XHOSA.815.muthi
kubhale uFORCE KHASHANE
UBOMI bunamahla-ndinyuka. Lo gama kuliwa nokwanda kwenani lolutsha olufumana abantwana lungekakulungeli oko, kukho abantu abatshatileyo ababafuna ngamandla abantwana.
Umntwana ngamnye ocholwa elahlwe ngunina ulangazelelwa luninzi lwabantu abatshatileyo abangayiphiwanga inzala!
Ndizifumana qho iileta ezicel' uncedo kule ngxaki - ezivela ebantwini abatshatileyo abangafumani bantwana kodwa babe benayo imali yokubakhulisa. Bafun' ukwazi ukuba ngaba igqirha liyakwazi na ukunced' ibhinqa likhulelwe".
Uninzi lwabantu abatshatileyo bachith' intywenka yemali koogqirha nasemagqirheni befun' uncedo kodwa bangalufumani, ngokutsho kwenye yeeleta zabafundi.
"Ndineminyaka eli-16 nditshatile yaye iminyaka yam ingama-36. Ayikho into esingayenzanga nomyeni wam ukuzama ukufumana abantwana kodwa azange iphumelele imizamo yethu," kubhale uXK.
"Ndiye koogqirha namagqirha avunyiweyo kodwa andalufuman' uncedo."
Kubuhlungu ukufun' umntwana ube ungakwazi kumfumana. Mininzi imitshato eqhawukileyo ngenxa yale ngxaki.
Khawufunde le leta. "Ndandikhulelwe saza saphum' isisu xa ndineenyanga ezimbini. Yenzeka izihlandlo ezintathu loo nto," kubhale uAB.
"Umyeni wam umfuna ngamandl' umntwana yaye loo nto isenza singonwabi emtshatweni wethu. Akasandithandi njengakuqala yaye xa sisekhaya uhlala egumbini likanina ixesha elininzi.
"Uthi xa ephuma kuloo ndibano yakhe nonina aphume engatyhilekanga ebusweni. Eny' into ayenzayo ngoku uyinik' unina imali yakhe!
"Ngunina otheng' ukutya kwasendlwini. Bakwandityhola ngokukhuph' izisu."
Into enik' umdla ke kukuba kumakhulu-khulu eeleta endizifumene kubantu abangenabantwana inye kuphela ebinoluvo lokuthath' umntwana ongengowabo bazikhulisele bona.
Baninzi abantwana abagcinwe kumakhaya alungiselelwe oko. Akuyonto engalunganga kumaAfrika ukugcin' umntwana koko yinto uluntu lwakuthi olungayiqhelanga.
Into esiyiqhelileyo thina yeyokuba kutshate abantu abanabantwana basemacaleni baze babakhulise kunye abo bantwana.
NgesiTswana kuthiwa "e gapiwa le dinamane tsa yone" - nto leyo ithetha ukuthi umntu umtshata nabantwana bakhe.
Singabacebisa ngelithini abantu abafun' abantwana kodwa bengenayo inzala" Jonga ezi zinto zilandelayo...
lKubalulekile ukuba baxilongwe bobabini abantu abatshatileyo xa kuhlolwa unobangela wokungafumani kwabo abantwana.
Abanye bacing' ukuba amayeza amagqirha okanye awoogqirha aza kubanceda. Abalulekile la mayeza kodwa ikho eminy' imiba efun' ukuqwalaselwa.
lNgokwendalo kufuneka sikhulisele abantwana bethu endaweni enempilo nebalungeleyo. Kaloku abantwana bafuza abazali neziny' izalamane zabo. Iimpazamo nobubi esibenzayo bubuyela kuthi - njengokungakhathaleli umntwana wakho owamfumana komny' umntu.
lKufuneka sijonge nokuba zonk' iimfuneko zesiko lelobola zenziwe ngokukuko na.
lAkufuneki kuthathw' icala xa kuphandwa unobangela wokungafumani bantwana kwisibini esitshatileyo - njengoko uninzi luye lucing' ukuba ingxaki ilele kwibhinqa! Namadoda aba nayo ingxaki yokungafumani bantwana!
lAbafazi abaneengxaki zokuy' exesheni kufuneka banyangwe ngomathunga.
lNesilumo kufuneka sinyangwe ngamayeza.
lAmadoda anembewu embalwa kufuneka anyangwe ngebhangalala.
lXa omnye wabantu abatshatileyo enesifo esosulela ngesondo mabafuman' unyango bobabini.
Okokugqibela bobabini abantu abatshatileyo mabalandel' imiyalelo yegqirha labo xa benikwe iyeza lokunceda ukhulelwe.
Xa yonke le mizamo ingalungi kubhetele nigcine umntwana. Baninzi kakhulu abantwana abafun' uthando lwabazali phandl' apha! [x]
34 BONA XHOSA - May 2006
Sithetha ngamayeza esintu
Ndifun' umntwana!
Bhalela uForce ngemibuzo yakho ngamayeza esintu kule dilesi:
Talking Muthi, Box 473014, Parklands, 2121 okanye uthumele i-e-mail ku-forcek@caxton.co.za
