xhosa.871.old lady (2)
Ngoyena mntu mdala kwihlabathi lo"
NGO-1874 wagaleleka eNgilani umzimba kaDavid Livingstone, uLevi Strauss wathengis' iijin ezinerivethi yobhedu ukanti umdlalo womculo kaJohann Strauss othi Die Fledermaus waboniswa eVienna. Lo ngunyaka azalwa ngawo uMoloko Temo ngokutsho kwesazisi sakhe.
Loo nto intama ukuba uneminyaka eli-132!
Kungokunje kwenziw' iinzame zokumfaka kwiGuinness World Records nto leyo iza kumenza abe ngoyena mntu mdala kwihlabathi liphela.
Kodwa asoze kube lula kuba kuza kufuneka iimpepha nobungqina obuphathekayo.
Ukutsho ngomlomo ukuba uneminyaka emingaka akwanelanga yaye nesazisi asibobungqina bupheleleyo.
UMoloko uthi yena wazalwa ngomhla wesine kuJulayi ngo-1874!
UMOLOKO uhlala nosapho lwakhe eMohodi Ga-Manthata, ePolokwane eLimpopo.
Nangona enama-54 eminyaka engaboni, uyeva, ukrele-krele yaye uyakwazi ukuzihlamba nokuzityela. Uhamba ngesitulo esinamavili asiphiwa nguABSA owacelwa ngusomashishini uTom Boya.
UMoloko usoloko engqongwe ngabantu abafun' ukwazi ngobomi bakhe.
"Ngelishwa akakho umntu owabhalayo la mabali. Ndinqwenela ukuba izizukulwana ngezizukulwana zizazi izinto zamandulo yaye ndiyakholwa ukuba ndisazophila eminy' iminyaka emininzi," utshilo.
Ukhumbula ukubaleka kwakhe mhla eqal' ukubona abelungu.
Uthi loo nto yenzeka ngo-1900. "Babekhwele amahashe yaye sasingazi ukuba kukho abantu abanebala elahlukileyo kwelethu. Bazam' ukuthetha nathi ngolwimi lwabo olunzima kodwa thina sasuka sababaleka," kutsho yena.
Usakhumbul' iimpahla zamandulo ababezinxiba. "Sasisenzelwa iimpahla zokunxiba ngeemfele zezilwanyana.
"Zazingekho izindlu ezinjengezi zale mihla. Kwakungekho zikolo, kungekho kliniki, kungekho zibhedlele nazindlela zezithuthi. Sasihamba ngeenyawo imigama emide. Abantu abadala babelima ukuze sibe nento yokutya. Amakhwenkwe namantombazana ayesolusa iibhokhwe. Amanzi sasiwakha emlanjeni," utshilo.
Usazikhumbula iiMfazwe zeHlabathi ezimbini. "Uninzi lwezalamane zam ezingamadoda zaya emfazweni azabuya," utshilo.
Uchaze indlela ekwakubaswa ngayo umlilo... "Wawungekho umetshisi ngoko sasikhuhla amatye aze aphum' umlilo."
WAZALELWA eMamakhwibidu yaye uthi abazali bakhe uMatome noMamabolo basweleka kudala.
"Ndingumafungwashe kubantwana abathathu. Andisakhumbuli ukuba basweleka nini abantakwethu uJohannes noDaniel kuba kwakukudala yaye kaloku nam andifundanga."
UMoloko nomyeni wakhe uMoyahabo balizwa ngabantwana abasibhozo. Sekusele ababini uEvelyn noMalasa. UMoloko uhlala noEvelyn onama-84 eminyaka.
UMoloko unabazukulwana abangama-29, izizukulwana ezingama-59 nezizukulwana zezizukulwana ezihlanu.
Uthi ukuze aphil' ubomi obude kangaka uncedwa kukutya ukuty' okunempilo nokuphulaphul' abantu abadala.
"Okoko ndatya imifuno neziqhamo yaye andibuseli utywala. Sisakhula sasidlala imidlalo kuquka nogqaphu ekuyiyo eyayisomelez' imizimba yethu.
"Sasiyalwa ngezinto emasingazenzi yaye ndiyakholelwa ekubeni naloo nto indolulele imihla yokuphila."
Uthi uyithanda gqitha iCoca Cola nerooibos tea yaye uthe akanakuphendula mibuzo ingekho iCoke.
Ngenene udliwano-ndlebe lwethu luqale isakubekwa phambi kwakhe.
Unamazinyo amathathu kuphela kodwa uyayitya imince meat nesonka esimdaka.
