






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO|IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Izalathiso > Iinkonzo > Unxibelelwano > Ukuhlaziya Iibhokisi Zeposi Kwakunye Neengxowa Zeposi Zabucala Ezikwi-Internet

Ukuhlaziya Iibhokisi Zeposi Kwakunye Neengxowa Zeposi Zabucala Ezikwi-Internet




INKCAZELO:

Ungayihlaziya ibhokisi yakho yeposi rhoqo ngonyaka okanye yeposi yabucala oyiqeshayo ngokusebenzisa indlela ekhuselekileyo yokuhlawula ye-Ofisi Yeposi yoMzantsi Afrika kwi-internet.

Usenakho kanti:

* Nokukhangela izibhengezo zakho zokuhlaziya kwakunhye neziqinisekiso zentlawulo yerhafu zeebhokisi zeposi kwakunye nezo zengxowa yeposi yabucala.
* Hlawula intlawulo yakho yokuhlaziya kwi-internet ngokusebenzisa inkqubo ekhuselekileyo yokhlawula ngecredit card.
* Lawula isikhundla nedilesi yakho.
* Faka isicelo senkonzo yebhokisi entsha yeposi okanye esengxowa yabucala yeposi.
* Fumana izikhumbuzo nge-email nangemiyalezwana emifutshane yomnxeb wesinqe xa kufuneka uphindewahlaziye inkonzo yakho.
Bhalisa ngoku ze ube sendleleni yokuphucula ubomi bakho.


IMIYALELO:

i-Ofisi Yeposi yoMzantsi Afrika inoxanduva olusuka eluntwini lokuba inike ikhaya ngalinye idilesi. Okwangoku le ofisi ithumela malunga neepasile ezizizigidi ezintandathu ngosuku kwizitalato ezimalunga nezigidi ezintathu namakhulu amahlanu amawaka neebhokisi zeposi ezimalunga nezigidi ezimbini kwilizwe ngokubanziUmgaqo-nkqubo wale Ofisi Yeposi wokuthumela iipasile okwangoku uthi zonke iidilesi zokuqala zeposi zinikezelwa simahla eluntwini - kuquka amafama nabanini bamashishini asakhasayo.

Oku kulandelayo kuthatyathwa njengeedilesi zokuqala:
* Zonke iingingqi apho iipasile zeposi zithunyelwa kwinombolo yesitalato (nokuba umnini-yo sele sele enomnqweno wokuyisebenzisa okanye ngenawo).
* Iibhokisi zeedilesi kwiingingqi zingenakuthunyelwa kwiinombolo zeedilesi khona iipasile zeposi.
* Iibhokisi zeposi kwiingingqi kungakwazekiyo ukuthumela iipasile zeposi kwinombolo yesitalato, umzelelo kwiifama.
* Iibhokisi zeposi kwiingingqi aphokungekho zidilesi zezitalato, nto leyo inyanzelisa abantu ukuba baqeshe iibhokisi zeposi.

Ezi meko zilandelayo zithatyatha njengedilesi yesibini yeposi:
* Ukuba umntu lowo uhlala kwingingqi zithunyelwayo iipasile zeposi kwidilesi yesitalato, kodwa akhethe ukusebenzisa ibhokisi yeposi.
* Ukuba umntu othile uhlala kwingingqi iibhokisi zeposi zinikezelwa njengedilesi yokuqala yeposi, ze yena akhethe ukuba nenye ibhokisi yesibini.

Ukuqeshwa kweebhokisi zeposi kuqala ngomhla wokuqala kwinyanga yoMqungu kuye kuma ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoMnga kunyaka ngamnye yaye kufuneka kuhlawulelwe ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwakule nyanga yoMnga. Ingxenye yekota yonyaka ithatyathwa njengekota epheleleyo yonyaka.

Xa kuqeshwa ibhokisi, umqeshi lowo uye anikwe izitshixo ezimbini emva kokuba ekhuphe intlawulo yokuqala yezitshixo kwakunye nentlawulo yokuqesha (ukuba kuyimfuneko oko). Le ntlawulo yokuqala yezitshixo iyabuyiswa emva kokurhoxiswa kwale nkonzo ze nezitshixo zabuyiselwa kumphathi-posi. Ukuba isitshixo esithile sithe salahleka, kufuneka kuxelelwe umphathi-posi ngoko nangoko ukuze kufakelwe izixhobo sokutshixa esitsha kule bhokisi. Umqeshi wale bhokisi ke nguye onoxanduva lokhlawula le mali yesixhobo nesitshixo esitsha (khawubuze kumphathi-posi ukuze ufumane ezinye iinkcukacha).

Izaziso ezineekhowudi zokuhlaziywa kweebhokisi zeposi, iibhokisi zedilesi kwakunye neengxowa zeposi yabucala zifakwa ngomhla wokuqala kwinyanga yerNkanga yaye kufuneka zibuyiswe ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoMqungu kweyona ofisi ikufutshane nomgfaki-sicelo. Umntu usenakho noyikuhlaziya ibhokisi yakhe yeposi ngokuthi afumane iphetshana lesicelo sokuhlaziya elingenakhowudi ukuba uthe walilahla elo linekhowudi ebelithunyelwe. Ukuba umntu uthi angakwazi ukubuyisa iphetshana lesaziso sokuhlaziya eliphuma rhoqo ngonyaka kwanokukhupha intlawulo yokuqesha (xa kuyimfuneka) ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoMqungu kuya kukhokelela ekuvalweni kwaloo mbhokisi yeposi.

I-Ofisi Yeposi iya kubuyisela iipasile ezifika eposini, ngentlawulo engephi, kubantu abasuka kwenye ingingqi baye kuhlala kwenye ukuba bathi bagcwalise iphetshana lesicelo sokuthunyelwa kwenye idilesi kweepasile eziseposini ze bazithumele kweyona ofisi yeposi ikufutshane nabo.

Iinkcukacha Zoqhagamshelwano:
Itafile Yeenkcukacha Zemiba Yee-akhawunti
boxrenew@sapo.co.za
uNdlunkulu: kwa-497 kwiSitalato iJacob Mare, ePitoli, 0001
iCandelo Elijongene Neemfuno Zabathengi: 0860 086 860

IBONELELWA LISEBE:



ICANDELO LIKARHULUMENTE:

IBhodi yeeLwimi Zabantu Abamnyama





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufaka Isicelo Senkonzo Yokuthunyelwa Kweposi Yabucala Yeshishini (IiNkonzo)
* Ukukhangela Ikhowudi Yeposi (IiNkonzo)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uMeyi 2006



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





