xhosa.95.filler
Lininzi ixesha esilichitha ekhitshini kangangokuba iingxaki ezingephi ziba ngathi zinkulu. Nanga amacebiso okwenz' ubomi bakho bube lula
Ukuvula iziciko
Ngaba uxakwe kukuvula isiciko sebhotolo yamandongomane esivalisisekileyo" Nalu uncedo!
Xa ukutya kufakwa ebhotileni kusetyenziswa isixhobo sokutywina esithile ukuvalisisa ibhotile, ukugcina ukutya oko kunokulunga nokukwenza kuhlale ixesha elide. Sesi sixhobo ke esenza ibhotile ingavuleki lula.
Zimbini iindlela zokuyivula. Okokuqala, galela amanzi ashushu kuyo. Okanye thatha icephe lokhuni okanye umva wemela ubethelele ngawo apha ekupheleni kwesiciko.
Xa sivalisiseke kakhulu isiciko, sisonge ngetawuli efumileyo yasekhitshini.
Ijusi yelamuni!
Ijusi yelamuni iyawadlamkisa amadlala encasa yaye xa uzithenga iilamuni ukuze uzenzele ijusi ngokwakho uye ufune lukhulu kuzo ngolu hlobo...
Ngaphambi kokuyikhama ilamuni yifake emanzini ashushu imizuzu eli-15. Kuzawuphuma ijusi eninzi ngolona hlobo xa wenze ngolu hlobo.
Ukhe wazama ukukhamela ilamuni phezu kwentlanzi yaze yatsibela ebusweni bomny' umntu osetafileni" Yihlabe ngefolokhwe amatyeli amaninzi ukuze ingatsibeli ebusweni babantu. Kulula ngolo hlobo!
Ukucoca umbona
Awumnandi ngako nje umbona owojiweyo wathanjiswa imajarini. Bubuncwane! Abucaphukisi kodwa obu bulembu buphakathi kweenkozo zombona" Indlela elula yokubususa, hlamba isikhwebu sombona ngebrashi yemifuno ngaphambi kokuwoja.
Ukukhupha isauce ebhotileni
Bayayithanda itomato sauce abantwana. Maxa wambi ayigaleleki lula baze bayiqongqothe de iphume itaka ingcolise yonk' into. Ungayithintela le nto! Ungayikhupha ngokufaka istro (okanye imela) ebhotileni. Kulula kanjalo! [x]
Uncedo lwasekhitshini
BONA XHOSA - May 2007
