xhosa.1017.sis sarah
Unyana wam uthandana nomlungu
ABAFOTIWEYO BAYABONISA NJE
98 BONA XHOSA - April 2008
UNYANA wam uthandana nomlungu kwaye andizazi nokuba ndikwamkele na oko. Ndibabona bonwabile xa bekunye, ndize ndicinge ngaphakathi ndithi yintoni ingxaki yam? Ingaba kukho umntu abamvisa ubuhlungu? Kodwa ndiyazi ukuba uninzi lwabahlobo bam bayibona ingalunganga into abayenzayo.
Ababathiyanga abelungu, qha nje bacinga ukuba unyana wam nalo mlungu abafani, abakhulanga ngendlela efanayo kwaye abagqitha kwizinto ezifanayo ekuzizinto ezibalulekileyo ebantwini abathandanayo.
Oku akubangelwa nakukuba sizizizukulwana ezahlukeneyo.
Unyana wam uthi abany' abahlobo bakhe bahambela kude kuye ngoku, ngathi abathandi ukuhlala naye. Andazi ukuba abazali bentombi nabahlobo bayo bakubona njani bona oku. Banyanisile abahlobo bam? Ingaba ngenene abafani aba bantwana?
Ndicebise ukuba ndiwu-singathe njani lo mcimbi.
nguPY, eJoburg
Ndibona ngathi wenza izigqibo ungekafaneli ngalo mba. Kwawena uthi bonwabile, ukonwaba ke kubonisa ukuba banazo izinto abafana ngazo!
Basenokungafani ngezinto ocinga ngazo wena - umzabalazo, izithethe, nemvelaphi yosapho - kodwa kaloku lo nguMzantsi Afrika omtsha kwaye abany' abantu bayalibala ngokwayizolo bajonge okwanamhlanje.
Kubahlobo bonyana wakho baya kusoloko bekhona abangenangxaki nabanengxaki nomntu oncuma nentombi yolunye uhlanga.
Kunokwenzeka nokuba abanangxaki nebala lentombi, babe banengxaki nobuqu bayo.
Amaxesh' amaninzi abahlobo bambona engamfanelanga umntu womhlobo wabo, kube kuziimbono zabo ezo.
Bendingenakuzikhathaza mna ukuba bendinguwe. Eny' into ke bayandathanda nje kuphela, akukho nto ingaphaya. Basenokohlukana ngomso kuba basebatsha.
BUZ'USISSARAH
Nditshatile, kodwa andimthandi
Ndilibhinqa elinama-25 elitshate nendoda enama-55. Satshata ndineminyaka eli-15. Ndacengwa ngabantu abadala basekhaya ukuba nditshate nayo kuba ndandiyinkedama ngoko babefuna umntu oza kubothula umthwalo wokundikhulisa.
Umyeni wam unabantwana abahlanu bomtshato wakhe wangaphambili, kwaye omdala kubo uyintanga yam. Akandonelisi ngokwesondo kwaye asinabantwana.
Ndisandul' ukudibana nendoda endiyithandayo efun' ukunditshata. Ayazi ukuba nditshatile, mhlawumbi icinga ukuba umyeni wam ngutata okanye isalamane.
Ingaba ndiyaphazama xa ndimshiya umyeni wam? Akandiphi nemali, ndisatsala nzima njengangaphambi kokuba sitshate.
nguPM, eLusuthu
Emva kweminyak' eli-10 utshatile nale ndoda uthi ayikwanelisi ngokwesondo, ayikuphi imali yaye ayikonwabisi. Ziindaba ezimnandi ukuba ufumene indoda oyithandayo nefun' ukukutshata.
Ngokwendlela othi watshata ngayo nomyeni wakho, ndibona ungenatyala ngokucinga ukumshiya.
Usemtsha kakhulu ngoko ufanelwe ngumtshato oza kuwonwabela nawe uzive uthandwa kuwo.
Umyeni okhohlakeleyo
Ndilibhinqa elinama-30 elitshate nendoda enama-37 yaye sinabantwana abane. Indoda yam ayihlali ekhaya kuba iphangela kude, ibuya ngeempela-veki.
Andonwabanga tu emtshatweni wethu kuba umyeni wam ukhohlakele yaye uva ngomazala.
Uyandibetha kwaye wakhe waphants' ukundibulala. Akalondli nosapho, siphila ngemali yegranti yabantwana.
nguWM, eMount Ayliff
Andazi ukuba usahlaleleni nale ndoda. Ukuba ibinondla nabantwana bakho yaye uphila kamnandi, ubungaba unazo izinto ezikwenza uhlale.
Kodwa uthi awonwabanga, usoloko ubethwa yaye awondliwa, ngoko ndibona ufanele uyibone owawuze ngayo uye kuqala ubomi obutsha. Ingaba ikho into eza kukulahlekela xa uyishiya?
Cinga ngokunye okunokwenzeka.
Uya kuthini xa ikubulala, basale abantwana bakho bengenanina, kunye notata ongazi nokuba balala betye ntoni?
Ingaba ufuna kwenzeke loo nto ebantwaneni bakho?
Akwamkelekanga ukuphathwa gadalala kwaye ikho imibutho ongaqhagamshelana nayo ikucebise.