Akaboni kodwa uyasebenza. "Zis' apha umtshayelo nditshayele. Andifuni kulala ndiza kuba livila.
"UThixo uza kunisikelela anolulel' iintsuku zokuphila xa niphil' ubomi obumsulwa njengam. Hloniphani abantu abadala nigcin' amasiko enu. Yityani ukutya okunempilo ningabuseli utywala.
"Ndibulel' uThixo kuba bambalwa abantu ababona izizukulwana ezingaphaya kwezithathu. Yiyo loo nto ndithandaza qho ngaphambi kokuba ndilale." [x]
African Eye News Service
BONA XHOSA - September 2006
Ngaba obu buso buneminyaka eli-132 yaye bubone izinto ezininzi ezimbalini"
kubhale kwafota uWILSON DZEBU
UMoloko Temo ukhumbula mandulo apho kwakunxityw' iimfele, umlilo ubaswa ngamatye neeMfazwe zeHlabathi ezimbini...
Une-132 le- minyaka yaye womelele!
u
UMoloko nentombi yakhe uEvelyn (84).
BONA XHOSA - September 2006
Ityala elingaqhelekanga
Ndoda ithile egama linguSolomon Barends yayifuna ukuncuma nentombi endithandana nayo. UBarends wayeyifowunela le ntombi eflethini yam, eyithumelela neeleta, iintyatyambo nezipho. Ndathi kuye makohlukane nomntu wam wasuka waba nomsindo. Waya kundimangalela emapoliseni wathi ndinompu ongekho mthethweni.
Amapolisa afika azogqogqa iflethi yam, awufumana umpu, awuthatha aza nam andibamba ayondivalela.
Ndavalelwa iiveki ezintathu entolongweni ngaphambi kokuba ndifumane ibheyili. Etyaleni ndandimelwe ligqwetha elaveza iimpepha zompu wam zokuba ndinawo ngokusemthethweni. Ndafunyanwa ndingenatyala, ndakhululwa.
Xa kwakuxoxwa elo tyala, igqwetha lam lamvumisa uBarends ukuba ubexoka ngezityholo ayendityabeka zona.
Ndingakwazi ukufuna intlawulo kuBarends ngokundibambisa kwakhe"
nguEM, eJoburg
lUnako ukufuna intlawulo kumntu okubambisileyo ngamapolisa kanti uyaxoka.
Kuyacaca ke ukuba uBarends wayekuxokela yaye wayengafanelanga enze loo nto. Ngoko ukubanjwa kwakho ubekwe ityala kwakuthob' isidima kwakufaka nasezindlekweni.
Walihlawula igqwetha elalikuthelelela kwelo tyala, ngoko loo mali ifanele ibe yinxalenye yebango lakho lentlawulo kuBarends.
Kungenzeka ukuba walahlekelwa nangumvuzo wakho xa wawuvalelwe entolongweni nangeemini zetyala kuba wawungaphangeli. Naleyo imali ufanele uyifake kwibango lakho.
Okokugqibela, igama lakho nesidima sakho sangcoliseka ngokubanjwa, uvalelwe entolongweni, ubekwe netyala kwaye oko kwathoba isidima sakho.
Kodwa ke ukubala iintlawulo yokuthotyw' isidima nokungcoliswa kwegama lakho ayinakubalwa ngokufanayo nokulahlekelwa ngumvuzo kuba ungaphangeli.
Intlawulo yezo zinto ithelekelelwa ngokwenqanaba lakho, isikhundla okuso emsebenzini naseluntwini.
Igqwetha lakho lingakunceda ekubaleni ukuba ufanele ufune intlawulo engakanani ngezo zinto. Lelona lingakucebisa bhetele ngokuba ufanele ufune intlawulo engakanani.
Kusenokwenzeka uBarends angabinawo amandla okukuhlawula, ngoko kubhetele uqale uphande ngaye ukuba umi njani ngasezimalini.
Ingaba uyaphangela" Ingaba unayo indawo ahlala kuyo ngokusisigxina" Ingaba unayo impahla yexabiso njengemoto okanye ifenitshala"
Xa enazo ezi zinto, ungaqhubeka nokwenza ibango lentlawulo kuye.
Xa engenazo, uya kuba udlala nje ngexesha ngokummangalela kuba akukho siqinisekiso sokuba uya kukwazi ukukuhlawula ube ke wena sele uchithe enye imali kwelo bango. [x]
Niziphathelwe yiBONA nabeScorpion Legal Protection
Sizamile ukuqinisekisa ukuba iingcebiso esikunika zona zifanelekile. Kodwa ke imeko yengxaki nganye ifuna ukuphandisiswa. AbakwaScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, amalungu eengcali ezicebisayo, iBONA nabashicileli bale magazini abanakubekwa tyala nguye nabani na osebenzisa ezi ngcebiso.
