xhosa.754.lucky
BONA - December 2007
abangaphi
kubhale uJOHN GUMEDE
UKUBULAWA kukaLucky Dube kuxhwilo lwemoto oluphanzileyo ngomhla we-18 kuOktobha sesinye sezenzo zolwaphulo-mthetho ezimasikizi ezijoliswe kubemi beloMzantsi Afrika. Ngentsasa yaloo mini ndoda ithile yazama ukuxhwila imoto eyiveni yaza yabaleka idubula amapolisa ayeyileqa kufuphi nesikhululo samapolisa saseHillbrow. KwiCawe engaphambili abaxhwili beemoto badubula babulala ibhinqa elinama-59 eminyaka ubudala lisiya ecaweni ePietermaritzburg. Yathi yakutshayisa imoto yeli bhinqa badubula babulala elinye ibhinqa elalihamba ngemoto yalo. Nayo imoto yalo yatshayisa.
"Ndandingakhathali nokuba ndingafa ndikhusela abantwana bam," utsho umama waseGermiston onama-28 eminyaka owaxhwilwa imoto yakhe ngamadoda ayexhobe ngemipu ngethuba engena emzini wakhe ngoSeptemba walo nyaka.
Zazitshixiwe iingcango nto leyo yamnika ithuba lokuthath' usana lwakhe oluneenyanga ezili-18 waza wathi abanye abantwana bakhe ababini mabaphume emotweni. Walala phezu kwabo wabafukama okwesikhukukazi esinamantshontsho.
Imoto yakhe eyi-4x4 yafunyanwa kamva kumgama oyi-500m ukusuka emzini wakhe.
Ububhanxa
Zininzi iziganeko zolwaphulo-mthetho kwaye isiphelo sazo yintlungu engathethekiyo.
Ububhanxa apho bukhoyo ke busekubeni ekugqibeleni abaxhwili abayifumani naloo moto bebeyixhwila.
Iziphumo zophando olwenziwe unyaka wonke eziqulunqwe yinkampani ethengisa izindlu iRE/MAX ezikhutshwe ngoOktobha zibonisa ukuba umyinge we-52% weemoto ezixhwilwayo zixhwilwa phambi kwemizi. I-10% yeemoto zixhwilwa zipakiwe; i-7% yeemoto ixhwilwa ezirobhothini; i-5% ixhwilwa kwiindawo zoshishino; ukanti i-4% ixhwilwa isendleleni ngokuthi kunyanzeliswe abaqhubi ukuba baphume ezimotweni zabo.
Ezi ziphumo azohlukanga kwezikhutshwe ngoJulayi ezibonisa ukuba iziganeko ezingaphaya kwesiqingatha zokuxhwilwa kweemoto zenzeka xa abantu behamba okanye befika emizini yabo.
Kwisithuba esiphakathi kukaAprili 2006 noMatshi 2007 iGauteng iphala phambili ngeziganeko zokuxhwilwa kweemoto ezingama-6 951. I-KZN ilandele ngama-3 562.
Umbuzo esinawo ngulo, ingaba sinako ukuzikhusela kwizaphuli-mthetho"
Sinako, kodwa kufuneka oku...
Yazi ingxaki.
Ukuxhwilwa kweemoto yingxaki enkulu egquba kwihlabathi liphela kwaye kuhambisana nobundlobongela.
Ukuxhwila imoto kwenza uyifumane lula imoto ungayonakalisi kwaye ufumana nezitshixo zayo. Akufani nokuyivula ngocingo ipakiwe. Xa ixhoba lisemotweni liyakwazi ukuphuma libaleke.
Ukuxhwilwa kweemoto kuhamba nempalalo-gazi kwaye ingqondo yabaxhwili ayicingi njengeyabanye abantu...
Lwazi utshaba lwakho.
"Umntu okuhlaselayo ulivila, sisibhanxa, uzicingela yedwa kwaye unoburhalarhume. Ungazami ukuzenza igorha. Kaloku xa uxambulisana naye uza kukudubula," itsho ingcali yokuzikhusela uMark MacYoung.
Uthe nangona wena ubona uhlaselwa ungalindelanga, utshaba lwakho lona luzilungiselele.
UMacYoung uthe akukho lula ukukhawuleza utshintshe iingcinga zakho kuba xa uhlaselwa usendleleni eya ekhaya uzicingela ngesidlo sangokuhlwa uze xa uhlaselwa kufuneke ukhawulezise ukucinga indlela oza kuloyisa ngayo utshaba lwakho.
Zazi iindawo eziyingozi.
Njengoko sele sivile, iimoto zixhwilwa kakhulu xa ungena okanye uphuma emzini wakho. Okwesibini imoto ixhwilwa ungaphakathi kuyo kodwa xa umi ezirobhothini.
Kolu hlobo lokuxhwilwa, umxhwili ufika avul' ucango lwemoto yakho akutsale akukhuphele ngaphandle. Makhe sijonge iindlela zokuzikhusela kule meko...
Tshix' iingcango zemoto yakho.
Enye ingcali ithi ucango olutshixiweyo aluwathezi amandla omxhwili. "Kodwa wena kuyakunceda ungamboni sele ekukhuphela ngaphandle emotweni yakho!"
Bopha ibhanti.
Awuphumi lula emotweni xa umxhwili ekukhuphela ngaphandle. Xa ubophe ibhanti kwaye utshixe iingcango zemoto yakho uyamthintela umxhwili.