Ungaqhagamshelana nePeople Opposing Women Abuse (POWA) kule nombolo: 011-642-4345.
Kwiphondo leMpuma Koloni kukho iEastern Cape Network On Violence Against Women (ECNVAW) enombolo ithi: 043-743-9169.
Isigqibo sikuwe - yintoni ke engakwenza unyamezele intlungu nokuba sesichengeni sokufa?
Omnye uneHIV, omnye akanayo
Ndingumfana oneminyak' engama-27 nothandana nentombazana eneminyaka engama-22. Sineminyak' emibini nesiqingatha sithandana kwaye siyathandana kakhulu.
Ingxaki kukuba ngo-2007 intombi endincuma nayo yafunyanwa ukuba inentsholongwane iHIV.
Saya kuvavanywa igazi kwiindawo ezahlukeneyo kodwa iziphumo zibuye zisithi uneHIV, mna andinayo.
Ingaba ikho ingxaki xa ndithandana nomntu oneHIV mna ndingenayo? Siya kukwazi ukuba nabantwana?
Ndicela undicebise.
nguPQ, eWits
Akukho ngxaki tu ekuthandaneni nomntu oneHIV.
Ukuze ungosuleleki kufuneka nisebenzise ikhondom xa ninendibano yesondo.
Nangona kunjalo, ukuba benike nanendibano yesondo engakhuselekanga kwezi nyanga zintathu zigqithileyo, ufanele uye kuvavanyelwa iHIV kwakhona.
I-HIV iyasasazeka ngokukhulelwa, ngokubeleka nangokuncancisa, ngoko kufuneka nobabini nithethe nonompilo ukuze nazi ukuba imeko yenu ithini ngokuba nabantwana ninale ntsholongwane.
Ehlabathini jikelele ubhubhani we-AIDS utshabalalisa imitshato neentsapho, ngoko kuyavuyisa ukuva ngesibini esithi sijongene nale gongqongqo kodwa sithandane ngolu hlobo yaye sizimisele ukusebenzisana ekulungiseleleni ingomso.
Fundani kangangoko ninako ukuphucul' indlela eniphila ngayo ukuze niphile ubomi obuqhelekileyo ixesha elide nindawonye.
Ungakunceda nombutho weNational Association of People Living With AIDS (NAPWA) onamasebe kulo lonke eloMzantsi Afrika. Ungaqhagamshelana nawo ku-082-233-0494; Ungavula neWebsite yawo ethi: www.napwa.org.za.
Khumbulani ukuba okwangoku nisenza kakuhle. Ndininqwenelel' ithamsanqa! [x]
Ingaba unengxaki yendibano yesondo, eyothando, okanye ngxaki yimbi ebomini? Yibhale uyithumele kum Sis Sarah, ndiza kuzama ukukucebisa indlela yokuyisombulula. Ngelishwa andinakukucebisa ngokukubhalela wena ngqo, kubhetele impendulo uyijonge kula makhasi. Khumbula, xa uyivula intliziyo yakho, ndikholo ukukunceda! Idilesi yam ithi: Sis Sarah, Box 32083, Mobeni 4060.
Qaphelani: USis Sarah akakwazi ukunicebisa ngeengxaki zempilo.
Xa unengxaki yempilo efun' unyango yiya kucel' uncedo eklinikhi okanye kugqirha.
Ndilibhinqa elineminyak' engama-44 kwaye umyeni wam uneminyaka engama-51. Sineminyak' eli-19 sitshatile kwaye andizange ndonwaba emtshatweni wam, kunjalonje nomyeni wam akazange wandithanda. Uthandana namabhinqa ohlukeneyo kwaye unamaxesha okungalali ekhaya iintsuku eziliqela elal' ezihotele naloo mankazana.
Sifumanise ukuba unentsholongwane yeHIV kodwa sisahlala kunye, qha sisebenzis' ikhondom xa sinendibano yesondo. Ndiyamthanda kakhulu yaye andazi ukuba mandithini.
Okundikhathaza ngakumbi kukuba uyibhishophu yaye uyahlonitshwa ecaweni. Wafumana umntwana kwenye yamankazana anawo. Yeza yazomlahla kum loo mntwana ndamkhulisa, ngoku uneminyaka eli-13. Ndiyithini le ngxaki?
nguNS, eNewtown
Ngokuqinisekileyo amarhamente ecawe ayazi kuba uthi uneminyaka emininzi umyeni wakho eziphethe ngolu hlobo.
Xa ke esazi, kutheni engamthabatheli amanyathelo nje? Kona angamhlonipha kanjani umntu oziphethe kanjalo? Mingaphi imithetho yeBhayibhile ayophulayo?
Ndiyothuswa kwakukuva ukuba ngumntu kaThixo lo, obemel' ukuba ungumzekelo omhle ebantwini.
Ngathi kufuneka uthethe nabakhulu enkonzweni ngengxaki yakho. Andisiboni tu isizathu sokuba uqhubeke nomtshato onje.
Uthi usamthanda... umthanda njani umtu onje? Ukwenzele ntoni ukuze umthande nokuba unje?
Kodwa ndiyamthanda
BONA XHOSA - April 2008 99
