xhosa.1279.muthi
sithetha ngamayez' esintu
AMAGQIRHA namaxhwele asenga nezimithiyo xa efun' imali, utsho umongikazi owanyanzelwa ligqirha ukuba asabele ubizo lwentwaso.
"Akho amagqirha anyanisekileyo, kodwa amanye ngamaqhetseba nje afun' ukuzenzel' imali," utsho.
"Qho xa ndiye egqirheni ndinengxaki emsebenzini okanye ekhaya, libala bonke ootyhatyhiwe."
Ayenziswa yintoni loo nto" "Ayefuna ukundoyikisa ukuze ndivume ukothwasa," utsho.
Amany' amagqirha abiza imali efikelela kwi-R10 000 ngokothwasisa umntu. Ngoko bafanele abafundi ukuba ingaqini iminqwazi yabo xa kusithiwa iingxaki zabo zibangelwa kukuba bengafuni ukuthwasa.
"Ndineminyaka engama-22 kwaye ndineengxaki zokuya exesheni," libhale latsho ibhinqa elivela kwiPhondo loMntla Ntshona.
"Xa ndisexesheni ndopha de ufike igazi lisihla ngemilenze," utsho.
"Amaxhwele endiye kuwo andixelele ukuba ingxaki yam ibangelwa kukuba ndinentwaso."
Kodwa aliyiqondi into yokunyanzelwa kwalo ukuba libe ligqirha.
"Kutheni izinyanya zakowethu zindenza into embi kangaka"
"Ndiva ukuba umama naye wala ubizo lwezinyanya lokuba ligqirha. Ingaba nam ndohlwayelwa ukwala kwakhe ukuthwasa""
Mhlawumbi asilobizo lwentwaso ingxaki yalo...
Ukulungisa ingxaki yalo yokuya exesheni lingasebenzisa umkhurushane okanye intolwane.
Kufuneka libophe amagqabi eli yeza ngentanjana liwabilise. Malisele isiqingatha seglasi yeli yeza kabini ngemini iveki enye. Kwakhona kufuneka lixube icephe lesidudu neyeza lisitye rhoqo kusasa.
Eliny' ibhinqa elinama-66 eminyaka lithi linengxaki yamaphupha amabi.
"Ndisoloko ndiphuph' amanzi neenyok' ezinkulu," litsho kwileta yalo.
Iinyoka zilibizela ukuba lingene emanzini ngokuthi: "Siyangena."
La maphupha namanye eliwachazayo abonisa ukuba linesiphiwo sokuba ngumthandazeli. Ngoko lifanele licingisise ngokuqeqeshelwa ukuthandazela.
Ukwenza ngendlela
"Ndicel' uncedo lwakho kuba ndinengxaki nezinyanya zakowethu," ubhale watsho umfundi oyindoda.
"Umama notat' omkhulu abangasekhoyo bafuna ndiqhubeke nomsebenzi wokunyanga abantu ababewenza besaphila.
"Ngoku ndisentolongweni kwaye ndaxelelwa ngabaprofethi ukuba ngumama notat' omkhulu abenze ndavalelwa.
"Bandixelela nokuba utat' omkhulu ufun' ukundikhupha entolongweni, kodwa umama ufuna ndivalelwe entolongweni."
Elowo nalowo kubo ufuna anyange abantu ngohlobo oluthile.
"Kutheni bengathethi nje ukuze bavumelane ngomsebenzi abafuna ndiwenze"" ubuza atsho lo mfundi.
Kuyenzeka izinyanya zilwe ngomntu omnye.
Abadala bosapho bangayisombulula le ngxaki ngesiko ekuthiwa kukuphahla.
Ngelo siko bacela izinyanya ukuba ziyeke ukubanga umntu othile babe bekhona abanye abantu ezingakhetha kubo.
Asingawo onke amagqirha akuqhathayo xa esithi iingxaki zakho zibangelwa kukuba unentwaso.
Kunzima ukwenza isigqibo ngokusabela ubizo lwezinyanya.
Kaloku kuthiwa: "Ukuluma kwesihlangu kuviwa ngumniniso."
Akufuneki uye egqirheni elinye uze ulinike izityhwentywe zemali kuba lisithi unentwaso. Yiya kwelesibini nelesithathu uweve ukuba wona athini.
Phanda nangembali yosapho ukuze uve ukuba kwizinyanya zakowenu lalikho na ixhwele.
Oko nako kungakunceda ekwenzeni isigqibo sokusabela ubizo lwentwaso... [x]
Ukusabela
ubizo lwentwaso
BONA XHOSA - December 2007
nguFORCE KHASHANE
Xa unemibuzo ngamayez' esintu, bhalela kule dilesi:
Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121 okanye umthumelele i-email ku- muthi@caxton.co.za
