xhosa.765.health
Ezempilo
BONA XHOSA - July 2006
Inzolo emakhaya
Ingxabano yabazali iyabachaphazela abantwana - nokuba belele, luvelise oko uphando lweengcali zophando zaseMelika.
Abantwana abanabazali abaxabanayo balala njengabanye kodwa bona baphaphama qho.
Abakwazi ukumilisel' ingqondo, izinto abazenzi ngokukuko - kwaye baba neengxaki nasesikolweni.
INYANISO:
Ulusu lomntu omdala lunobunzima
obuyi-15kg.
Qeqesha ingqondo
Iingcali zophando zaseInstitute of Neuroscience eDublin zithi ungayiqeqesh' ingqondo yakho isebenze kakuhle. Amavolontiya abo aphucul' ingqondo yawo ngeminyaka eli-14 emva nje kwezifundo ezili-10. Nazi izinto ezingakunceda:
Hlamba kwishawa uvale amehlo.
Funda ngentloko iinombolo zomnxeba.
Xubha ngesandla sasekhohlo xa usebenzisa esasekunene (okanye ngesasekunene xa usebenzisa esasekhohlo).
INYANISO:
Amabhinqa atshatileyo abhitya lula kunalawo angatshatanga.
Zigcine uphilile ngamacebiso
kaPatricia McCracken
IZIHLUNU
Libala ngeengxelo ezithi izihlunu zakhiwa kukutya iiproteni kakhulu - ukutya ukutya okunye nako kuyawomelez' umzimba xa uziqeqesha. Yenz' izinto zibe lula ngokuzolula phambi kokuziqeqesha nokutya ukutya okuneeproteni uze usele iziselo ezineecarbohydrate.
Izihlunu zakhiwa kakuhle yinyama ebhityileyo ene-ayoni, iimveliso zobisi ezingenamafutha, iziqhamo, iwholewheat bread ne-unsaturated fat efumaneka kwi-vegetable oil.[x]
Umhlaza wesibeleko
Maxa wambi uthi xa ubon' amanani obungozi bempilo ubone ngathi ubomi nokufa zizinto ezoyikisayo - kodwa ungaziguqula ezi mbono zakho ngovavanyo olulula, kuphawula uGqr Beverley Cowper oyingqonyela yezonyango kwaMerck, Sharp & Dohme. Nanga la manani athetha ngawo:
lUmhlaza wesibeleko ngumhlaza wesibini oxhaphakileyo kwihlabathi yaye uhlasela isiqingatha sesigidi samabhinqa.
lKumabhinqa afunyaniswe enalo mhlaza angaphaya kwesiqingatha afayo kuba efunyaniswe sekukudala - umntu angasinda xa umhlaza ubonwe waza wanyangwa kusekwangoko.
lWonk' umntu ozibandakanyayo nesondo usebungozini kuba kwihlabathi jikelele umntu omnye kwabali-10 - amadoda namabhinqa - bachatshazelwa yintsholongwane engunobangela womhlaza ekuthiwa yihuman papilloma virus.
Kufuneka amabhinqa axilongwe izibeleko afuman' unyango. Ichiza lonyango lisavavanywa kwaye lingasindis' abantu abaninzi.
ifoto yeyakwaGREAT STOCK!
BONA - August 2005
