xhosa.770.yourman_fashion
Tshintsha ukunxiba
USTHEMBISO Sangweni (26) ongumncedisi wase-ofisini kwicandelo lentengiso lenkampani ethile udla ngokuphuma aye kuqinisekisa ukuba imisitho abayenzayo ihamba kakuhle. Uthanda ukunxiba iiteki, ijin nezkipha.
Ngaphambili
IFASHONI YAMADODA
1. Idyasi ende
Iidyasi ezinde ziyanxibeka nokuba usemsebenzini okanye awukho emsebenzini. Khetha engafanelwa lixesha elithile emnyama, egreyi, ebheyiji nenevi. Ungayinxibi neminqwazi evulekileyo ukuze ungabi ngathi ungumgulukudu.
2. I-ondulubhatyi
I-ondulubhatyi ayinxitywa kwimisitho yangokuhlwa nasemitshatweni kuphela. Yenza isidima ukanti iyakufanela naxa uyinxibe nejin.
3. Umbala
Umbala ogreyi mhle xa ufuna ukutshintsha kwimibala eqhelekileyo yomnyama nonevi. Ugreyi ungamnxiba nemibala ongenakuyinxiba nobhlu okanye omnyama.
IIMPAHLA
USthembiso unxibe: Ihempe enemigca emnyama negreyi (R250), Markhams;
i-ondulubhatyi emnyama neqhina (ixabiso uyalibuza), Roberto Sistina at John Craig; ibhulukhwe (R350), Markhams; idyasi ende (R550), Markhams; izihlangu ezimnyama (R1 790), Europa Art Shoes.
Udikiwe yindlela onxiba ngayo" Ufun' ukutshintsha" Nasi isikhokelo sokutshintsha indlela onxiba ngayo
KAMVA
Ngaphambili
SIMFUMENE u-Isaac Nyathi (46) ephangela njengomncedisi kwinkampani eshicilela iimagazini namaphepha-ndaba. Emsebenzini unxiba iimpahla zokusebenza, kodwa uvumile ukuba uyazinxiba naxa esekhaya ngempela-veki.
Umnxibisi: Lethu Nxumalo
Umfoti: Peter Whitfield
(Sizifumene ku: www. men.style.com; www.mensflair.com. )
IIVENKILE: Markhams: 021-938-1911 John Craig: 0800-116-009 Europa Art Shoes: 011-883-5354
1. Iskhafu
Iskhafu songeza umbala kwimibala engaqaqambanga yasebusika. Kodwa siyakufudumeza yaye songeza nomfaneleko wefashoni. Xa usonqena ukubonwa ngathi unxibe okwenenekazi, khetha iskhafu esinombala ongqongqo esingahonjiswanga.
2. Isuti emnyama
Isuti emnyama ithi unxibele ukuphumelela. Eyodidi ke ingaxhoma ngexabiso, kuxhomekeke nasekubeni uyithengaphi, kodwa awuyikhaleli imali yakho kuba ungayinxiba naphi na. Isuti emnyama iyakuvumela uyinxibe nokuba nehempe embala unjani.
3. Ibhegi
Asingawo onke amadoda athanda ukuphatha ibhegi, kodwa ingongeza istayile xa uphethe ekufanelayo. Xa uneentloni ungangayiphathi yonk' imihla - ungayiphatha xa utyelela umntu wakho okanye abahlobo. Ibhegi emnyama yeyona ikulungeleyo xa ufuna ingaqatshelwa ngabantu.
4. Izihlangu
Indoda ephangelayo kufuneka ibenazo izihlangu zofele zokuswenka ezinemitya. Ungazinxiba emsebenzini, xa usiya kudliwano-ndlebe, emitshatweni nasecaweni. Xa uzinxiba yonk' imihla izihlangu yaye uhamb' umgam' omde, thenga ezinesoli yerabha. Ungacela nevenkile ethung' izihlangu ikufakele isoli yerabha xa zingenayo.
IIMPAHLA
U-Isaac unxibe: Iskhafu esibhlu (R99), Markhams; ihempe enemigca emnyama nesilvere (R299), Markhams; isuti emnyama (R1 599), Pierre Cardin at John Craig; isihlangu esimnyama (ixabiso uyalicela), Polo at John Craig; ibhegi emnyama (R299), Markhams.[x]
KAMVA
