XHOSA.1272.muthi
WAKHE wazibuza ukuba kungani ungavunyelwa ungene unxibe izihlangu "esigodlweni" segqirha" Nokuba kungani abantu kufuneka bahlamb' izandla xa bebuy' emangcwabeni"
UTheo "Bra T" Mthembu owayengumphathi kaBaby Jake owayeyintshatsheli yehlabathi emanqindini uthi: "Ndikhe ndibabuze abantu abadala ukuba zihlanjelwani izandla emva komngcwabo kodwa andifumani mpendulo indonelisayo!"
Ulutsha lukhuthazwa ukuba luye emingcwabeni lungakulungiselelwanga oko okanye lungaxelelwanga ukuba malulindele ntoni kuyo, izinto omaluzenze nolungafanelanga luzenze.
"Ndiyazihlamba izandla zam emva kokuphatha inkonzo yomngcwabo, kodwa andazi ukuba zihlanjelwa ntoni," utsho uMfundisi Wellington Solontsi oneminyaka engama-20 engumfundisi.
"Inkcazelo endiyifumene kumfundisi osele eyingwevu ithe lo ngumnqophiso oseBhayibhileni oluphawu lwesiphelo sobomi bomntu emhlabeni."
UGogo Mamodjadji Pelosa waseModjadji Village, eLimpopo, yena uthi: "Izandla zihlanjelwa ukususa uthuli lwasemangcwabeni ebantwini ebebeye kungcwaba nebebeye kuphosa ihlaba lokuvalelisa kulowo ungcwatywayo.
"Yiloo nto amanzi okuhlamb' izandla ebekwa ngaphandle komzi. Abantu abangafuni kutya xa bebuya emangcwabeni bangagoduka emva kokuhlamb' izandla zabo.
"Ngokwesiko lethu usapho oluzilileyo lulo olufanele luhlambe izandla kuqala. Phofu ke akukho sikhwasilima nokuba kwenzekile wahlamba ngaphambi kosapho."
UFred Mavundla waKwaZulu-Natal, ungqine ngelithi: "Lisiko kuthi ukuhlamb' izandla emva komngcwabo kwaye akabi nangxaki umntu nokuba uhlambe ngaphambi kosapho oluzilileyo."
Umfana waseSoweto akakhange angqinelane nabo. "Ndayek' ukuhlamb' izandla emva komngcwabo ngenxa yezizathu zempilo. Khawucinge indlela abantu abangesulelana ngayo ngesifo esithile kuba behlambe izandla esityeni esinye."
Eyona nto icacayo kukuba: ukuhlanjwa kwezandla kugqithiselwa kwizizukulwana ngezizukulwana zingachazelwanga ukuba eli siko litheth' ukuthini. Ayisokuze iphele impikiswano ngamasiko ethu kuba akazange abhalwe phantsi ukuze aziwe ukuba enziwa njani.
Usapho oluthile lwaseFreyistata lwahlukene phakathi ngenxa yempikiswano yeli siko. Ingxaki yaqala emva kokuba umfazi womrhamente weApostolic Church engenwe yintwaso.
"Umyeni wam akafuni nokuyiva into yokothwasa kwam. Wathi ndingalubeki unyawo lwam emzini wakhe namayeza. Wathi akanakuze andivumele ndinyangele abantu emzini wakhe.
"Andazi ukuba ndimchazele kanjani ukuze ayamkele intwaso yam. Ngoku uthathe nabantwana akasandiphi nemali," litsho eli bhinqa lisothwasayo.
Amasiko nolwazi lwethu lokunyanga ngamaqwili esintu lusekelwe kubuntu obusenza sizingce ngobuAfrika bethu nokusenza sibe nembeko, uxolo, uthando, intobeko nokuphath' abany' abantu njengabantu.
Kwingxaki yeli bhinqa akuzange kubekho uthethwano olwakhayo phakathi kwalo, umyeni neentsapho zabo bobabini. Iintsapho zabo zazifanele zithethane njengaxa kwakulotyolwa.
Ndiyakholwa ezi ntsapho zaziya kuvumelana ngokuthwasa kwalo. Zazingavumelana nangokuba abantu libanyangele kowalo xa umyeni walo engafuni emzini wabo. Izinyanya azifuni kwahlukanisa iintsapho okanye ukuqhawula imitshato.
Into yokuqala oyifundiswayo xa usothwasa kukuhlonipha umntu nokuba ungakanani na. Xa ithwasa libulisa igqirha liguqa ngamadolo. Nam ndisaguqa xa ndibulisa igqirhakazi elandithwasisayo, ukanti xa ndingen' esigodlweni salo ndigaqa ngamadolo.
Masibuyele kukhululo lwezihlangu...
Akakho umntu ondichazele kakuhle ukuba uzikhululela ntoni izihlangu xa engena esigodlweni segqirha.
Ukukhululwa kwazo akunanto yakwenza nokuba izinyanya zethu zazinganxibi zihlangu - kaloku abantu bakudala babezinxiba iimbadada. Ngoko ukukhulul' izihlangu yindlela nje yokubonis' imbeko![x]
32 BONA XHOSA - November 2005
Sithetha ngamayeza esintu
Masiyazi imvelaphi yamasiko ethu
kubhale uFORCE KHASHANE
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
