






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > A &gt Amacebo Okonga Umbane

Amacebo Okonga Umbane



20 uNovemba 2003

Isebe Lezimbiwa Namandla (The Government of South Africa)



ISISHWANKATHELO

Eli phetshana linika abasebenzisi bombane amacebo okonga umbane namandla.








ICEBO LOKUQALA


Yehlisa ubushushu begiza yakho buye kuma kuma-55 amanqanam ukuze kungadingeki ukuba ugalele amanzi amaninzi abandayo xa uhlambayo ngeshawa okanye uhlamba izitya.







ICEBO LESIBINI


Khumbula ukugcina imbiza yakho icikiwe xa upheka ukuze wonge ubushushu namandla.

Ubukhulu bembiza kufuneka bulingane nobukhulu benkcenke yesitovu - oku kungakongela ukuya kufikelela kuma-25% ombane owusebenzisela ukupheka.









ICEBO LESITHATHU


Vala iifestile neengcango xa usebenzisa imbawula ze wonge imali!









ICEBO LESINE


Luvale rhoqo ucango lwesikhenkcisi sakho emva kokukhupha into apho yaye uqinisekise ukuba luvaleka gingci.









ICEBO LESIHLANU


Lala uzigcine emanzini iimbotyi, umngqusho kwakunye nezinye izidlo ezikwafana nezo ngokoma. Oku kuya kukongela ixesha, imali kwakunye neeyure ezininzi zokupheka.









ICEBO LESITHANDATHU


Zama ukubilisa kuphela amanzi owadingayo endaweni uokubilisa imbiza okanye iketile yonke ngalo lonke ixesha.









ICEBO LESIXHENXE


Khusela igiza yakho kwakunye nemibhobho yamanzi ashushu ngokuthi uyigqume ngamaphepha-ndaba, iingubo ezindala okanye ngezinye izinto onokuyigquma ngazo.









ICEBO LESIBHOZO


Zicime izibane, izibandisi-moya, iikhompyutha kwakunye nezinye izinto ezitya umbane xa uhambayo. Oku kuya kongela imali.









ICEBO LETHOBA


Zama ukusebenzisa izixhobo ezifanelekileyo zokupheka ngawo onke amaxesha upheka, umzekelo, sebenzisa iimbiza neepani ezinomphantsi osicaba, kuba zona zisebenzisa amandla ehle ngama-50%. Qwalasela ke kodwa ukuba izitovu zombane zitya umbane omninzi ngoko ke sebenzisa iinkcenkce nesifudumezi ukuba unakho..









ICEBO LESHUMI


Sebenzisa umbane ofanelekileyo kwizinto ezifanelekileyo, umzekelo sebenzisa iimbawula xa ushushubeza indlu endaweni yokusebenzisa izitovu, sebenzisa iketile yombane xa ubiliza amanzi endaweni yokubeka imbiza eqhelekileyo esitovini. Ngolu hlobo uya kube usebenzisa umbane owehle ngama-50% koqhele ukuwusebenzisa.

Qwalasela: Umbane uzilungele izinto zombane kodwa ke igesi ikulungele kakhulu ukufudumeza nokupheka.









ICEBO LESHUMI ELINANYE


Yonwabela ukuhlala endlwini yakho ehlotyeni nasebusika ngokuthi ungenise umoya owaneleyo nofanelekileyo ntsuku zonke. Khumbula ke ukuyicima imbawula yakho, isibandisi-moya nesipholisi-moya ngelixa uvule iingcango zendlu yakho.









ICEBO LESHUMI ELINESIBINI


Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi ungayi kwela nqanaba lingaphambi kokuhlamba impahla lomatshini wokuhlamba ukuba impahla yakho ayingcolanga kakhulu. Oku kuya kwehlisa umbane owusebenzisayo ngama-20%.


ICEBO LESHUMI ELINESITHATHU


Yonga amanzi nombane ngokuthi uhlambe iingubo zakho kumananam angama-60 endaweni yangama-90, kuba iya kucoceka nangoku!









ICEBO LESHUMI ELINESINE


Nciphisa ubushushu bembawula ukusuka kubushushu obugqibeleleyo ukuya kwinqanaba elikulungeleyo.









ICEBO LESHUMI ELINESIHLANU


Cima zonke izibane nezinto ezisebenza ngombane ngalo lonke ixesha uhamba endlwini naphambi kokuba uye kulala.









ICEBO LESHUMI ELINESITHANDATHU


Sebenzisa izikhanyisi ezonga umbane. Zona zihlala ixesha elide kakhulu yaye zisebenzisa umbane omncinci futhi oku kukongela ekuhambeni kwexesha.









ICEBO LESHUMI ELINESIXHENXE


Nciphisa ityala lakho lombane lenyanga ngokuthi walule yonke impahla yakho ngexesha elinye.









ICEBO LESHUMI ELINESIBHOZO


Jonga imitha yakho yombane okanye yegesi rhoqo emva kwexesha elithile ze uzinike umdla ngezinga owusebenzisa ngalo umbane.









ICEBO LESHUMI ELINETHOBA


Yabelana ngolu lwazi lokonga amandla nombane nabamelwane bakho - ncokolani ngamatyala enu ombane enyanga!







AMACEBO OKONGA AMAFUTHA EZITHUTHI

* Xa ninakho, sekani amaela okuhambisana ngezithuthi.
* Tshintshela kumatayala angoomakha-sangqa kuba wona awaxhathisi kakhulu ekujikelezeni yaye wona aphela kade kunalawo angengomakha-sangqa.
* Kuphephe ukuqhuba ngamatayala angenaxinzelelo lwamoya waneleyo kuba kaloku uxinzelelo lwetayala olusenzantsi kakhulu alupheleli nje ekusebenzeni kakhulu, koko kunciphisa kakhulu ubomi betayala elo.
* Kuphephe ukuqhuba ngokumana usima uphinde uhambe
* Senyuse kancinci isantya
* Musa ukuqhuba ngesantya esiphezulu kakhulu. Ukuqhuba ngesantya esiphezulu kukutyela amafutha amaninzi.

Ezi ngcebiso zivela: kwiSebe Lezimbiwa Namandla





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Amanzi Nombane Asimahla (IiNkonzo)
* Energy: Electricity Focus (IiNkcukacha Zoluntu) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 13 uMatshi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