Iingxaki Zomthetho
Thumel' ingxaki yakho kule dilesi: BONA Legally Yours, Box 32083, Mobeni 4060. AbakwaScorpion baza kunika wonk' umntu ofake isikhalazo sakhe ivawutsha yemizuzu engama-30 yokuncokola negqwetha e-ofisini yabo naphi na kweli okanye ngomnxeba.
Uninzi lwezalamane zam ezingamadoda zaya emfazweni azabuya
UMoloko ekunye namanye amalungu osapho lwakhe. Abamileyo ngabazukulwana bakhe uBenjamin (32) noObert (27). Abahleliyo yintombi yakhe uEvelyn (84), uMapula (17) osisizukulwana sakhe, abazukulwana bakhe uSija (22) noMorongwa (34). Abaphambili nguPontso (3) osisizukulwana noSurvivor (1) osisizukulwana sesizukulwana sakhe.
t
Ngubani ofun' ukuphila naphakade"
UKUPHUCUKA kwempilo yabantu neemeko zempilo kwenza abantu baphil' ixesha elide. Yinto enkulu ukufikelela kwikhulu leminyaka yaye bayanda abantu ingakumbi amabhinqa afikelela kwi-110 leminyaka nangaphaya!
Kulula ukuzifuman'iinkcukacha ezilolo hlobo ngenxa yokuphuculwa kwendlela ezigcinwa ngayo kwinkulungwane ye-19 neyama-20. Ngoku kufuneka ibango lakho leminyaka likhatshwe ziimpepha eziyingqinayo.
YiGuinness World Records echophele lo mba yaye ukuza kuthi ga ngoku oyena mntu waphil' ixesha elide kwihlabathi nguJeanne Calment waseFrance (1875-1997), owasweleka eneminyaka engama- 122 neentsuku ezili-164.
Xa ene-14 leminyaka wadibana nomzobi uVincent Van Gogh yaye ubomi bakhe bubhalwe kakuhle nto leyo yenza amanye amabango eminyaka athelekiswe nelakhe.
Ngethuba sishicilela eli nqaku oyena mntu mdala kwihlabathi osadl' amazimba nguMaria Esther de Capovilla waseEcuador one-116 leminyaka yaye wazalwa ngomhla we-14 kuSeptemba ngo-1889. Indoda endala kwihlabathi esadl' amazimba nguEmiliano Mercado del Toro wasePuerto Rico owazalwa ngowama-21 kuAgasti ngo-1891.
Ummi weloMzantsi Afrika owaphil' ixesha elide ngokweGuinness nguJohanna Booyson owazalwa ngo-1857 waza waphil' iminyaka eli-111.
UMoloko Temo mdala kunabo bonke kodwa kuza kuba nzima ukuyibonisa loo nto ingakumbi njengokuba azalwa ngala minyaka yengcinezelo eMzantsi Afrika.
Njengoko abantu bengafuni kuguga umbuzo ovelayo ngulo, abantu bafuna ukuphil' ixesha elingakanani"
Iingcali zithi ukuze ufuman' impendulo yalo mbuzo kufuneka uwazi umahluko phakathi "kwexesha lokuphila" "nexesha esilibekelweyo."
Ixesha lokuphila lixesha esingaliphila sihleli kwindawo ekhuselekileyo, engenabundlobongela - apho abantu bafumana unyango olululo. Singaphil' ubomi obude xa sizikhathalele, sisenz' imithambo qho yaye sisitya ukutya okunempilo siyek' imikhwa emibi njengokutshaya.
Kwilizwe elithwaxwa yintlupheko, udushe nogawulayo, elingenabo oogqirha, abantu abaphili iminyaka engaphsya kwama-30. Kumazwe afumileyo afana neUSA neGreat Britain abantu baphila de baqabele ngaphaya kwama-70 eminyaka.
Bathi oogqirha likho ixesha esilibekelweyo lokuphila. Zonk' izidalwa eziphilayo zinexesha ezilibekelweyo lokuphila. Kulapho lifikelela esiphelweni ixesha lokuphila.
Nkqu nokuba umntu angafakelwa intliziyo kwenziwe onke amatile-tile okumenza aphil' ubomi obude kodwa liyafik' iixesha lokufa.
Asidalelwanga ukuphila unaphakade...
lnguWALTON GOLIGHTLY
