XHOSA.1270.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
96 BONA XHOSA - May 2007
INGABA sele ubulungele ubusika" Andithethi ngokuthenga iihitha neengubo apha, ndithetha ngamayeza okulwa nemikhuhlane neziny' iingulo ezenza ubusika bungabi mnandi.
"Ubusika bundenza ndibe ngathi ndisesihogweni. Andikwazi ukuhlala nkqu iyure enye kwigumbi elineethayile phantsi. Ndisuka ndive kukho ingqele enyuka ngemilenze yam," itshilo indoda engumfundi weBONA waseSoweto.
"Emva koko ndiva iintlungu ezihlabayo emaqatheni, emilenzeni nasemadolweni.
"Ndinxib' iikawusi ezimbini okanye ezintathu zewulu ebusika ukuze zibebhetele iintlungu zemilenze yam."
Uthi le ngxaki yakhe yaqala esafunda.
"Impazamo yam yaba kukunganxibi impahla efudumeleyo ebusika. Ndandingombathi xa kubanda ukuze abantu babone ukuba andiyontem-ntem."
Uthi oko kwenza ingqele yamngena ngaphakathi ngoku ingxaki yakhe iziziphumo zaloo nto.
Kusenjalo kukho ibhinqa laseTaung kwiphondo loMntla-Ntshona elinengxaki nalo ebusika.
"Andonwabi tu ebusika. Ndibetha ndibuyelela kwagqirha ngenxa yesayinasi nomqala obuhlungu," litshilo.
Umfundi waseSoweto ndimcebisa ukuba asebenzise amayeza amabini.
Elokuqala lugwejo olubomvu (intolwane okanye umdabu ngesiZulu; kuthiwa yisitsani ngesiSuthu). Elinye yisekename ngesiSuthu (isiganama ngesiZulu okanye ngesiXhosa).
Galel' ikota yetispuni yesekaname necephe lentolwane kwilitha yamanzi ashushu.
Yithi nkxu ilaphu kwelo yeza uze uthobe ngalo imilenze, amaqatha namadolo.
Zithobe de iyeza lishiyeke lifudumele uze uzithele ngalo kwimilenze yomibini.
Yosula imilenze yakho yome ngetawuli, emva koko xuba intwana yesiganama netispuni yentolwane.
Zixube necephe le-oyile yokuthambisa iintsana uze uzihlikihle ngalo ukusuka ezinzwaneni ukuya emathangeni.
Oku kufuneka ukwenze kabini, kusasa naxa sele uzolala.
Eli yeza lisebenzise yonk' imihla iiveki ezimbini.
N ALI icebo endilinika ibhinqa laseTaung - naye nabani na onengxaki yomqala obuhlungu nokukhohlela ebusika.
Xuba ikota yetispuni yomhlonyane (ilengana ngesiSuthu) nekota yetispuni yecimamlilo (isetima mollo ngesiSuthu).
Zigalele kwisiqingatha sekomityi yamanzi ashushu uze ugalele amacephe amabini obusi.
Wuphunge lo mxube ulumke ungakutshisi.
Wuphunge kabini ngemini iveki enye. Phofu ke awukalugqibi unyango.
Galela ilitha yamanz' ashushu netispuni yomhlonyane, itispuni yamagqabi eblue gum asiliweyo netispuni yecimamlilo.
Zogqume ngetawuli kweli yeza ulifunxele ngaphakathi xa uphefumla imizuzu emithathu ukuya kwemine.
Oko kwenze kanye ngemini iveki enye. Oku ke kuphelisa ukuminxana kweempumlo nesifuba.
NGOKU ngaba unako ukulungiselel' ubusika ngaphambi kokuba bufike neengulo zabo"
Gabha ngeyeza ekuthiwa yintolwane.
Oko kuya kukukhusela kwimikhuhlane, ukukhohlela, nefiva kobu busika, kuba kuza kucoca isisu nesifuba sakho.
Intolwane ibonwa ngamaxhwele njenge-antibiotic yesintu.
Galel' icephe lentolwane kwiilitha ezintlanu zamanzi ashushu.
Lizamise iyeza de libediki-diki.
Lisele, wakuhlutha ugabhe.
Ungagabha kabini ngeveki ngoku bungekafiki ubusika.
Ungagabhi xa sele unomkhuhlane! [x]
Sithetha ngamayeza esintu
Ukunyanga iingulo zasebusika!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
