xhosa.812.parent
ezobuzali
BONA XHOSA - March 2008
ABAZALI mababe nexesha lokuvuselel' uthando lwabo kule nyanga yothando. Nazi iindlela zokufaka nothando ekuxakekeni kwenu...
Zikhupheni ngorhatya. Zikhuphe neqabane kuphela lakho niye kubukela iifilim okanye niye kutya kwivenkile yokutya! Ningacela umntu enimthembileyo anigcinele umntwana xa nisazikhuphile.
Hlalani ekhaya. Zininzi iindlela zokonwabela uthando lwenu ekhaya njengokutya idinala ndawonye sebelele abantwana. Nkqu neglasi yewayini okanye ukubukela iDVD emnandi kungenza ubusuku obungenamndla bube bubusuku bothando.
Zikhupheni emini. Chithani imini yonke nizikhuphile. Nisazikhumbula izinto enanizenza neendawo enanisiya kuzo ningekabi nabantwana? Bekani imini ethile niphinde nizityelele nibuyise iinkumbulo.
Bonisa iimvakalelo zakho. Cinga ngeqabane lakho xa usenza imisebenzi yakho. Thengelanani izipho ezincinane. Yithi "Ndiyakuthanda" kwiqabane lakho kaninzi njengoko usitsho nasebantwaneni. Abantwana bafunda kubazali babo ukubonakalisa iimvakalelo zabo, nokuba zezothando, uvuyo, umsindo okanye usizi.
Ukubutha. Celani abahlobo bazobutha nani. Oko kuya kunenza nikhululeke yaye nibe nothando, ningaziboni ningabazali abakhulis' abantwana.
Lixesha lothando
Xa ungumzali ubomi bakho buxhomekeka kakhulu ebantwaneni bakho, ingakumbi xa beselula. Awunalo ixesha lakho nelothando,kodwa libalulekile ukuze uthando lungafi...
Okoomama nootata...
Ungamcela bani?
Cela abahlobo, okanye izihlobo ukuba zikujongele abantwana okwethutyana.Ukuba uqesha umncendisi wethutyana qiniseka ukuba unawo amava okugcina abantwana abangangabakho. Ukuba unaye umntu oncedisayo kodwa akalali, mcele ukuba ahlale iiyurana ezimbalwa ngobubusuku. Ukuba uwenzile la malungiselelo uyakubonwabela obu busuku ngaphandle koku xhalaba.
Vana nesisu sakho
(nokwenza u-24 abe yinombolo ebalulekileyo)
UBUSAZI NA: Ukuba emva kweeveki ezingama-24 usana olukhulelweyo luyaliva ilizwi lakho kwaye luya kulikhumbula emva kokubelekwa - ngoko ungonqeni ukucula xa uhlamb' izitya okanye upheka isopholo. Ukho umntu okumameleyo!
UBUSAZI NA: Ukususela kwiiveki ezingama-24 usana olukhulelweyo luyavuka xa uphatha isisu. Eziny' iintsana ziyathozama zikonwabele oko, ukanti ezinye ziyakhaba zifuna uve ukuba ziyaphila. UBUSAZI NA: Lubasele lunayo imithambo-luvo yokuva incasa usana emva kweeveki ezingama-24 kwaye luyaziva iincasa ezahlukeneyo kwi-amniotic fluid. Eli lixesha lokuba utye izinto ezahlukeneyo ukuze luve iincasa ezahlukeneyo. Uphando lubonisa ukuba akubamdala umntwana uya kuthanda ukutya okuthandwa nguwe.
Mfundise oonobumba
Ukunceda umntwana wakho afunde...
UKUFUNDA kusenokuba yinto umntwana ayiqala akungen' esikolweni, kodwa kungamnceda kakhulu ukuqala eselula ukumfundela iincwadi kuba oko kumfundisa amagama noonobumba.
Xa umntwana usoloko umfundela amabali, umbalisela iintsomi, umbonisa iifoto nemizobo oko kuyamnceda afunde ulwimi neziny' izinto ngokufunda aze asithande isikolo.
Kufuneka kuqala afunde oonobumba, ngoko nantsi "imidlalo" engamkhuthaza akwazi ukufunda ukususela ku-ABC...
Imizi yethu ayimikhulwanga yonke, kwaye abantwana bayazazi izinto ezikuyo. Yithi umntwana makakhethe unobumba, uze ujikeleze naye ekhaya nifuna izinto ezinamagama aqala ngaloo nobumba.
