Amapolisa amele ukuhlawula umazisi njengoko athembisa - Mushwana

UMkhuseli woLuntu uLawrence Mushwana ucebise iNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika (i-SAPS) ukuba ihlawula umazisi, owanceda amapolisa neGunya-bantu loTshutshiso (i-NPA) basombulula ityala lokhuthuzo, uvuzo ekwakuthenjiswe ngalo olungama-R75, 000.

Emva kokuqhuba uphengululo kumba, iGqwetha uMushwana wacebisa i-SAPS ukuba iyeke ukwenza izithembiso ezingazalisekiswayo njengoko oku kuphumela ekubekweni ibala kwegama layo. "Oku kuziphatha kuzisa umfanekiso wayo (i-SAPS) egameni elibi," utshilo.

Ummangali waya kwi-OPP ngonyaka ka-2007, kwiminyaka emithathu emva kokuba ityala laligqityiwe, kuthathwa ngokuba i-SAPS eRhawutini isilele ukumhlawula uvuzo. 

Amapolisa anikele ngovuzo kuye nomphi ongabanceda bona kunye ne-NPA bavalele abarhanelwa nezigwebo eziqinileyo kwityala, elabandakanya uxhwilo lwemali, ukubulala nokuzama ukubulala. Ummangali ukwangqinile enkundleni ngolu hlobo lwesenzo.  

Uvuzo kuthathwa ngokuba lwaahlawulwa kwi-SAPS yiKhulani Security, nangona isithembiso sasenziwe ngamapolisa egameni lenkampani yokhuseleko.

Ummangali wabekwa phantsi kwenkqubo yokukhuselwa kwengqina. Ngexesha lophengululo, i-OPP yafumanisa ukuba ngenene ummangali unike i-SAPS ulwazi olukhokelele ekubanjweni nasekugwetyweni kwabarhanelwa kwityala lokukhuthuza.

Kwaphindwa kwafunyaniswa ukuba i-SAPS ngenene yasilela ukuhlawula ummangali uvuzo oluxeliweyo.

IGqwetha uMushwana wangenisa ingxelo yakufumeneyo nezindululo kuMphathiswa woKhuselo noKhuseleko (ekungoku ibizwa amaPalisa) uNathi Mthethwa noMkhomishinala wamaPolisa aseRhawutini uPerumal Naidoo.  



