xhosa.763.yourlifeguide_legal
WAZI AMALUNGELO AKHO
Kule nyanga: ukwamkela isivumelwano
UKUSUSWA EMSEBENZINI NGEQHINGA
Ndafaka isicelo somsebenzi kwindawo yabucala egcina izilwanyana ndaze ndawufumana. Ndiye ndasamkela nge-e-mail isivumelwano kodwa kamva ndifumanise ukuba asifikanga ndaze ndathumela kwakhona.
I-e-mail yalibaziseka omnye wabaphathi wathumela iSMS ebuza ukuba kutheni ndingaphenduli. Ndaphendula ngeSMS ndisithi ndiphendule ndaze ndayiphinda impendulo kwakule SMS.
Ngoku le nkampani indixelela ukuba ayizange iyifumane i-email yam kwaye umsebenzi awamkelwa ngeSMS. Bawunike omnye umntu umsebenzi wam.
Ndikholelwa ukuba lo ibisele ingumsebenzi wam. Ndicela uncedo.
IINGCEBISO ZESCORPION
Le ndlela benze ngayo ayilunganga - iyaphikisana nezivumelwano kunye noMthetho wezabaSebenzi weli loMzantsi Afrika - ekuthetha ukuba umthetho ungecala lakho.
Unganikwa okanye wamkele umsebenzi ngentetho okanye ngokubhala. Isivumelwano esibhaliweyo silula kuba bubungqina obuphathekayo. Isivumelwano sentetho kunzima ukusingqina kuba sifuna umntu wesithathu oligqina. Kodwa loo nto ayithethi kuthi asisebenzi siyafana nesibhaliweyo.
INkundla yezaBasebenzi ibisandula kucelwa ukuba ithathe isigqibo malunga nokuba isivumelwano esenziwe ngeSMS sivumelekile na. Kwaye impendulo yathi ewe, unako ukusenza isivumelwano ngeSMS. Inkundla ingxininisa kwelithi akwenzi mehluko ukuba umyalezo okanye umbhalo ubhalwe kwizinto zombane okanye usephepheni, ngokwasemthethweni kuyafana.
Umthetho uthi isivumelwano kuxa kukho onikayo aze omnye amkele. Nazi izinto ezifunekayo xa usenza isivumelwano:
Kufuneka ubeneminyaka engama-21 ubudala okanye ngaphezulu ubesemthethweni wokuba ungenza isivumelwano?
Nobabini nibesezingqondweni?
Kube kukho imali ekuvunyelwane ngayo?
Zingakho nezinye izinto ezifunekayo kodwa ezi zingentla ziya kukhanyisela kancinane.
Inyathelo elilandelayo kukudibana negqwetha eliza kukubhalela ileta yesigunyaziso. Isimangalo sakho singasihle ngakumbi ukuba ungabonisa igqwetha iSMS ne-e-mail ozithumelele inkampani.
Ungaliphumelela eli tyala, ngoko khawuleza uthath' isinyathelo. [x]
AMANDL' OMTHETHO
Ngcina loo maphepha
Kuhle ukugcina yonke imiyalezo oyithumeleyo noyithunyelelweyo ngezinto zombane. Oku kungakunceda xa ufuna ubungqina ukuba kukho ingxwabangxwaba evelayo. Kukwayinto entle ukuprinta ii-e-mail ezibalulekileyo uzigcine kakuhle.
ABAFOTIWEYO BAYALINGANISA
Thumela ingxaki yakho yomthetho ku -BONA Legal Advice, Box 473014, Parklands, 2121 - uya kufumana ithuba lokuxoxa negqwetha imizuzu engama- 30 ngaphandle kokuhlawula, kwi-ofisi zalo naphi na kweli okanye emnxebeni.
Sizamile ukuqinisekisa ukuba ufumana iingcebiso ezizizo. Kodwa ityala netyala lifuna ukuphandisiswa kwaye abeScorpion Legal Protection (Pty) Ltd, igqiza labacebisi neBONA nabashicileli bayo abanakubekwa tyala ngelahleko engafunyanwa ngumntu osebenzise iingcebiso zalo mhlathi.
