ULWAZI LUKAWONKE WONKE MALUNGA NOBHUBHANE WOMKHUHLANE I-A (H1N1) 2009 
Igama elisesikweni ngokwenzululwazi lesi sifo ngubhubhane womkhuhlane i-A (H1N1) 2009. Uqale eMexico naseMelika ngoTshazimpunzi kulo nyaka. Kuqala yayisaziwa njengomkhuhlane weehagu kuba kwakucingwa ukuba uvela ezihagwini. Ngoku, kuyaqondakala ukuba ngumxube wemvelaphi yabantu neentaka. Ngoko ke, isifo asinanto yokwenza nokusebenzisa ihagu okanye iimveliso zehagu. Ngoku kubhekiswa nje kuso njengobhubhane womkhuhlane okanye ngegama lawo elisesikweni elikhethiweyo, i-A (H1N1) 2009. 
Ukusuka kuTshazimpuzi kulo nyaka intsholongwane isasazeke ngokukhawuleza kumazwe ali-166 ehlabathini jikelele. E-Afrika, ukuza kuthi ga ngoku isasazeke kumazwe ali-16 kuphela. Ngeli xesha lokubhala, elizweni lethu sibe nosululeko olungaphezulu kwama-3 000. 
Emva kwentlanganiso yesine yeKomiti kaXakeka ebibanjwe ngomhla we-11 kweyeSilimela 2009, uMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) ugqibe kwelithi indlela kabhubhane kwihlabathi jikelele kuhlangatyezwene nayo kwaye uMlawuli-Jikelele, uGqirha Margaret Chan, wasibhengeza ubhubhane (wenqanaba lesi-6). Oku ngokuphandle kuthetha ukuba esi sifo sisasazeke emazweni ayo yonke imimandla yoMbutho wezeMpilo weHlabathi kwaye sisasazeke ngokukhawuleza. Nangona kunjalo ndinqwenela ukugxininisa ukuba ukubhengezwa kwesifo njengobhubhane akuthethi ukuba isifo siyabulala. Ngokuphandle oku kuthetha ukuba sisasazeka kulo lonke elimiweyo.
Ngomhla wesi-6 kweyeKhala, uMbutho wezeMpilo weHlabathi ucacise ukusasazeka kwalo bhubhane phakathi kwamazwe ahlaselweyo nakumazwe amatsha akuthinteleki kwaye akunqandeki. Ngethamsanqa noxa, oku kunokuba njalo, baqaphela ukuba abona bantu baninzi bosulelwa yintsholongwane bayakuba neempawu ezizolileyo. Kodwa ke, njengamagosa ezempilo, ehlabathini jikelele nalapha ekhaya, sisaxhalabile koku kusweleka ekungoku sele kwenzekile (kwihlabathi jikelele ngu-0,8% ize eMzantsi Afrika ibe ngu-0,1% kubantu abahlaselweyo). Ikakhulu intsholongwane yosulela abantu abakubudala beminyaka eli-10 ukuya kuma-29 – uninzi lwaba bantu basezikolweni okanye kumaziko emfundo ephakamileyo.  
UMbutho wezeMpilo weHlabathi ucebise ukuba amazwe mawagxile ekudambiseni impembelelo yesi sifo kwiindawo zasekuhlaleni. Ekwenzeni oku, unxibelelwano olusebenzayo ngundoqo. 
Indlela yokusasazela
Esi sifo sisasazeka ngamathontsi okosuleleka (oko kukuthi, xa umntu owosulelekileyo ekhohlela okanye ethimla, uze uphefumle umoya othimlelweyo okanye okhohlelelweyo. Nkqu nokuba bakhohlelela phantsi uze uphefumle umoya okwalapho usengosuleleka).
Iimpawu zesi sifo
Iimpawu zingohlulwa ibe ziindidi ezintathu
ezizolileyo
eziphakathi
ezibukhali. 
Iimpawu ezizolileyo zibandakanya: 
iimpumlo ezimanzi okanye ezivalekileyo
ukukhohlela
umkhuhlane 
ukuqaqamba nokuba buhlungu kwezihlunu 
ukuziva ungaphilanga nje wonke.  
Uninzi lwabantu kwihlabathi ngokubanzi luneempawu ezizolileyo kwaye aluyi kufuna nkathalelo yonyango ikhethekileyo. Kungoko ke, abantu abaneempawu ezizolileyo kufanele ukuba bathathwe nje ngabaneempawu eziqhelekileyo zomkhuhlane. Nangona kunjalo, aba bantu balandelayo baneempawu ezizolileyo kufuneka babonane noogqirha babo ngokukhawuleza: 
abantu abanesifo sentliziyo okanye semiphunga esinganyangekiyo
abasetyhini abakhulelweyo
abantu abaphila neNtsholongwane kaGawulayo kunye noGawulayo
abantu abanesifo seswekile.
