xhosa.963.metropolitan
Zinike into ongayibhiyozela ngezi holide zokuphela konyaka - nokuphola engqondweni
Inqaku elihlawulelweyo
Imibhiyozo yokuphela konyaka yimibhiyozo nje kuphela! Emva konyaka omde sonke siyalifuna ikhefu. Ingakukuphola elwandle, ukuya kwiholide okanye ukuhlala nosapho lwakho. Kodwa ikhona ingxaki enkulu. Ngeli xesha lokuphela konyaka sonke sijongene nobungozi:
Sichitha ixesha elininzi ezindleleni sisiya kwiindawo esiyochitha kuzo iholide
Sikhululeka kakhulu de sibe ngamaxhoba alula ezaphuli-mthetho
Kodwa ukuba ucwangcisa ngendlela ungalukhusela usapho lwakho - ubenako ukonwabela iiholide zokuphela konyaka. Nazi ke izinto omawuziqaphele ezibalulekileyo:
1. Imoto yakho
Ukuba uthabatha uhambo olude ngemoto eneziphako ingabangela intlekele loo nto. Thatha amanyathelo ngoku ukukhusela usapho lwakho kwingozi engehla. Qiniseka ukuba:
Imoto yakho ixilongiwe
Ifestile yakho kunye newayiphazi zikwimeko encomekayo
Amavili emoto yakho asaphilile
Ungade usebenzise nemali yakho yebhonasi uthenge amavili amatsha ukuze akuqhube wena nosapho lwakho nakunyaka olandelayo
2. Indlu yakho
Yenza icebo lokuba indlu yakho ikhuseleke ngeli xesha ungekhoyo:
Lungisa iingcango neefestile ezingavalekiyo kakuhle
Cela ummelwane akukrobele indlu yonke imihla
Okanye ucele umhlobo akugcinele indlu
3. Usapho lwakho
Ewe kona le nto akunto ungafane uyicinge xa uphuma nosapho lwakho nisiya konwaba. Kodwa akukho mntu ufuna ukufaka usapho lwake emngciphekweni ngexesha leholide.
Loo nto ithethe ukuba ngaphambi kokuba ucinge ngolonwabo ufanele uzibuze imibuzo efana nale, xa ndinokufa engozini yemoto, ingaba abantwana bam baza kubanako ukuqhubeka bafunde, nokuthi ngubani oza kubahlawulela iincwadi, iimpahla zesikolo nemali yokufunda-
Kaloku sonke sisoloko sicinga ngokuhle kodwa, ngaphandle kokucinga okubi okungenzeka. Kodwa xa sijonga amanani: kunyaka ka-2004 nje kuphela, zili-1 932 iingozi ezibulale abantu abangama-2 333 .
4. Ikamva lakho
Yenza intshukumo ngoku ukuze ukhusele usapho lwakho kwintlupheko yokuswela imali ngexa lokufa kwakho. Khangela ukuba unayo ngokwaneleyo imali yokuphilisa usapho lwakho xa kusenzeka ubandakanyeke engozini okanye usifa. Ukuba ufuna ingcebiso nge-inshorensi yengozi, eyobomi neyokungcwaba thetha nomcebisi wezezimali wakwaMetropolitan. Kuye kubengathi ukuze ubenokutsalela umnxeba abacebisi bezezimali kufanele ube sisifundiswa esingusozimali, njengomphicothi-zimali okanye ugqirha, kanti ke kule mihla akunjalo.
Thetha nomcebisi wezezimali ovunyiweyo okufundeleyo ukwenza oku. Uza kuqwalasela imeko yakho ngokwezimali aze akukhethele isisombululo esikufaneleyo. Khetha abanikeli benkonzo yemicimbi yemali abavunyiweyo nababhalisiweyo kwiFinancial Services Board phantsi komthetho weFinancial Advisory and Intermediary Service Act uze uqale ukuzikhusela nosapho lwakho ngeli xesha leeholide, nakwixesha elizayo!
Tsalela kulo mnxeba usimahla kwaFSB : 0800-202-087 or 0800-110-443. [x]
XA UFUNA ULWAZI OLUTHE VETSHE: Tsalela abakwaMetropolitan Life Call Centre ku-0860-724-724
BONA XHOSA - December 2007
GALLO
Zilungiselele ngezi holide zokuphela konyaka
