IGqwetha uThomas usenozondelelo iminyaka eli-11

Iminyaka elishumi elinanye wachongwayo ukuba yintloko ye-Ofisi yoMkhuseli woLuntu (i-OPP) eMpuma Koloni, iGqwetha uNomsa Thomas uhlala ekhuthazekile oko ukwenza ubuncinane bakhe ekuguquleni ubom beendawo zabahlali ukuba zibe ngcono.

Okhuthazeke ngolona hlobo liGqwetha elinedredi, elazalelwa laze lakhulela kuKomani, elalingathanda kakhulu ukwenza ngaphaya kobizo lwalo lomsebenzi ukunika uncedo kwabo baludingayo. Khuthaza 

"Ndiyakhuthazeka xa ndiguqula ngokuyimpumelelo ukujala kokuba sengxingweni nokungazinzi kube luncumo lwethemba. Kundinika isizathu sokuba semlindweni wosuku olulandelayo lwabemi nje abaqhelekileyo ezitalatweni," utsho. Iindawo zasezilalini esizincedayo zisibona njengomesiya ekunikezeni inkonzo."

Ukusukela ebuncinaneni kakhulu, iGqwetha uThomas ubesoloko enomnqweno ekwenzeni igalelo kumbono wokuba noluntu nje, apho abantu, lingenamsebenzi ibala labo okanye ukholo bephila ngokukhululekileyo, namathuba alinganayo kubume bemeko ekhuselekileyo. 

Inyaniso yeyokuba, yayiyenye yokungalingani kwenkqubo yocalucalulo lwangaphambili eyaphembelela yena ukuthathela ingqalelo ikhondo lezomthetho. 

Ukholelwa ukuba i-Ofisi yoMkhuseli woLuntu yenye yamaziko anoxanduva elikhulu ukubona ukuba urhulumente udlala indima yakhe ekuqinisekiseni ukuba idemokrasi inzulu kwaye iluqilima. 

Ngeli xesha iGqwetha uThomas likuluvo lokuba inkangeleko yobuchule be-Ofisi yokukopa amalungu karhulumente ngundoqo, uyakhawuleza ukuphawula ukuba i-Ofisi, mayihlale ingakhethi buso kwaye ingaxhomekekanga.  

I-OPP imele ukuba ibe yenye yezinto ezithi zibumbe iziqalo kulawulo lukarhulumente eziyakuphembelela ngokusebenzayo ekulandeleni intetho yokwenza ukuba idemokrasi iqondakale kubemi nje abaqhelekileyo," utshilo. 

Ukuxakeka njengoko enjalo, iGqwetha uThomas kunzima kakhulu ukufumana ixesha lokungasebenzi, nangona kunjalo, xa efumana ixesha lokuphola, uzanelisa ngokufunda "nokuhlaziya kwindalo"

Ubukhali kwimiba yotshintsho engqonge uluntu lwakhe kwaye udlale indima ebalulekleyo kumiso lweqela elixhasayo le-HIV/AIDS, iVukume.

Ezinye zezinto azithandayo kukudlala umdlalo ofana nentenetya, intenetya, itshesi, umbhoxo nonyana wakhe nokuya kuthamba, ejolise ikakhulu kumjikelezo woqeqesho.

 

