xhoza.847.jabu
Intshatsheli yenkcubeko
Lala ngoxolo, Jabu!
kubhale uFORCE KHASHANE
kufote uNOMPUMELELO NGCOBO
UBEYIMVUMI enomahluko yaye eyindoda engathabathekiyo yifashoni. Eziny' iimvumi ziyathabatheka yinkcubeko yaseMelika, udumo nemali. Akukho tyheneba ngezi zinto kodwa zingasisihlava esibi zitshabalalise iingcambu zakho ugqibele ungazazi ukuba ungubani.
UJabu Khanyile uncamathele de kwasekupheleni kwinkcubeko yakhe.
Le mvumi yaduma ngomculo wayo wesintu onesingqi saseAfrika yaye nasemizini yayo yale mihla inezinto zesintu. Umzi wakhe oseDobsonville ubewubiza ngokuba "likhay' elikhulu," gama elo elithetha umzi ekwenzelwa kuwo amasiko.
Kuwo kukho indlu eyodwa apho uJabu ubeenxibelelana khona nezinyanya zakhe. Le mvumi ebicula kumazwe ngamazwe ehlabathi neyakhe yaculela ubukumkani baseBritane ibikholelwa ekubeni impumelelo yayo iziintsikelelo zezinyanya zayo.
Ikhay' elikhulu ke ngumzi womfazi wakhe wokuqala ahlala kuwo nabantwana babo ababini nomzukulwana. Umfazi wakhe wesibini uhlala komnye umzi nabantwana babo ababini nomtshana wabo.
UJabu obesoloko ephethe itshoba lamagqirha xa ecula yaye zonke izinto anazo ebezibiza ngamagama esintu. Iimoto zakhe ubesithi ziinkomo zakhe.
Xa besibhala eli nqaku ngale mvumi nosapho lwayo, umfazi wayo wokuqala uDaphney usixelele ukuba wayephangela ngaphambi kokuba atshate noJabu.
"Wandiyekisa ukuphangela kuba esithi abafazi bakwaKhanyile bahlala emakhaya bakhathalele usapho lwabo," utshilo. Lolunye uphawu lokuthanda kwakhe izinto zakwantu.
UDaphney usixelele ukuba uJabu ubebafekethisa abafazi bakhe. "Ubenesiphiwo esisodwa ekuphatheni kakuhle ibhinqa," utshilo.
Ubesonwabisa kakhulu xa kukho obhiyozel' umhla wakhe wokuzalwa. "UJabu ubezithand' izinto ezintle nabethanda ukwabelana ngazo nosapho lwakhe," utshilo uDaphney.
Umfazi wakhe wesibini uKhululiwe uthe uJabu ubethand' ukutya kwesintu - njengentloko yegusha okanye yebhokhwe ephekwe kamnandi.
Bayangqinelana abafazi bakhe bobabini ngelithi ukuba wayezenzela umyeni wabo ngaba ubengazinxibi tu izihlangu.
"Ubengakuthandi ukunxiba izihlangu yaye bekufuneka ndimnyanzele xa sisiya emsithweni ekufuneka anxibe isuti kuwo," utshilo uKhululiwe.
Umfazi wakhe wokuqala wongeze ngelithi: "Endaweni yezihlangu ubekhetha ukunxiba iiteki nezihlangu ezivulekileyo xa ecula eqongeni."
UJabu ubesitsho ukuba akazithandi izihlangu. "Xa ndisekhaya ndiyakhululeka yaye ndoneliseke kuphela xa ndinganxibanga zihlangu."
Kungekudala kuza kubakho imvumi kwakhona kwaKhanyile.
Lowo ke ngunyana kaJabu, uAnele oneminyaka esibhozo okhangeleka eza kulandela ekhondweni likayise.
UKhululiwe ongunina kaAnele uthi ubonakala enetalente yokwenene emculweni. "Sele eqamba iingoma yaye uyakuthanda ukujuxuza. Nimjonge," utshilo uKhululiwe.
UJabu wakhulela kwilokishi yaseDlamini eSoweto ekhuliswa ngumakazi wakhe waza kamva wayohlala kwilokishi yaseMofolo nonina womny' umtshato.
Waqala ukucula apho eMofolo ngo-1974. Xa ndandidlan' indlebe naye wandixelela ukuba icwecwe elithi Mbombela alicula neqela leAfro-pop iBayete laluvuselel' uthando lwakhe lomculo.
Mhlawumbi kungamfanela uJabu Khanyile ukumbiza ngentshatsheli yokwenene yenkcubeko yethu.
Lala ngoxolo! [x]
BONA XHOSA - January 2007
Sikhumbula imvumi engasekhoyo uJabu Khanyile...
NGASENTLA: UJabu ephethe umzukulwana wakhe, uLesedi.
EKUNENE: UJabu Khanyile egumbini elilungiselelwe ukunxibelelana nezinyanya.
NGASENTLA EKUNENE: UJabu emi ngaphandle komnye wemizi yakhe.
KUDE EKUNENE: UJabu nenye "yeenkomo" zakhe.
NGASENTLA: "Ubekwazi ukuphath' ibhinqa," utsho uDaphney, umfazi omkhulu kaJabu.
NGASENTLA: UKhululiwe, ongumfazi wesibini kaJabu.
BONA XHOSA - January 2007
