xhosa.867.yourstyle_teenfashion
IFASHONI YOLUTSHA
UNonhle Thema
Umsasazi we-Channel O omhle usibonisa iimfihlelo zakhe ezimenza ahlale ebukeka nezinto zefashoni esifanelwe kukuba nazo nakanjani
1. Iwadrophu yam igcwele...
Zimpahla ezintle ezinomtsalane zodidi oluphezulu ezisoloko zindenza ndikhululeke.
2. Ndiyakuthanda ukuthenga...
Phesheya! Ndiyazithanda iimpahla zaseBebe, kuba amaxabisa azo ayafikeleleka kodwa impahla yabo yeyexabiso.
3. Iindwalutho ezindinxibela kakuhle...
NguRihanna, uMegan Goodman, uChristian Millian, u-Ann Hathaway, abakweli, nguGerry Rantseli noKhanyi Dhlomo Mkhize.
4. Onke amagqiyazana makabe nazo...
Iiskinny jeans kunye netophu ehamba kakuhle nomzimba wakho. Ngokuqinisekuleyo ke ne-LBD (ilokhe emnyama encanyana).
5. Andiyithengi...
Into enexabiso elixhome kakhulu, kuba ndizithenga rhoqo iimpahla.
6.Awusoze undibone ndinxibe...
Ibhlukhwe enkulu! Ndikholelwa ekubeni iimpahla ezinkulu ziyakutyebisa xa umfutshane.
7. Eyona mpahla yam inexabiso eliphezulu...
Yijini yam yakwa-Evisu, ehonjiswe ngediamanté ngasemva, yi-R10 000!
8. Andikwazi kuzibamba...
Kwiindondo! Ukuba ndizilibele ndiyajika ndiye kuzilanda, zibalulekile kangako kum.
9. Eyona nto isefashonini...
Kukuqaba iinzipho zakho ngemibala eqaqambileyo. Ubugcisa bokulungisa iinzipho nabo busefashonini.
10. Ukuba kukho umntu onxibe njengam kwitheko elithile...
Asoze ndikhalaze! Ndingafota naye ndenze ngathi yinto esiyenze ngabom! [x]
