhokelo singokuqinisekisa ukuba ikhaya nesitiya sakho sikhuselekile kuwe nabantwana bakho saxhaswa ngezimali ngabakwa-HTH, ngentsebenziswano neChild Accident Prevention Foundation of Southern Africa. &nbsp;&gt;&nbsp;


Isikhokelo Sokulumkisa Uluntu Ngomkhwa Wokuxhwilwa Kwezithuthi (IiNkcukacha Zoluntu)
Esi sikhokelo sinikezela ngamaqhinga okuthintela iimeko zokuxhwilwa kwezithuthi. Ukwenziwa kwesi sikhokelo kuxhaswe ngezimali ngabakwaNetstar. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukucela Uncedo Olungxamisekileyo (IiNkonzo)
Okwangoku, akukabikho nombolo inye yexesha likaxakeka eMzantsi Afrika. Ngoko ke kufuneka utsalele uthotho lweenombolo ezahlukeneyo xa ufuna iinkonzo ezahlukeneyo zikarhulumente zamaxesha kaxakeka, ngaphandle kokuba ke ukwingingqi yenqila yeSixeko saseKapa, esele inayo inombolo yayo enye yamaxesha kaxakeka engu-107. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukukhuselwa Kubundlobongela Basekhaya (IiNkonzo)
Ukuba ulixhoba lobundlobongela basekhaya kwaye umntu okuphatha gadalalangumntu owalamene naye ngokwasekhaya, ungenza isicelo somyalelo wokhuseleko phantsi komthetho obizwa ngokuba yi-Domestic Violence Act. Umyalelo wokhuseleko uneemeko ezithile ezimisa ukuba lo mntu okuphatha gadalala angazenzi. Ukuba lo mntu ukuphatha gadalala uthe akazithobela ezi meko, angabanjwa. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukunikezela Ngengxelo Yodlwengulo (IiNkonzo)
Ukuba uthe wadlwengulwa okanye wenzakaliswa ngokwesondo, ungagqithisa ingxelo malunga noku emapoliseni. Kukuzithandela kwakho ukuba uyigqithise le ngxelo nokuba ungayigqithisi emapoliseni kodwa ukuba awuyinikezeli, ityala lakho alisayi kuphandwa okanye kufakwe simangalo. Amapolisa awavumelekanga ukuba angavumi ukuphanda ityala lakho, kodwa ukuba awuyigqithisanga ingxelo, ityala lakho alisayi kuphandwa ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Iindawo Zokuhlala Zamakhosikazi Akhe Abephethwe Gadalala (IiNkonzo)
Kukho intaphane yamakhaya amakhosikazi abephethwe gadalala eNtshona Koloni abhaliswe neSebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa. Amakhosikazi adinga ukhuseleko angaqhagamshelana nekhaya elo ngqo, okanye acele unontlalo-ntle kwi-ofisi yesithili yeli sebe ekufutshane nawo okanye kwisikhululo samapolisa ngoncedo lokuqhagamshelana nendawo yokuhlala. &nbsp;&gt;&nbsp;


Victims of Sexual Offences: What You Should Know! (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
(Uhlobo loxwebhu: pdf)

This pamphlet provides practical support and information about reporting the assault to the police, the medical examination by the accredited health care practitioner, the feelings you may have after being sexually assaulted, and where to get help and support. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuqhagamshelana neForum yamaPolisa Yasekuhlaleni (IiNkonzo)
IForum yamaPolisa yasekuhlaleni (i-CPF) iqulethe imibutho namaziko anjengezikolo, imibutho yabahlawuli-rhafu, imibutho yoluthu, amashishini kunye namaziko enkolo, asebenzisana namapolisa engingqi. Injongo ye-CPF kukudala nokugcina indawo ekhuselekileyo nenokhuselo kubemi abahlala kummandla waloo CPF. &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuqhagamshelana, Ukubhalisa okanye Ukufumana Uqeqesho Nezixhobo Lweqela Elilwa uLwaphulo-mthetho Ekuhlaleni (IiNkonzo)
Iqela elilwa ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni liqela labahlali basebumelwaneni nabathi bavumelane ekusekeni eli qela emva kokuxoxa lo mba kunye nabantu abahlala kummandla wabo. Injongo yeli qela kukukhuthaza ubudlelwane obufanelekileyo phakathi kwabahlali kwakunye nokusebenza njengo-'gcinikhaya' kulo mmandla, ngamanye amaxesha ngokujikeleza, kwaye ngamanye amaxesha ngokuhlala rhoqo belindele okunokwenzeka kwimisebenzi ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukuba Ngumntu Osebenzela Uxolo (IiNkonzo)
Abantu abasebenzela uxolo bahamba-hamba apha ekuhlaleni yaye bayafumaneka ukuncedisa kuyo nayiphi na imeko yengxwaba-ngxwaba engenazigalo. Ezinye iinkonzo ezinikezelwayo ziquka ukuya kwiziganeko ezinkulu, ezifana nemingcwabo, enokuba nobundlobongela. Abantu abasebenzela uxolo banceda iindawo abahlala kuzo ixesha elingangonyaka. Nabani na obudala buyiminyaka ephakathi kwe-18 nama-35, ongaphangeliyo, ofikeleleyo kwibanga ... &nbsp;&gt;&nbsp;


Ukufumana Ukukhuselwa Njengengqina (IiNkonzo)
Ukuba ulingqina yaye woyikisela ukhuseleko lwakho ngezizathu zokuba lingqina, ungazifakela isicelo sokukhuselwa njengengqina. Ungoyikisela ukhuseleko lwakho okanye olwakhe nabani na osenyongweni kuwe. Ungoyika umntu omnye okanye iqela labantu. &nbsp;&gt;&nbsp;


Anti-Terrorism Bill (IMithetho Esayilwayo) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)
(Uhlobo loxwebhu: pdf; ubukhulu: 38 KB)

15 uNovemba 2002

This bill gives effect within the Republic to the relevant international instruments relating to terrorism, provides for offences relating to terrorist acts and for measures designed to combat terrorism. &nbsp;&gt;&nbsp;



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uNovemba 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





