xhosa.1325.letters
Ukuze uvakalise izimvo zakho:
bhalela kule dilesi: Iileta Eziya kuMhleli, Box 32083, Mobeni, 4060, South Africa
ifeksi: 031-912-2720
i-e-mail: bona@dbn.caxton.co.za
Phumelela ngeNashua Mobile
Umfundi othumele ileta ephumeleleyo kule nyanga uza kuzizuzela iNokia 2600 (exabisa i-R900) yakwaNashua Mobile, abathengisi abazimeleyo beeselfowuni abakunika iinkonzo zazo zontathu iinetwork.
Xa ufuna ulwazi oluthe vetshe tsalela kwaNashua Mobile ku 0860-412-412.
Bhala uzuze!
Ukuzihlangula ekuxhatshazweni
NGETHUBA uxelela udadewenu ukuba izinto azihambi kakuhle phakathi kwakho nomyeni wakho uziva ulusizi.
Umxelela ngendlela afuna ukubulawula ngayo ubomi bakho nto leyo imenza axakeke udadewenu. Uthi kuwe, unethamsanqa wena kuba unendoda ekuthanda ngolu hlobo.
Xa uxelel' umhlobo wakho ukuba kukho into engahambi kakuhle eluthandweni lwenu ukubonisa iziva ezibi azenziwe ngumyeni wakhe...
Uzityand' igila kumama wakho umxelele ukuba le ndoda iyakuthuka ikutyhole ngokungaziphathi kakuhle qho xa nibuya epatini. Unikin' intloko aze athi: "Nokuba angakuthuka asoze akonzakalise, xa engekakubethi nje kuphela akunanto."
Ungayikholwa loo nto! Nokuba iqabane lakho alikubethi, xa likuthuka, likuphoxa liyakonzakalisa! Xa uhlala uthukwa uphela unodandatheko nothotho lweziny' iingxaki!
nguThando Ntombela, eDobsonville
Iileta Zabafundi
Ndikhathazwa yintswela-ngqesho
Ndikhathazwa yintswela-ngqesho egqubayo kweli ekhatshwa kukungakwazi kwabantu ukugqwesa emisebenzini abayenzayo nokungalazi icala amabalilandele.
Ndicinge ndathi...
Kutheni le nto isebe lezemfundo lingenzi inkqubo eza kwenza abafundi benze izifundo ezilungele amakhono abo besekumabanga aphantsi.
Ayisithi sonke esikwaziyo ukuphumelela izifundo. Makubekho inkqubo yemfundo ekhokelela abafundi kwisakhono sabo.
nguMartin Mrobo, eKatlehong
Ukusindisa imitshato
Kulusizi ukubona uninzi lwabantu abatshatileyo beqhawul' imitshato. Abazi ukuba ukuze umtshato uqine kufuneka unxibelelwano nokuthembeka"
Ukuthembeka kuwenza ube nesidima nesithozela umtshato. Kwenza abo batshatileyo bakwazi ukumelana neenzingo zomtshato.
Umntu xa evuzelwa yindlu uyayivala, akayishiyi indlu yakhe!
Xa nithembene niyakhuselana, nithandane nikhuthazane.
Unxibelelwano olululo kukucinga ngaphambi kokuba uthethe nantoni na. Lukwenza ukwazi ukulimamela iqabane lakho yaye ube nomonde.
nguLucky Mkhonza, eBadplaas
Babulawa yingqele
Ndikhathazwa ngabantwana abahlala ezitratweni ingakumbi xa kusebusika.
Wenza ntoni urhulumente ngaba bantwana balala phandle engqeleni"
Baphi abazali babo" Ngaba babulewe yiAIDS" Xa kunjalo lwenza ntoni uluntu ukunceda aba bantwana" Kutheni belahla abantwana kwesinomhlwa"
nguSylvia Koali, eMaseru
Uyalivuma ityala lakhe
Nditsala iminyaka emibini entolongweni ngenxa yokuba imoto. Ndiyavuma ukuba ayilunganga into endayenzayo yaye nesohlwayo endisifumeneyo ndiyasamkela.
