xhosa.912.health
Ezempilo
Phefumla kakuhle
Yeka ukutshaya
Faka oku enqaweni yakho uze ukutshaye ngeAnti-Tobacco Month ngoMeyi... Emva kokuba idolophana esentshona yaseUnited States ivale ukutshaya kwiindawo zikawonke-wonke, izibhedlele zabonisa ukuhla kwenani labantu abanesifo sentliziyo nge-60 phesenti kwiinyang' ezintandathu zokuqala. Emva kokuvunyelwa kokutshaya ngenxa yokukhalaza kwemizi-mveliso yecuba, anyuka ngokukhawuleza amanani abantu abanesifo sentliziyo njengokuhla kwawo.
Ngaba umntwana wakho uphefumla nzima, okanye uneengxaki zesifuba ezingapheliyo, buza ugqirha okanye umongikazi ukuba akanambefu na, utsho uGqr. Mike Levin wesebe loogqirha babantwana eUniversity of Cape Town.
"Umbefu sesona sifo sixhaphakileyo esinganyangekiyo ebantwaneni baseMzantsi Afrika kuba phantse umntwana omnye kwabali-10 unaso. Ngoku sixhaphake nasezilalini apho besikade sinqabile khona," utsho.
"Sifumanise ukuba umbefu ubulala abantwana bamahlwempu kakhulu - kwaye uMzantsi Afrika ukwindawo yesihlanu ngokuba nabantu abaninzi ababulawa ngumbefu! Ngoko sebenzisa iWorld Asthma Day ngomhla wesi-2 kuMeyi ukuya kuxilongwa - kuba ngoku amayeza awo ayafumeka ngamaxabiso amahle kwabawafunayo."
BONA XHOSA - May 2006
INYANISO:
Xa ubuchopho bungayifumani i-oxygen bungenzakala unomphelo ngemizuzu embalwa.
Isenzo esihle
Incedile ifike iHealth Day engomhla wesi-7 kuMeyi eMzantsi Afrika - kaloku i-40 phesenti yabantwana abafunda uGrade 4 no-5 abayifumani ngokwaneleyo imithambo.
Esinye sezizathu zaloo nto kukuba i-90 phesenti yezikolo zeli azinawo amabala emidlalo ngoko aziyenzi imithambo.
ISebe leMfundo lizama ukulungisa loo nto ekupheleni konyaka ozayo kodwa izikolo ezili-10 zamabanga aphantsi zingaqala kwangoku ukuzuza ibhaso lokwakhelwa amabala axabisa ngaphaya kwesigidi seerandi kukhuphiswano oluxhaswe ngabakwaOmo oluvalwa ekupheleni kukaMeyi.
Izikolo maziqokelele iziciko zepakethe yeOmo ezininzi - xa isikolo sowakho umntwana sinawo amabala, phisa ngeziciko kwisikolo esingenawo.
Zithande wena, mama
NgeMother's Day kule nyanga iintsapho mazikhuthaze oomama ukuba bakhathalele impilo yabo ukuze baphil' ixesh' elide.
"Maninzi ngoku amabhinqa aziyo ngokubaluleka kokujonga amaqhuma emabeleni awo, kodwa asembalwa aziyo ukuba kungani kufuneka ayilumkele into ayityayo enze nomthambo. Kule mihla kufa ibhinqa elinye ngumhlaza webele kuze kufe amahlanu sisifo sentliziyo," utsho ugqirha wezifo zabasetyhini waseKapa, uGqr. Alan Alperstein.
Zinik' ithuba lokudlala
INYANISO:
Jong' abazali bakho
Phakathi kwe-40 ne-70 phesenti yobunzima nobude bemizimba yethu ilufuzo lwabazali bethu. Ngoko jonga oomakhulu nabazali bakho ukuze ubone ukuba uza kuba mkhulu na nokuba uza kuba mncinane - uze uqalise ukutshintsha indlela otya ngayo.
Abantwana abangaphantsi kweshumi leminyaka ngabona balala kakuhle. Balala ngemizuzu emihlanu ukuya kweli-10 yaye bachitha i-95 phesenti yexesha abalileleyo belele obentlombe.[x]
Zigcine usempilweni ngamacebiso kaPatricia McCracken
kufote abeGREAT STOCK!
BONA - August 2005
