Saint Siluan



Lumkela ezi mpawu ezinga qhelekanga zilandelayo kubo bonke abantwana







Seek
 
Yiya kwaqgirha:  xa unento empilweni yakho eqhubekekayo ixesha elide
 

 
I   Eye
 
Amehlo: Qaphela ichaphaza elikhoyo emehlweni, amehlo ajikekileyo, ukungaboni okuthile, amehlo aphume ngaphandle
 

 
Lump
 
Amaqhuma: Jongisisa kakuhle amaqhuma esiswini, nakwi sinyi, entloko, entanyeni, ezingalweni, emilenzeni, ebudodeni, kwisingxobo nangaphantsi kwamakhwapha, emiphakathweni
 

 
Unexplained
 
Ezi zinto zilandelayo ube ungasazi isizathu soko:  Ubushushu, ukwehla emzimbeni, ukungathandi okanye ukungacaceli kakuhle ukutya, umntwana abe mpatsha – mpatsha, abonakale ngathi umhlophe akanagazi, ukudinwa, ukopha ngaphakathi esikhumbeni okanye ophe ngempumlo, ngomlomo, okanye kwiintsini okanye phakathi kwamazinyo
 

 
Aching
 
Iingqaqambo kwezi ndawo zilandelayo emathanjeni, amadolo, amaqatha, umqolo obuhlungu, ukophuka okukhawulezayo, okanye umntwana angakwazi kuhamba, ukushukumisa iingalo zakhe
 

 
Neurological
 
Ukuphazamiseka engqondweni: angemi kakuhle, ukubhityiza okuthile xa ehamba.  Maxa wambi umntwana wakho angakwazi ukuhamba okanye ukugaqa ngethuba elilindelelekiyo, intloko ebuhlungu engapheleliyo, okanye intloko edumbileyo.
 

 




uSaint Siluan wayengu father wase Russia owabhubhela kwintaba ekuthiwa yi0mount Athos ngonyaka 1938.  Wayethandaza ezingisile ethandazela uluntu lonke.



Olu luhlu lwempawu liqulunqwe liqumru Lomzantsi Afrika Elifunda Ngomhlaza Wabantwana (South African Children’s Cancer Study Group)



Children’s Cancer Help Line:  toll free ……………. (weekdays 08h00 – 16h00)







