xhosa.842.dead
Lumka ungenziwa impundulu!
Uvuke
ekufeni
Abantu abawembi amangcwaba abo kodwa uKhayalethu Duna walimba elakhe - yaye usibalisele ibali elibuhlungu
kubhale uNTOMBOXOLO MAKOBA
USAPHO lwakhe nabahlobo bakholwa ukuba ngenene watshayiswa yimoto wasweleka eKhayelitsha eKapa ngomhla wama-29 kuAprili walo nyaka. Nomzimba wakhe wafaniswa kumzi wabangcwabi karhulumente oseTygerberg emva kosuku eswelekile.
Wangcwatyelwa ekhayeni lakhe elikwilali yaseMount Fletcher eMpuma Koloni ngowama-21 kuMeyi.
Khaucinge umothuko, uloyiko, ukubhideka nokukhwankqiswa ababanako xa bembona esithi gqi uKhayalethu Duna onama-26 eminyaka ubudala futhi engumqaba-qaba ngomhla we-17 kuJuni.
Wayenga nguLazaro yaye loo nto yenza abamelwane babaz' iindlebe befun' ukuva ukuba ngaba kuqhubeka ntoni na. Wonk' umntu, nkqu noKhayalethu wayekholelwa ekubeni ube lixhoba lobugqwirha.
Wayephi ixesha eli lonke ekubeni abantu babecing' ukuba "wasweleka wangcwatywa""
UKHAYALETHU akayikhumbuli into eyenzeka kwixesha eliphakathi kokufa kwakhe nokuvela kwakhona.
Uthi waya kudederhu lweevenkile eKhayelitsha ehamba nomzala wakhe uSibongile Tom ngowama-29 kuAprili - umhla afa ngawo engozini yemoto.
USibongile uthi, "Ndathi xa ndiphuma evenkileni ndijong' uKhayalethu andambona.
Wamfun' imini yonke. Wagoduka wayoxela ekhaya.
UKhayalethu uthi lo gama elinde uSibongile waziva edinwe kakhulu.
"Ndebiwa bubuthongo ndisahleli apho. Andazi ukuba kwenzeka ntoni ke emva koko kuba ndavuka sele ndisemahlathini kodwa ndaziva ndikhululekile.
"Azange ndikucinge ukugoduka," utshilo.
Wazibandakanya nabantu ababeqokelela bathengise iintsimbi.
WAPHILA ngolo hlobo de wabonwa ngomhla we-17 kuJuni ngumhlobo wakhe uMpumelelo Damane.
"Ndathi xa ndigqitha ndabon' umntu ofana noKhayalethu ndaza ndajika ndamjongisisa.
"Yayinguye ncakasana! Azange ndikholwe. Ndandisithi ndiyaphupha. Ndathi makangene emotweni sigoduke," kutsho uMpumelelo.
Wala ngelithi ubebatyelele abazali bakhe yaye wayesiya kudibana nomntu malunga nomsebenzi.
"Wabaleka wangena ehlathini," kutsho uMpumelelo.
Indoda eyayihamba naye yamxelela uMpumelelo apho ahlala khona.
"Ndaya kuloKhayalethu ndabaxelela ngesi simanga. Akukho mntu wandikholwayo kodwa bahamba nam sisiya apho ahlala khona saza samfumana apho emahlathini," kutsho uMpumelelo..
"Zajik' izinto," kutsho uyisekazi kaKhayalethu uKoko Duna owayehlala naye ngaphambi kokuba "asweleke."
Wavuyiswa kukubona usapho lwakhe kodwa wothuka xa esiva ukuba wasweleka wangcwatywa!
"Kwafuneka ndilitshabalalis' ingcwaba ukuze ndikhululeke emoyeni," kutsho uKhayalethu.
BAGODUKA baya eMount Fletcher ngowama-24 kuJuni befun' ukubon' ukuba yintoni kanti le bayingcwabayo.
"Ndandingxamel' ukubon' ukuba ndiza kufika kukho ntoni na kweloo ngcwaba," kutsho yena.
Wathi esakuwuvul' umkhumbi wawujonga ixesha elide umzimba owawulapho.
"Ndaphoxeka ndisakubon' umzimba okwakuthiwa ngowam.
"Yayilubhityo lwendoda emnyama enempumlo etsolo nelihlo elinye - yayahluke tu kum."
Abantu belali babegaleleke ngobuninzi babo ukuza kuzibonela.
"Lo mzimba wawuzele amanxeba okuhlatywa," kutsho uKhayalethu.
Bathi abakowabo ayinguwo laa mzimba bawungcwabayo lo!
Mininzi imibuzo efun' iimpendulo lo gama abakwantsasana besaphanda ukuba ngokabani na lo mzimba.
UKhayalethu ubuyel'emsebenzini wakhe wokulungisa iifriji.
Uthi akasazi isizathu sokuviswa ubuhlungu.
"Andifundanga, andinamali mhlawumbi bafuna ukutshabalalis' ikamva lam kuba ndilikroti," utshilo eqhula.
Uthi bakho abo abarhanelayo.
"Azange baye emngcwabeni wam yaye abakwazi nkqu nokundijonga," utshilo.
Ngoku ujongene nokuyofun' isazisi kwiSebe leZekhaya.
Kuza kufuneka abe nobugqi obubodwa ukuze asifumane! [x]
AENS/WCN
BONA XHOSA - September 2006
PHEZULU: Kumbiwa ingcwaba likaKhayalethu.
NGASENTLA: UKhayalethu noyise uSixpeni Alson, unina uNoAmen bekwilali yabo iTsitsana ngaphambi nje kokuba kumbiwe ingcwaba.
NGASENTLA: UKhayalethu noMpumelelo Damane, umhlobo wakhe owambona egqitha endleleni emva kokuba "engcwatyiwe."
BONA XHOSA - September 2006
Izithunzela eAfrika
UFalaza Mathebula ongumakhwekhwetha wegqirha eMpuma Randi eJoburg ukholelwa ekubeni le nto yenzeke kuKhayalethu yimisebenzi yamagqwirha.
"Ayefun' ukumenza impundulu okanye isithunzela. Azange afe.
"La magqwirha asebenzis' ubugqi bawo ukuze kukholeleke ukuba umzimba ngokaKhayalethu.
"Ikho into eyawaphazamisayo ukuze amkhulule ahambe uKhayalethu."
USipho Obed Mndaweni ongusihlalo weGauteng Traditional Health Practitioners uyamngqibela naye.
Uthi uKhayalethu "wathwetyulwa ngamagqwirha.Azange afe."
Umntu xa ethwetyuliwe uthathwa ngamagqwirha amenze ikhoboka aze enze ngathi umntu lowo ufile ekubeni eneneni loo mntu ephila.
Umprofethi uTJ Maphosa uthi zixhaphakile izenzo zokuthwetyulwa kwabantu kweziny' iindawo zeli lizwe.
"Lo ngumceli-mngeni kumakholwa ukuba athandaze aqine abuncothule neengcambu ubugqwirha nemimoya engcolileyo," kutsho uMfundisi Wellington Solontsi. Uthi wakhulela eMpuma Koloni yaye uwaqhelile amabali okujikwa kwabantu babe ziimpundulu.
"Bendicing' ukuba seyaphela loo nto!"
lnguFORCE KHASHANE
