xhosa.877.muthi
IMINI YEZITHANDANI
AMAYEZA OTHANDO
Yenza isinqanda-mathe sakho sikuthande ngakumbi ngala machiza ongawaxuba nesiqholo sakho
IFIKILE kwakhona inyanga enemini esixelela ngayo izinqanda-mathe zethu indlela esizithanda ngayo.
Imini yezithandani (valentine's day), apho izithandani zinikana amakhadi anemiyalezo kwihlabathi liphela.
Ukufika kweeSMS ne-Intanethi akuyitshintshanga loo nto, kuba umhla we-14 Februwari yimini apho abantu bengafuni ukusebenzisa izinto "zobuchwepheshe".
Eli lixesha lothando. Ikwalilo nexesha lentliziyo ezaphukileyo ngenxa yokwaliwa.
Kubuhlungu ukoyika ukwaliwa, kangangokuba abaninzi baza kuya kucela uncedo emagqirheni.
Ngeli xesha amagqirha akabonwa njengabantu "abaphelelwe lixesha"!
Ulutsha oluqhele ukuhleka abazali kuba besiya emagqirheni lulo ngoku olucinga ngokuya kufuna uncedo kuwo. Luthando ke olo. Lungakujija ingqondo.
"Ingaba likhona ithemba kum?" uyabuza umfundi othile. "Ndoyika ukuba uza kundishiya! Ungakwazi ukwenza isithandwa sam sihlale?"
"Ndifuna andithande. Ndiyazi uza kundithanda ukuba nje angachitha ixesha kunye nam. Ingaba igqirha lingandinceda yenzeke loo nto?" ubhale watsho omnye.
"Andifuni kumenza 'abeneyokothwane'. Ndifuna nje iyeza eliza kumenza abone ubuhle bam nokuba singalungelana sobabini."
Ngenxa yokukhuthazwa zezi leta zisuka kubafundi abantliziyo zaphukileyo, abafuna ukwazi ukuba bangazifumana njani izinqanda-mathe zamaphupha abo - zihlale zingabashiyi - ndiye ndaya kwigumbi lam lokuxilongela ndasebenzisa amathambo am, ndabhula. Amathambo aye andivezela amayeza othando akwazi ukujongana nazo zonke iimfuno.
Ewe, uva zona - amayeza othando! Kodwa ungaxhalabi. Andithethi ngevamna okanye into engajika iqabane lakho libe likhoboka.
Kananjalo ke la mayeza akazukuba luncedo kuwe xa ucinga ngokuthatha isinqanda-mathe somntu kungenjalo unkosikazi okanye umyeni womntu.
Wonke la mayeza angasetyenziswa ngamabhinqa namadoda - kodwa bangabi neminyaka engaphantsi kwe-18!
Cela ezi zinto zilandelayo kwigqirha okanye ixhwele lakho:
uvela-bahleke;
utshani bezwe (ngesiZulu));
ujonga-mna-ndedwa; kunye/okanye
umlomo-mnandi.
Qiniseka ukuba uwathenga engumgubo la mayeza ukuze asebenziseke lula.
Galela itispuni yeyeza ngalinye emanzini ashushu okuhlamba rhoqo kusasa. Usengayisebenzisa ifoam bath okanye isepha yakho nalo mxube.
Ungayigalela intwana kavela-bahleke nojonga-mna-ndedwa kwisiqholo sakho okanye isithambiso sezandla.
Faka umlomo-mnandi emlonyeni phambi kokudibana neqabane lakho. Okanye uwufake kwilipgloss yakho. Oku kuza kukunika "umlomo omnandi", nanjengoko igama leli yeza lisitsho. Incoko yenu iza kuba mnandi, amazwi akho anambitheke okobusi.
Eneneni wonke la mayeza asebenza ngokokutsho kwamagama awo. Usebenzisa uvela-bahleke iqabane lakho lisoloko lincumile. Kanti ujonga-mna-ndedwa uza kumenza ajonge wena wedwa.
Utshani bezwe bona buthetha "ingca ekuyo yonke indawo" - ngoko xa ulisebenzisa uza kuba nabantu abakuthandayo abaliqela ongakhetha kubo. Okanye ngokutsho kwegama layo lesiSuthu, eli yeza "liza kukuhlahlela indlela" lisuse amagingxiginxi. [x]
Bhalela kuForce Khashane: Muthi Talk, Box 473014, Parklands, 2121, e-mail: muthi@caxton.co.za
Faka iyeza kwilipgloss yakho, amazwi akho aza kuba ngamyoli
odwa
UNYANGO LWESINTU
EZAMAYEZA
AMAGQIRHA ANGAKUNCEDA!
Ungabineentloni ukuba kweli xesha lonyaka uziva ufuna ukuya egqirheni. Ukufuna uncedo ngemibandela yezothando yinto eqhelekileyo.
Kwaye ukuba kukwenza ungakhululeki ukuzibona sele uguqe phambi kwegqirha, cinga ngezinye izinto owakhe wazenza ngenxa yokufuna uthando.
Cinga ngeempahla zexabiso neztayile zeenwele, nemali yonke oyichithileyo uzama ukufana nendumasi oyithandayo.
Ngoncedo lwegqirha akukho mfuneko yakwenza izinto ezibaxekileyo njengezi!