Akukho mnandi entolongweni. Kodwa indincedile kakhulu iBONA yandikhuthaza. Iyimagazini yam endiyithandayo!
nguNhlanhla Ndebele, eBenoni
Ungalahlekelwa yiyo yonk' into onayo...
Uninzi lwabantu luyangcakaza kanye emva kwexesha elithile - yaye bangcakaza ngobulumko.
Kodwa ke bakho abo bahendekayo bangcakaze okoko kuba befun' intywenka yemali ekhawulezayo.
Kuthi kusakubanjalo babe ngamakhoboka okungcakaza - nto leyo ineziphumo ezibi kwiintsapho zabo. Buyatshabalal'ubomi babantu ngenxa yokungcakaza.
Ukungcakaza akuyiyo indlela yokwenz' imali. Xa ucinga ukuba ungaphumelela ekhasino, uyaziqhatha.
nguAaron Tlou, eTweefontein [x]
Sincede ukuze nathi sikuncede
"IBONA ifikelela kwiindawo ezingafikelelekiyo," utsho uMnu. Mnguni. Ngaba ngenene kunjalo"
NGABA UYAYIFUMANA IBONA EBHALWE NGOLWIMI LWAKHO KWINDAWO OHLALA KUYO"
Sicela usixelele xa ungayifumani imagazini engolwimi lwakho. Sibhalele kwidilesi yeeLeta Eziya kuMhleli uze usinike ezi nkcukacha zilandelayo: ufuna eyaluphi ulwimi; igama lendawo ohlala kuyo kunye negama levenkile odla ngokuyithenga kuyo imagazini yakho.
Nkosi sikekel' iBONA!
Abantu kufuneka bayazi into yokokuba iBONA iyimagazini phakathi kwezinye. Kudala yayikho nangamaxesha eenzingo. Iyazama nokugcina ixabiso layo lifikeleleka.
IBONA iyabakhathalela abantu abangaphangeliyo nabagulayo. IBONA ifikelela kwiindawo ekungafikeleleki kuzo. INkosi iyisikelele iBONA!
nguSM, eReitz
BONA XHOSA - October 2005
t
Iileta Zabafundi
t
BONA XHOSA - October 2005
ABANTU besizwe samaNguni abazingcayo abavela kwiGreat Lakes babengcwaba abantu babo bebasongele ngeemfele zeenkomo. Yayiyindlela yaseAfrika yokungcwaba. Kwafika amaKoloniyali anyanzela abantu ukuba babangcwabe ngeebhokisi zemithi abantu babo - "imikhumbi yamakoloniyali" esasetyenziswa nangoku.
Ndifun' ukungcwatywa ndize, ndisongwe ngofele lwenkomo njengoko kuyinto yaseAfrika leyo. Kodwa imithetho yaseAfrika inxamnye naloo nto!
Kufuneka ungcwatywe ngomkhumbi!
Ndifuna kube semthethweni ukungcwaba umntu esongelwe ngofele lwenkomo.
Ndibhalele uPallo Jordan ongumphathiswa wenkcubeko namasiko ndicel' inkxaso.
Ukubuyisa izithethe zaseAfrika kwicandelo lemingcwabo nokuvumela bonke abemi beli ukuba bangcwatywe besongelwe ngeemfele zeenkomo kuhambisana nombono kaMongameli Mbeki weBuyambo yeAfrika.
Ndifun' ukungcwatywa ndize!
Abafundi baza kulikhumbula ibali lethu elashicilelwa ngoFebruwari elalingemikhumbi yesintu eyenziwa eBronkhorstspruit yinkampani elawulwa nguBeau Brummel. Eli bali lalisixelela ukuba esakusweleka uBeau ufuna ukungcwatywa eze esongelwe ngofele lwenkomo yaye kubekho igqirha emngcwabeni wakhe. Akukho lula ukwenza yonke loo nto. UBeau usithumelele eli nqaku...
Ungalisebenzisa igama oziqamba lona kodwa sicela usinike igama lakho elipheleleyo nedilesi. Asitsho ukuba siyavumelana nezimvo zabafundi bethu ezishicilelwe kula maphepha yaye sinelungelo lokuzihlela ezo sizishicilelayo.
