xhosa.772.yourstories_rape_2
Wadlwengulwa
emsebenzini
UBOMI BENENE
Yaqala intlungu yeli bhinqa emva kokudlwe-
ngulwa yindoda elaliphangela nayo
UMPHO (asilogama lakhe lokwenene) libhinqa elitshatileyo elinabantwana abathathu nelinama-27 eminyaka. Wavuya kakhulu akufumana umsebenzi ekwakukudala ewufuna. "Ndavuyiswa kukuwufumana sekusondele iKrismesi. Ndaqonda ukuba uza kundinceda ndithengele abantwana bam izipho zeKrismesi," utsho. Wazixelela ukuba ithamsanqa lingecala lakhe ekugqibeleni, kanti ukhe phantsi isitya sigcwele.
Nali ibali lakhe alibalisele uSamantha Kambule weBONA:
NDALILA iinyembezi zovuyo emva kokufumana umsebenzi wokuba ngunogada ngo-Oktobha wanyakenye. Ingcingane yokuqala endabanayo yeyokuba ndiwufumene kakuhle sekusondele iKrismesi, ngoko uza kundinceda ndikwazi ukuthengel' abantwana bam izipho zeKrismesi.
Kaloku ndandineminyak' emibini ndingafumani msebenzi, ngoko ndandibona ithamsanqa lide langecala lam.
Ndandingazi ukuba ndikhe phantsi isitya sigcwele!
Ngeny' imini ndaya emsebenzini njengesiqhelo. Ndabizwa yindoda endandiphangela nayo endiza kuyibiza ngo-"Musa," (akulogama lakhe lokwenene) - yathi masihambe. Andizange ndirhanele nto kuba sasiqhelile ukujikeleza isakhiwo esisigadileyo sobabini.
Kodwa ngaloo mini akuzange kwenzeke njengesiqhelo. Sathi xa singena kwelinye igumbi lokugcin' iimpahla ndeva kukho umntu ondibamba ngasemva.
Ndaqala ndacinga ukuba siyahlaselwa kanti nguMusa lowo wayendibamba.
Walinda ukuba ndingene kuqala kwelo gumbi, waza wandibamba.
Wandigrogrisa ngemela owayibeka emqaleni wam. Wathi mandikhulule. Ndabona ukuba uza kundibulala, ndaza ndakhulula njengokuba wayesitsho. Wathi mandilale phezu kwamakhadibhodi - wandidlwengula.
Wagqiba wandishiya ndilele apho, ndingayikholelwa into eyenzekileyo. Kaloku ndandineeveki ezimbalwa ndiphangela naye, kwaye ndandimbona eyindoda elungileyo!
Ndandothukile, ndisopha nokopha. Wayendivise ubuhlungu, ndizibuza nokuba angayenza njani into enjalo!
Kodwa ndakhawuleza ndafumanisa ukuba oko kuncinane kunentlungu endandiseza kudibana nayo.
Ndaxelel' umphathi wethu ngokukhawuleza ngokudlwengulwa kwam.
Ndandicing' ukuba ndenza okufanelekileyo ngokumxelela. Wathi mandingathethi ngaloo nto kuba iza kungcolis' igama lenkampani.
Wabuza nokuba yintoni endenza ndibe nomsindo kuba bendingaqali nje ukulala nendoda. Wabuza nokuba uMusa ubeyifakile na ikhondom ndavuma ukuba ubeyifakile.
"Kubhetele nje kuba akabekanga ubomi bakho engozini yezifo," watsho umphathi wethu.
Watsho nokuba yena usafuna sisebenze kwishifti enye noMusa.
Ngemin' elandelayo ndaya kwii-ofisi ezinkulu zenkampani ukuya kuthetha nomnye umphathi. Loo mphathi wayelibhinqa, ngoko ndandicinga ukuba uza kuyiqonda intlungu yam. Kodwa naye watsho into efanayo.
Wathi mandingakhathazeki ngokwenzekileyo. Yinto "eqhelekileyo ukuthandana" kwabasebenzi.
Ndamxelela ukuba ndidlwengulwe, besingathandani, akandiphulaphula.
Wathi ukumangala emapoliseni kuya kungcolis' igama lenkampani ngoko mandithule nayo into eyenzekileyo.
Wathi ndiya kugxothwa xa ndikhe ndamangala emapoliseni. Kwaba ngathi kubo okwenzeke kum bekuyimpazamo yam.
Yonk' imihla ndandidibana nomdlwenguli wam kufuneka ndenze ngathi akwenzekanga nto.
NgoFebruwari wazama ukundidlwengula kwakhona.
Ndaphuncula ngaloo mini ndabiz' amapolisa, afika amvalela uMusa.
Ndeva ngathi kususwe umthwalo emagxeni am. Ndandingasazithembi kwaye ukumbona uMusa yonk' imihla kwakusenza kubengathi undidlwengula yonk' imihla.
Abaqeshi bam bandiyekisa emsebenzini emva koko bandigxotha njengoko babetshilo.
Emva kweentsuku ezimbalwa amapolisa athi ityala lam lichithiwe kuba abantu basemsebenzini bathe besithandana noMusa!
Mna ndandonwabile emtshatweni wam - ngoko ndandingathandana kanjani neny' indoda?
Nangoku andilali buhlayo kuba umdlwenguli wam ungaphandle kwentolongo - kwaye usaphangela!
Umyeni wam uyandixhasa, kodwa akanako ukuphelisa intlungu endiyivayo.
Sihlala ematyotyombeni kwaye kwanyanzeleka ukuba abantwana sibaphindise eLimpopo kuba asinawo amandla okuhlala nabo eJoburg - ngoko nabo babe ngamaxhoba okwenzeke kum.
Andisakonwabeli ukuba nendibano yesondo nomyeni wam, kwaye ndinamaxesha okucinga ngokuzibulala. Mhlawumbi oko kuya kubenza abantu bakholwe ukuba ndadlwengulwa.
Andazi ukuba mandithini. Ndicel' icebo. [x]
Umfoti: Jan Right
Ngoku uMpho akaphangeli yaye unamaxesha okucinga ukuzibulala.
Uku-mbona yonk' imihla kwaku-senza kube-ngathi undi-dlwe-ngula yonk' imihla
