xhosa.952.health
Ezempilo
Khusel' umntwana wakho
Lide lakhona eMzantsi Afrika iyeza lokugomela ipneumococcal disease, ekukholelwa ukuba ibulala abantwana abamalunga nesigidi emazweni asakhasayo.
Abantwana babulawa yinyumoniya ikakhulu, kodwa bangenziwa iingxwelerha nayibacterial meningitis okanye babezizithulu ngenxa yokosuleleka kweendlebe ephakathi. Ezo ngxaki zingathintelwa ngalo mgomo mtsha onikwa xa beneenyanga ezintandathu, ezili-12, nasemva kweenyanga ezimbini.
Ixabiso lobomi
Buxabisa malini ubomi bomntwana wakho" Umgomo weMMR ufumaneka simahla kwiiklinikhi zikarhulumente, kodwa umgomo omtsha wepneumococcal disease uxabisa malunga ne-R420 ingekafakwa irhafu kwaye ungawufumana koogqirha, eziklinikhi nasezikhemesti. Nangona kunjalo oomama baseSoweto babona iziphumo zokugoma xa bewulingwa kweli baza bazithanda kangangokuba bathe abanangxaki nokuwuhawulela.
Siba namaphupha
ali-1 825 ngonyaka.
INYANISO:
Funda ukuthanda ukuba ngumzali
"Abantu abaza kuba ngabazali kufuneka babe nexesha lokuthoba isantya ebomini ukuba bahoye ukukhulelwa kwabo neminyaka yokuqala yomntwana. Oko kungabashiya besithi, 'Ndilonwabele elo xesha.'
"Qalisa ukumazi umntwana wakho engekazalwa. Kudla ngokuba ngamadoda akwazi ukwenza oko ngaphezu kwamabhinqa. Bubone ngokutsha ubomi ngamehlo omntwana.
"Ungangxami. Usana lwakho aluyi kuba noxinzelelo, nawe ngokunjalo."
- Icatshulwe kwincwadi kaSister Lilian ethi Pregnancy And Birth Companion (Human & Rousseau, R150)
Ngomzuzu kufa izigidi eziyi-300
zeeseli emzimbeni - zize
eziphilayo zizahlule
zivale izithuba zazo.
Zigcine usempilweni ngamacebiso
kaPatricia McCracken
BONA XHOSA - February 2006
Mabenze umthambo
"Kumnandi ukwenza umthambo!" oko ufanele ukuve kusitshiwo ngabantwana bakho kulo nyaka njengokuba kuqaliswe inkqubo entsha ethi Making The Difference. Yenzelwe ukunciphisa imizimba yabantwana, emva kokuba uphando lubonise ukuba i-40 phesenti yabafundi bakaGrade 4 no-5 kweli abawenzi ngokwaneleyo umthambo. Phantse i-8% yabo bakhulu kakhulu.
Ngoko ukunceda isizukulwana esitsha sikhule siphilile kunokuba sikhule sityebile njengabantwana baseMelika, abakwaWoolworths, abeMySchool, abakwaVirgin Active nabeSports Science Institute, nabanye abaxhasi bavelise izinto zokwenza umthambo eziza kunikwa iititshala ezikolweni ezili-1 000 eJohannesburg, ePitoli, eKapa naseThekwini.
Yivule intliziyo yakho
Ukubonisa ukuba uyikhathalele impilo yentliziyo, thenga iDress Red Sticker nge-R5 uze uyinxibe nempahla ebomvu ngomhla we-14 kuFebruwari - ngeValentine's Day. Imali othenge ngayo iya kwiHeart Foundation's Children's Programme ngokutsho kukaMichelle Kearney. Le nkqubo sele incede abantwana abanga-phezulu kwezigidi eziyi-1,4 eMzantsi
Afrika. [x]
