xhosa.747.yourfamily_decor
Wulungisele ubusika umzi wakho
Yenza umzi wakho ufudumale kobu busika ngala macebiso alula
XA kubanda phandle sinxiba izinto ezifudumeleyo ukuze singagodoli. Sikhe sicinge nje ngokunxibisela ubusika imizi yethu"
Xa umzi wakho ukhanya yaye ungen' umoya uya kubanda ngaphakathi. Ngethamsanqa akukho mfuneko yokuba uvule enye i-akhawunti yefenitshala ukuze wenz' umzi wakho ufudumale ebusika!
Nazi iindlela ezintlanu zokwenza umzi wakho ufudumale kobu busika:
1 YOGQUM' UMGANGATHO WAKHO: Eli lixesha elihle lokwandlala iikhaphethi ezingqingqwa, ingakumbi xa unomgangatho oziithayile. Umbala wekhaphethi yakho uya kuxhomekeka ekubeni uthand' imibala enjani. Ezinemibala emdaka zezona zilungileyo xa zihambelana nefenitshala yakho - zona kulula nokuzicoca. Nokuba ikhaphethi ayogqumanga umgangatho wonke, iyanceda ukwenza indlu ibonakale ifudumele.
2 OKOKUZIFUDUMEZA: Iikhushini neebhayana (kwigumbi lokulala nelokuphumla) ziyanceda ukongeza imibala nokufudumalisa amagumbi omzi wakho. Xa ukhetha iikhushini xuba imibala namalaphu ohlukeneyo kwaye ukhethe iibhayana ezifana nekhushini.
Akunyanzelekanga ukuba ukhethe imibala emdaka kuba e-orenji neluhlaza ingakuvuselela yaye ilifanele eli xesha lonyaka.
3 MAYISONDELELANE: Ifenitshala esendlwini mayisondelelane ukuze kubonakale kufudumele.
4 LAYITA AMAKHANDLELA: Tshintsha ivumba lomzi wakho. Bayathanda abantu ukubanomzi onevumba kwaye iivenkile ezininzi zinezinto ezenza amavumba ohlukeneyo ekhaya. Imizekelo yaloo mavumba yicinnamon, ispiced pumpkin negingerbread.
5 IIFESTILE ZAKHO: Ukuba neekhethini ezingqingqwa kuwenza umzi wakho ubonakale ufudumele. Khupha iikhethini zevoil okanye eze-organza ufake ezevelvethi. Phofu ke oko kusebenza kumagumbi amakhulu! [x]
Umlungisi: Pamella-Rose Mlandu. Umfoti: Roelene Prinsloo
UMZI WAKHO
Iikha-phethi ezingqi-ngqwa ziya kuwe-nza umzi wakho ubukeke ufudu-mele
Ngaphambili