Umntwana wakho ufanele akwazi ukubona izinto nithethe nangazo. Ukwazi ukuchaza into kuya kumnceda xa ebhal' izincoko esikolweni.
KwiBONA ningafumana oonobumba abaninzi. Nika umntwana imagazini ayityhila-tyhile aze akhethe unobumba (mhlawumbi okwisihloko sebali kuba umkhulu yaye ucacile). Ngoku yithi umntwana makatsho izinto ezinamagama aqala ngaloo nobumba. Umzekelo xa ekhethe uS, yithi makatsho izinto eziqala ngo-S...
Xa niye elwandle, yithi makabhale oonobumba entlabathini. Abantwana abadala bamabhale amagama.
Qaphela: Abantwana abaselula abakwazi ukumilisel' ingqondo ithuba elide, ngoko ukuze akonwabele ukufunda, mfundise imizuzu eli-10 ngexesha. Ukumncoma emva komdlalo ngamnye kuza kumenza akhuthalele ukuwudlala kwakhona!
BONA XHOSA - March 2008
liqulunqwe nguTHANDI NXUMALO
u
t
ezobuzali
Ingxaki yokuchama komntwana elele
NANGONA uninzi lwabantwana befundiswa beselula ukuyochama kwaye bekwazi nokuzivukela bayochama ebusuku, bakho abangakwaziyo ukuvuka baze bachamele umandlalo. Kuyaqondakala ukucinga ngale ngxaki...
Abantwana abaselula abakwazi ukuwulawula umchamo, yiloo nto kufuneka bafakwe amalweyile. Bakukhula bafunda ukuchamela epowini bafunde nokuziva xa benomchamo. Oko kungaba lula emini kodwa kuyingxaki xa belele.
Ukuchama komntwana elele akuyongulo, kulinqanaba nje lokukhula. Abany' abantwana bafunda ngokukhawuleza kunabanye ukuziva xa benomchamo belele.
Abantwana abaneminyaka efikelela kwemithandathu bachama belele kuba bengaziva ukuba banomchamo.
Iingcali zithi ukudandatheka kungamenza nomntwana obengasachami xa elele aqale ukuchama kwakhona.
Ngoko xa umntwana wakho eqala ukuchama kwakhona yazi ukuba baliqela oonobangela baloo nto. Kunokwenzeka kukho into angayithandiyo njengokuya esikolweni. Ukuhamba okanye ukukhumbula umntu obemthanda, njengomgcini wakhe okanye isalamane.
Indlela yokumnceda
Ungamngxolisi xa ezichamele okanye echamele ibhedi, oko kuya kumenza axhalabe ngakumbi. Mkhuthaze ukuba angaphindi azichamele.
Mlalise enxibe ilweyile umntwana.
Amakhwenkwe afunda kade ukuchamela epowini kunamantombazana.
Umatrasi wukhave ngento engangenwa ngamanzi ukuze ungamanziswa ngumchamo unqande nevumba elibi endlwini.
Ngaphezulu...
Yiba nomonde! Uza kuyeka ukucham' elele umntwana ngokuya ekhula.
BONA XHOSA - March 2008
Ungazi njani xa umntwana wakho exhatshazwa?
ABANTWANA ngabona basoloko bengamaxhoba alula okuxhatshazwa ehlabathini, ngoko luxanduva lwakho ukuqinisekisa ukuba bakhuselekile. Oku kungaba ngumsebenzi onzima kuba abantwana abaxhatshazwa ngabantu abangabaziyo kuphela, baxhatshazwa nangabantu abasondeleyo kubo.
Ukubetha umntwana kululwaphulo-mthetho. Nokuba uthi uyamqeqesha na, akwamkelekanga ngomthetho weSouth African Children's Act. Usana ungalwenzakalisa ingqondo ngokuludlikidla ukanti umntwana angafa ngenxa yokubethwa.
Ukukhusela abantwana bakho naboluntu lwangakowenu, fowunela isikhululo samapolisa okanye iklinikhi xa kukho umntwana omaziyo oxhatshazwayo. Ungafowunela iSAPS ku-10111, okanye iChildline ku-0800-055-555.
Xelela nabantwana apho bangafumana khona uncedo xa belufuna, ubaxelele nezi nombolo nendlela yokuzisebenzisa.[x]
Ookomama nootata...
Ukuchama komntwana elele libakala lokukhula abazali abaninzi abanga abantwana babo bangalitsiba, kodwa alifanelanga libe yingxaki...
