xhosa.745.filler
Yokunyanga izilonda zokutsha
Mihla le sijongana nengozi yokutsha emakhaya. Ngaba simelana njani ke nako"
IZIPHUMO zokutsha zingangabi zibi kakhulu de zikubulale. Ukutsha akubi kubi kakhulu xa kutshe umaleko ongaphezulu wolusu; ukanti sukuba utshe kakhulu xa kutshe bonke oomaleko bolusu.
Xa ungatshanga kakhulu, khupha izihombo okanye impahla ekwindawo otshe kuyo ingekadumbi. Yigalele ngamanzi abandayo indawo otshe kuyo xa unako. Yifake emanzini abandayo imizuzu engama-20 ukuze uthomalalise iintlungu nokudumba. Yikhuphe imizuzu eli-10, uphinde uyibuyisele kwakhona.
Xa uphuma amadyunguza, ungawachambuzi kuba oko kukubeka esichengeni sosuleleko. Xa idyunguza lizichambukela, lihlambe ngamanzi acocekileyo nesepha, thambisa iyeza lezilonda uze usogqume ngebhandeji ecocekileyo.
Ibhandeji yitshintshe yonk' imihla, xa isilonda sinosulelo yiya eklinikhi okanye kwagqirha.
Xa amehlo akho exholwe lichiza elithile wahlambe ngoko nangoko ngamanzi abandayo acocekileyo. Wogqume ngelaphu elicocekileyo uze uye
eklinikhi okanye kwagqirha.
Ukutshiswa ngamachiza alumayo kufuna ingqwalasela engxamisekileyo. Khulula zonke iimpahla ezichithelwe lichiza, uyihlambe ngamanzi abandayo indawo ethelwe lichiza.
Jonga amacebiso okwenza uncedo lokuqala kumbhalo wechiza. Xa kukho imfuneko yiya kwagqirha.
Kuxhaphakile ukutshiswa ngumbane kwaye xa ukutshisile kufuneka uye kwagqirha ngoko nangoko.
Xa kusitsha impahla umntu ayinxibileyo engekho manzi - cima amadangatye ngedyasi okanye ingubo.
Beka ingubo ngaphambili ukuze uzikhusele uze umthi wambu ngayo.
Mlalise phantsi, icala elitshayo lijonge phezulu ukuze acime amadangatye.
Xa ekho amanzi ongacima ngawo umlilo, ungawaphosi wagalele kuba ukubetheka kwawo kuya kuwasasaza amadangatye. Mkhulule impahla engakhululeka lula, ungayikhululi etshe yancamathela kuye. Mse esibhdlele ngoko nangoko.
Xa ungaqinisekanga ukuba umntu utshe kangakanani, mse esibhedlele. [x]
BONA XHOSA - August 2007
Indlela...
Ungaze!
u ...ubeke umkhenkce
kwindawo etshileyo kuba oko kungenza umonakalo kulusu.
u ...uthambise ngebhotolo indawo etshileyo. Oko kungafaka iiprotini ezingeyomfuneko esilondeni.
u ...wogqume indawo etshileyo ngomqhaphu. Uya
kuncamathela esilondeni
size sibebuhlungu
kakhulu.
BONA - August 2007
