xhosa.758.avon
UKHUPHISWANO
U-AVON yenye yeenkampani ezithengisa izinto zokuthambisa eziphumeleleyo elizweni, kwaye ikuphathele okukodwa kule nyanga kaJulayi.
Indumasi kamabonakude uLesego Motsepe kutshanje wenziwe indwalutho esisithethi esitsha sakwa-Avon eMzantsi Afrika. Abakwa-Avon bazisa ngesiqholo sabo esitsha, i-Imari Seduction kule nyanga kaJulayi 2008.
"I-Imari Seduction sisiqholo esohlukileyo esinevumba elimnandi leziqhamo. Iyalunga xa uyifake emini, kanti ke nangokuhlwa ilunga ngakumbi kuba indenza ndizive ndinomtsalane. Ibhotile yayo iyabukeka, inombala opepile okhazimlayo oyenza ibukeke kwaye ifaneleke," utsho uLesego.
Ukuze uzivele ngokwakho i-Imari Seduction, ufumanise nangoluhlu olupheleleyo lweemveliso ze-Avon okanye ukuba ungenza njani ukuze ube ngomnye weqela labathengisi abaphumeleleyo bakwa-Avon, thetha nelungu lakwa-Avon elikufutshane kuwe, tsalela umnxeba abakwa-Avon ku-0860-10-23-45, okanye undwendwele iWebsite yabo ethi: www.avon.co.za
Indlela yokungenela
Zalisa ifom yokungenela ngokuphendula umbuzo olula, ubhale igama lakho, idilesi nenombolo yomnxeba ofumaneka kuyo emini, uyincamathelise kwiposkhadi uthumele ku: BONA/Avon Competition, Box 32067, Mobeni, 4060, okanye iSMS ethi AVON nempendulo ku-35919. (Inye iSMS ixabisa i-R3.) [x]
Esinye sezixa ezili-15 zakwa-Avon ezixabisa i-
R2 000 sisinye!
Zuza
IMITHETHO. 1. Olu khuphiswano luvuleleke nakubani na ngaphandle kwabasebenzi bakwaCaxton neentsapho zabo, abaxhasi balo neenkampani ezibhe-ngeza iimveliso zabo. 2. Isigqibo sabagwebi asinakuphikiswa kungasayi kubakho nambalelwano ngaso. 3. Amabhaso akanikwa omnye umntu okanye atshintshwe abe yimali. 4. Ngamangenelo akhutshwe kwimagazini athunyelwa ngeposi kuphela aya kwamkelwa. 5. Baya kuphulukana namabhaso abantu abangawalandanga kwade kwaphela iinyanga ezi-6.
IFOM YOKUNGENELA
Zalisa le fom uyithumele kwi: BONA/AVON Competition, Box 32067, Mobeni, 4060.
Igama: ...........................................................................
Idilesi: ...........................................................................
......................................... Ikhowudi: .........................
Umnxeba/Iselfowuni: ..................................................
(Sicela usinike inombolo ofumaneka kuyo emini.)
Umbuzo: Lithini igama lesiqholo sakwa-Avon esaziswayo"
Impendulo: .........................................................................
Umhla wokuvala: 31 Julayi 2008