Shiya isithuba.
Amatyeli amaninzi imoto exhwilwayo ezirobhothini yemi ngaphambili kodwa nelandela leyo isesichengeni nto leyo ithetha ukuba umxhwili angakukhupha emotweni ibe sele isukile le emi phambi kwakho.
Shiya isithuba esikuvumelayo ukuba ubone amavili emoto ephambi kwakho ukuze ukwazi ukususa imoto xa kukho umntu ongamqondiyo.
Bazi ubungozi
Kungenzeka udutyulwe xa ubaleka. UMcYoung uthi uninzi lwabaxhwili abakuchani xa bekudubula kwaye "xa ukumgama othe qelele makhulu amathuba okuba akuphose." Kwakhona akukho lula ukudubula ephakathi kweemoto kuba woyika ukutshayiswa.
Uqhube wathi, "xa usendaweni ongakwaziyo ukuphuma kuyo abaxhwili bakudubula izihlandlo eziliqela uze ufe."
Kubabhetele xa udutyulwe ubaleka kuba uchanwa kube kanye.
Ukubaleka akukukhuphi ncam engozini kodwa kuyanceda.
Jonga yonk' indawo.
Xa umisa endleleni engena emzini wakho okanye xa usiya emotweni yakho jonga yonk' indawo.
Xa ubona umntu ongaqondakaliyo qhub' imoto yakho ugqithe emzini wakho.
Xa ukwindawo yokupaka qhubeka uhambe ungabonisi ukuba yiyiphi imoto yakho kuba umxhwili angayixhwila imoto yakho usazama ukuyidumisa.
Iingcali zithi xa uyilumkele indawo okuyo unciphisa amathuba okuxhwilwa kwemoto yakho nge-90%.
Lahla izitshixo zemoto.
Xa uhlaselwa ungaphandle kwemoto yakho, lahla izitshixo kwelinye icala uze ubalekele kweliny' icala.
"Loo nto yenza umxhwili abhideke ukuba akhethe ntoni phakathi kwakho nemoto. Kuza kubanzima ukuba ayithathe imoto kuba kufuneka aqale afune izitshixo. Xa eleqa wena kuyacaca ukuba akafuni moto, ufuna wena. Usengozini ke xa kunjalo," utsho uMacYoung.
Mnike loo nto ayifunayo.
Xa yonke le migudu ingaphumeleli kwaye wothukile, ungamxambulisi, ungazilweli okanye ube nenkani. Mnike izitshixo zemoto!
Okokugqibela...
Lumka, kukho enye into ebalulekileyo...
Ungavumi abaxhwili bakukhwelise ngenkani emotweni baye nawe apho ungaziyo.
Mancinci amathuba okusinda apho kwaye loo nto icacisa mhlophe ukuba bafuna ukukubulala qha. Ezinye iingcali zithi amathuba okusinda aba yi-3% kuphela.
Xa bekukhwelisa ngenkani emotweni, khabalaza, uzilwele kuba kufuneka ulwele ubomi bakho kungenjalo uza kufa. [x]
Kufuneka
kude kufe
abantu
Zikhusele kubaxhwili beemoto
BONA XHOSA - December 2007
u
ULucky Dube ubeyimvumi yeReggae ethandwayo kweloMzantsi Afrika ngeengoma zakhe ezifana nethi Prisoner, ethi Slave, ethi Taxman nethi Together As One ezathandwa kakhulu ngabantu ababecine-zelekile. Ngoku wongeze kwizibalo zabantu ababulawayo kweli. Ungomnye wabantu ababulawa zizikrelemnqa ezingenalusini..
t
BONA XHOSA - December 2007
Ungavumi abaxhwili bakukhwelise ngenkani emotweni
Ukufa kwegqala
Malunga nentsimbi yesi-8 ngokuhlwa kwangoLwesine umhla we-18 kuOktobha uLucky Dube wayeyoshiya unyana wakhe kwaninalume eRosettenville, kumazantsi eJoburg, kwaza kwathi gqi amadoda amabini esiza emotweni yakhe.
Owazibonela ngamehlo enyama uthi enye kula madoda yavul' ucango lwemoto yadubula uLucky Dube izihlandlo ezibini. UDube wazama ukuqhub' imoto kodwa woyisakala kukuyilawula yaza yatshayisa umthi. Waswelekela kuloo ndawo yexhwayelo.
UDube wazalelwa eErmelo eMpumalanga ngomhla wesi-3 kuAgasti, 1964, wakhupha icwecwe lakhe lokuqala lombhaqanga ngo-1979. Wakhupha amacwecwe amahlanu, emva koko wasifumana istayili somculo wakhe nendlela yokuphila eyatshintsh' indlela alibona ngayo ihlabathi - ireggae.
Waba yenye yeemvumi zeli ezithandwayo etsala abalandeli abangama-50 000 kwiikhonsathi zakhe kweli nakumazwe ehlabathi.
Unamacwecwe angama-22 awacula ngesiZulu, isiNgesi nesiBhulu - kwaye ubesoloko ebonwabisa abalandeli bakhe.
UDube ushiya umfazi wakhe, uZanele nabantwana abasixhenxe uBongi, uNonkululeko, uThokozani, uLaura, uSiyanda, uPhilani noMelokuhle oneenyanga ezintathu.
