XHOSA.850.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
UMBEFU yingulo eyingozi ehlasela abantwana nabantu abadala. Kodwa xa efumana unyango olululo umntu onawo uyaphela ngokuya ekhula. Nangona kunjalo le ngulo ifuna ingqwalasela njengoko senditshilo ukuba iyingozi.
"Maxa wambi umbefu ukhe undihlasele ngamandla de ndibalekiswe esibhedlele nge-ambulensi," ubhale watsho omnye umfundi.
"Xa kubanda andikwazi ukuxhina nokubaleka kuba ndiphelelwa ngumoya. Xa ndingena endlwini esandul' ukupeyintwa ndiphelelwa ngumoya ngenxa yevumba lepeyinti."
Igqirha linganceda kule ngulo"
Yingulo eyingozi le
Into yokuqala emasiyazi kukuba umbefu uyingulo eyingozi efuna ukusoloko ibekwe elisweni yaye iphantsi konyango lweklinikhi okanye ugqirha.
Phofu ke namayeza egqirha anganceda ekuthomalaliseni iimpawu zombefu.
Ilizwe lethu linemithi enamagqabi neengcambu ezingasinceda ukuzigcina siphilile.
Omnye waloo mithi nguphila owaziwayo ngokuba namandla amangalisayo.
Eli yeza libulala iintsholongwane, likhusela nabantu kwimimoy' emibi ukanti lingakwenzela namathamsanqa.
Ngokomzekelo eLimpopo eli yeza lalisetyenziswa kwakudala ukubulala iintsholongwane ukuze kuthinteleke ukusasazeka komkhuhlane, iflu, ukukhohlela, umbefu neziny' iingulo.
Abantu ababewazi amandla kaphila njengamagqirha babegalela intwana kaphila emanzini aselwayo osapho.
Wonk' umntu wosapho osele loo manzi anophila wayengaphathwa yifiva okanye ahlaselwe zeziny' iintsholongwane ezihlala esifubeni.
Abanye bayawuqhumis' uphila kwiivenkile zabo ukuze batsale abathengi. Ukanti unako nokuwusebenzisa ukugxoth' imimoya emibi.
Kukho ke namany' amayeza anika uphila amandla athe kratya.
Elinye laloo mayeza yintsangu.
Ungakhathazeki!
Ndiyabona ukuba uyothuka woyike ndakuthetha ngokusebenzisa into engekho mthethweni. Kwaye ke uyabanjwa xa ufunyanwe unentsangu.
Kodwa ke abantu bakuthi nabeziny' iintlanga zehlabathi bayazi ukuba intsangu yayisetyenziswa ekunyangeni kwakudala. Kwenziwa neenzame ehlabathini zokuba intsangu ibesemthethweni.
Kaloku yona ayinabungozi njengemandrax okanye icoccaine.
Kubalulekile ke ukuba nenkathalo nokungayi ngamandla xa uyisebenzisa njengalo naliphi na iyeza.
Nekhathazo ( ile soko ngesiSuthu), nomhlonyane (ilengana ngesiSuthu) zingasetyenziswa ukongeza amandla kaphila xa ungathandi ukusebenzis' intsangu.
Wadibanise la mayeza uze uwabilise ngamanzi ayilitha imizuzu esixhenxe.
Usela isiqingatha seglasi yeli yeza lifudumele rhoqo ngemini.
Eli yeza liya kuthomalalisa ukukhohlela nokuqhawukelwa ngumphefumlo ebantwini abanombefu.
Lisele nobusi xa ukukhohlela nokuqhawukelwa ngumphefumlo kukuhlasele ngamandla.
Xa unomkhuhlane kobu busika, unako ukulisebenzisa eli yeza.
Xa ulenza bilisa amanzi ngeketile ugalele eli yeza uze ufuthe ngawo imizuzu eli-10 ngaphambi kokuba ungene ezingubeni ezishushu.
Ukhumbule ukuba la matile-tile ngawokuzama nje ukuthomalalisa iimpawu zombefu. Xa kungabikho bubhetele okanye isiya ibamandundu imeko yakho yiya kwagqirha. [x]
34 BONA XHOSA - April 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Amandla kaphila
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