Iimpawu eziphakathi zibandakanya uchatha weempawu ezizolileyo:
ukuqhawukelwa ngumphefumlo
isifuba esibuhlungu
ukugabha okungapheliyo
utyatyazo neempawu zokuphelelwa ngamanzi.
Iimpawu ezibukhali zibandakanya iimpawu ezizolileyo neziphakathi ezinochatha  
ubunzima ekuphefumleni (ingxaki ngokuphefumla)
imilebe eluhlaza, ulwimi okanye ezinye iindawo zomzimba
ukozela okukhulu nokulahlekelwa zingqondo.
Nawuphi na umntu oneempawu eziphakathi okanye ezibukhali makafune aze afumane ukujongwa okukhawulezileyo kwezonyango. 
Ukuvavanyelwa intsholongwane
Uvavanyo olusesikweni lwenziwa liZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo, elime eGauteng laze lanatyiselwa kutshanje eNtshona Koloni. Uvavanyo kwenziwa ngokweengcebiso zikagqirha. Izigulane ezifuna ulolongo lwezempulo mazingaluceli ngokwazo uvavanyo lwaselebhu – ngoogqirha bazo amabathathe isigqibo. 
Siqaphela ukuba kukho uvavanyo olwenziwa ngobuninzi kwicandelo labucala lezempilo kodwa uMbutho wezeMpilo weHlabathi awukukhuthazi oko. Oogqirha mabanyange iimeko ezikrokrelekayo ngokwesicwangciso esinikezelwe liSebe lezeMpilo lesizwe. 
Unyango 
Unyango olukhethiweyo liyeza lokunyanga nokuthintela umkhuhlane ekuthwa yiTamiflu. Kufanele lumiselwe ngugqirha kwaye likhuthazwa kuphela kwabo banee: 
mpawu ezizolileyo kwiindidi zomngcipheko ezizodwa njengoko kukhankanyiwe ngasentla
mpawu eziphakathi
mpawu ezibukhali.
Unyango olwenziwa ngobuninzi ngeTamiflu luyakukhokelela ekuxhathiseni okwenzeka ngobuninzi kwichiza lize lingabilulo uncedo nakwabo bantu belingabubomi kubo.
Ukuvalwa kwamaziko
Amava kwihlabathi lonke abonise ukuba ukuvalwa kwezikolo namaziko emfundo ephakamileyo, nodederhu lweendawo zokuthenga neendawo zokusebenza khange kusebeze ekuthinteleni ukusasazeka kwesi sifo. Endaweni yoko, kubangele ukuphazamiseka kwentlalo yoluntu okubukhali.
Sicebisa ukuba nawuphi na umfundi, utitshala okanye umsebenzi oneempawu ezizolileyo makahlale ekhaya. Ukuba baninzi abafundi kunye/ okanye ootitshala abahleliyo, ngoko ke iziko elichaphazelekayo malibonane neSebe lezeMfundo, neliyakuthi lona neziphathamandla zezempilo acebise ngenyathelo elimele ukuthathwa.
Kokuphi omawukwenze
Ngenxa yendlela yosasazeko lwesi sifo njengoko kukhankanyiwe ngaphambili, kukhuthazwa lamanyathelo alandelayo ococeko:
hlamba izandla ngesepha rhoqo
khohlelela okanye uthimlele kwithishu okanye emkhonweni wakho
ungaze ukhohlelele ezandleni zakho, kungcono ukhohlelele engqinibeni
ukuba ngaba unyanzelekile ukuba ukhohlelele ezandleni zakho, sukuphatha nantoni na efana nemiqheba yocango, iifestile, imiphezulu yetafile okanye izixhobo ude ube uzihlambile izandla zakho ngesepha
ukuba ngaba uva iimpawu ezizolileyo, hlala ekhaya uze ukuthintele ukudibana nabanye abantu.
Ndinqwenela ukuniqinisekisa ukuba yonke into iyenziwa ziinzululwazi kwihlabathi lonke, zisebenzisana noMbutho wezeMpilo weHlabathi ukuzama ukuvelisa ugonyo. Ukuba ngaba izinto zihamba kakuhle, ugonyo olunjalo lungakho kwiinyanga ezimbalwa.
Ndiyanibulela ngokuzipha kwenu ixesha lokufunda lomyalezo,kwakhona ndikwanqwenela ukunibulela kwangaphambili ngokokubandakanyeka kwenu ekudluliseni nasekudambiseni iziphumo zesi sifo.
Ngebanzi imibuliso
DR A MOTSOALEDI, MP
UMPHATHISWA WEZEMPILO
